1. Ukubalwa kwestokhwe (ifanitshala nezixhobo zokusebenza) kuqale kwii-ofisi zeSebe iWCED kwaye kuya kuqhubeka kude kube yi-24 kaNovemba 2006.
2. Umboneleli-nkonzo, uNgubane & Company, uya kundwendwela ii-ofisi zenu aze abale istokhwe, afake iilebhile kuzo zonke izixhobo zokusebenza ezingazanga zaphawulwa ngethuba lokubalwa kwestokhwe kwixa eligqithileyo okanye ezo zixhobo zithengwe emva kokuba kuphawulwe izinto ngophawu "RSA".
3. Kucelwa uqinisekise ukuba:
3.1 kutyunjwa igosa elinako ukuncedisa umboneleli-nkonzo ekunikeni ingcaciso malunga nemiba ekungaqinisekwanga ngayo neliya kwenza amalungiselelo okuba kungenwe ezi-ofisini (ngaphandle ko- Ndlunkulu).
3.2 umboneleli-nkonzo uyavunyelwa ukuba afikelele kuwo onke amagumbi nakuzo zonke iindawo
3.3 izitshixo zee-ofisi ezitshixiweyo (ezo zabasebenzi abasekhefini okanye abangekho ofisini) ziyafunyanwa ukuze zibekho
3.4 izinto ezigcinwa kwiikhabhinethi okanye kwiikhabhathi mazibekho ukuze zingqinwe ze ziphawulwe
3.5 zonke iilephutophu (laptops), iikhamera, iikhompyutha njl.njl. ezinikwe amagosa ziyafumaneka ukulungiselela injongo yokubalwa.
3.6 zonke izinto eziyiprophathi yomntu ezise-ofisini mazilebhelishwe "PRIVATE PROPERTY" kwicala lasekunene ukwenzela ukuba ezo zinto zingafakwa ibhakhowudi zize zifakwe kwi-inventri
3.7 yonke ifanitshala engasetyenziswayo (engasebenziyo neyaphukileyo) nezixhobo, maziphawulwe ngokucacileyo
3.8 Makunikwe ithuba leeyure eziyi-24 emva kokufakwa kwebhakhowudi ukwenzela ukuba ibe nokuncamathela kulo nto ifakwe kuyo ukuthintela ukulahleka kwebhakhowudi.
3.9 Ifanitshala nezixhobo zokusebenza mazingasuswa ukusuka kwenye i-ofisi zisiwe kwenye kungakhange kuxelelwe igosa elilawula ii-asethi ngexesha lokubalwa kwestokhwe
3.10 uluhlu lwefanitshala nezixhobo zokusebenza ezikhutshwe e-ofisini zasiwa kwenye i-ofisi ngexesha lokubalwa kwestokhwe ngoJanuwari 2006 malube nokufunyanwa ngumboneleli-nkonzo
4. Bonke abaphathi baya kufumana uxwebhu oluprintiweyo olubonisa izinto zestokhwe zazo zonke ii-ofisi eziphantsi kolawulo lwabo uze bacelwe ukuba basayine kwithuba leeyure eziyi-48 emveni kokufumana uxwebhu. (Nakuphi na ukususwa kwefanitshala nezixhobo zokusebenza emva kweli thuba makuboniswe kwifom yokurekhoda ukususwa kwefanitshala nezixhobo zokusebenza (movement form) (khangela kwiSetyhula 28/2005 yomhla we-25 Meyi 2005).
5. uxwebhu olusayiniweyo oluyintsusa lwe-inventri luxhonywa emva kocango kwindawo nganye
6. ikopi esayiniweyo ye-inventri iyafayilishwa ukuze enye ikopi igqithiselwe kwi-ofisi ezityunjiweyo/candelo. Le nkqubo iyakonganyelwa ngumphathi asethi.
7. Nayiphi na imibuzo ngokukule ngcaciso emfutshane mayibhekiswe kwaba bantu balandelayo:
Mnu D Scholtz 021 467 2799
Mnu D Jacobs  021 467 2012
8. Sovuyiswa yintsebenziswano yenu.


ISAYINWE: NGU-W.L. CARELSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:10:25