1. Ezi nguqu zilandelayo zenziwe kwi-IMS ukuze le nkqubo isebenziseke lula nangaphezulu.

1.1 UKUDLULISELWA KWEMICIMBI KWAMANYE AMACANDELO

Ngaphambili i-IMS ibibonelela ngokubhaliswa kwegosa elinye kuphela elongamela le nkqubo kwicandelwana ngalinye. Ibileli gosa longameleyo kuphela umntu obevumelekile ukudlulisela imicimbi kwigosa elinoxanduva loko (igosa emalisombulule ingxaki) kwicandelo lalo, okanye kwelinye icandelwana. Kuye kwafumaniseka ukuba oku kudodobalisa ukusebenza kakuhle kwe-IMS. Iye ke ngoko yaphuculwa ukwenzela ukuba bonke abayisebenzisayo badlulisele imicimbi yecandelwana kwalapho ngaphakathi kwicandelwana labo okanye kwelinye icandelwana. Oku kuya kunciphisa uxinzelelo olufunyanwa ngamagosa alawula le nkqubo kumacandelwana awo.


1.2 UKWAHLULWA PHAKATHI KOMCIMBI

Kuye kufunyanwe iqela lezicelo xa kufakwe (kulogishwe) umcimbi kwi-IMS ezifuna ukuba umcimbi lowo uthathelwe ingqalelo ngamacandelwana amabini okanye angaphezu koko ukuze akwazi ukuwufunda enze neekhomenti ngawo. Ngako oko ke le nkqubo iye yaphuculwa ukuze ivumele lowo uyisebenzisayo ukuba akwazi ukufikelela kumcimbi othile, nangona ungafakwanga (ungalogishwanga) kwicandelwana lakhe. Le nkqubo iphuculweyo iya kwenza kwakhona ukuba umsebenzisi wayo akwazi ukulandelela inkqubela eseyenziwe kuloo mcimbi: umz. ngokumalunga neerikhwizishini ezifakwe (ezilogishwe) kwiCandelo loLawulo loQhagamshelwano naBathengisi (Supply Chain Management). IGosa eliyiNtloko loSetyenziso lwe-IMS liya kuba nako kwakhona ukuyibeka esweni inkqubela yeentlawulo esezenziwe.


2. Okuqhotyoshelweyo apha luxwebhu olubonisa noluchaza, ngokusebenzisa iiprinti zesikrini, indlela yokudlulisela umcimbi, ukuwahlula phakathi nokunika elinye icandelwana indlela yokufikelela kuloo mcimbi.
3. Sekude kwasisiqhelo ukudlulisa imicimbi emalunga nokuphethwa komba othile kuphela kwiNkqubo yokuLandelelwa kweMicimbi eNgenisiweyo (Issue Management System) (IMS), kungekho miyalelo ibhaliweyo emalunga noku ebonisiweyo kumaxwebhu akule fayile. Makukhunjulwe ukuba ayingawo onke amagosa aziyo kwaye nanokufikelela kuyo yonke imicimbi ephethweyo, ngako oko ke akanako ukubona imiyalelo ekwi-IMS. Ngenxa yesi sizathu kufuneka kunikwe imiyalelo ebhaliweyo kolo xwebhu luthile luqwalaselwayo.
4. Nayiphi imibuzo ephathelele kokubhalwe kule i-imeyili mayibhekiswe kwaba
Marlene Erasmus Ifoni: 021 467 2765 
ye-imeyili:merasmus@pgwc.gov.za	 
Charmaine Currie Ifoni: 021 467 2757 
ye-imeyili:ccurrie@pgwc.gov.za
5. Iya kuthakazelelwa intsebenziswano yenu malunga noku.


ISAYINWE: NGU-W.L. CARELSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:10:03

Isihlomelo  (ubukhulu: 234 KB)