1. Kufuneka ngokweyona mfuno esezantsi emiselweyo ukuba zonke iithenda mazipapashwe kwiBhulethini yeeThenda zikaRhulumente (Government Tender Bulletin). Le bhulethini ishicilelwa yi-Government Printer kwaye ikhutshwa qho ngabo bonke ooLwesihlanu. Kucelwa amasebe ukuba ancede afake izicelo zawo zopapasho ubuncinane ngoLwesine owandulela umhla wokukhutshwa kwebhulethini.
2. Isebe ngalinye linoxanduva lokuhlawula iindleko zopapasho lwalo. ABaphathi abaJongene neStokhwe (Responsibility Managers) bayacelwa ke ngoko ukuba bangenise ifom yerikhwizishini eyongezelelweyo (Log 1) xa besenza isicelo sokubiza iithenda zeempahla okanye zenkonzo ethile. Le rikhwizishini mayibonise kwikholam yokunika inkcazo yamagama “Ukufakwa kwesaziso kwiBhulethini yeeThenda zikaRhulumente” (kunye nenkcazo yethenda leyo) (“Placement of advertisement in the Government Tender Bulletin”) (plus the description of the tender). Makufakwe ifom PGWC 002 eyahlukileyo, kuze kusetyenziswe olu hlobo lumiselweyo lokwabiwa kwemali lulandelayo:
Fund:            Voted Funds
Objective:       As applicable
Responsibility:  As Applicable
Project:         No Project
Item:            Advert Tenders

Amaxabiso amiselweyo ngoku eGovernment Printer yi-R2 125 iphepha ngalinye eliyi-A4 ne-R85.00 isentimitha nganye.

3. ICandelo laMalungiselelo oKwenziwa kweeNkonzo liya kuzihlawula iindleko zopapasho nje ukuba i-invoyisi eqinisekisiweyo ifumaneke kwiGovernment Printer. Mayiqondakale into yokuba ngaphandle kokuba irikhwizishini yesaziso sethenda ifunyenwe, iCandelo laMalungiselelo oKwenziwa kweeNkonzo aliyi kuqhubeka nesicelo sokupapasha isaziso eso.
4. Iya kuthakazelelwa intsebenziswano yakho ngokumalunga noku.


ISAYINWE: NGU-W.L. CARELSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:06:28