1. Ngokwemigaqo yoMthetho weNkonzo yee-Akhayivu neeRekhodi zeSizwe waseMzantsi Afrika, ka-1996 (uMthetho 43/1996) (National Archives and Records Service of South Africa Act, 1996), (Act 43/1996), njengoko ufakelwe izilungiso, nangokwemimiselo eyathi yabhengezwa ngokunxulumene noko, amaziko karhulumente angacinga ngokugcina iirekhodi zawo kwizakhiwo ezingeyonxalenye yendawo ekusetyenzelwa kuyo.
2. INkonzo yee-Akhayivu zeSizwe yaseMzantsi Afrika icele ukuba onke amaziko akakhunjuzwe ngalo mgaqo-nkqubo omalunga nokugcina kweerekhodi kwizakhiwo ekungasetyenzelwa kuzo ekufuneka onke amaziko karhulumente awuthobele, xa ecinga ngokugcina iirekhodi zawo kwisakhiwo esinjalo.
3. Uyacelwa ukuba ulandele ngqo lo mgaqo-nkqubo (policy) kunye nenkqubo (procedure) (isiSihlomelo A), malunga nokugcinwa kweerekhodi zeWCED kwizakhiwo ezingeyonxalenye yendawo ekusetyenzelwa kuyo. Ukulungiselela ezi njongo, ii-ofisi zokuncedisa ekugcineni iimpahla (satellite offices) ziya kuthathwa njengezakhiwo ezingeyonxalenye yendawo ekusetyenzelwa kuyo.
4. Iyagxininiswa into yokuba zonke izicelo zokugcinwa kweerekhodi kwizakhiwo ezingeyonxalenye yendawo ekusetyenzelwa kuyo, mazingeniswe kuMnu JT Solomons, ngenjongo yokuba ziqwalaselwe kwakhona, kule dilesi isekupheleni kwephepha apha ngasezantsi.
5. Nayiphi na imibuzo ephathelele kokubhalwe kule ngcaciso imfutshane inokubhekiswa kwaba
Nks ME Erasmus  021 467 2765
Nks M Fick      021 467 2758
6. Okubhalwe kule ngcaciso imfutshane makwaziswe bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-W.L. CARELSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:04:13

Isihlomelo A  (ubukhulu: 14 KB)