1. Ngokomhlathi 4 nowesi-5 weNgcaciso eMfutshane: LS 0017/2001 yomhla we-17 Oktobha 2001, iNtloko yeSebe leMfundo, njengeGosa leNgcaciso eliliSekela leSebe leMfundo leNtshona Koloni (Deputy Information Officer) ((WCED)), iye yacela ukuba bonke abalawuli abaziintloko bamisele usekela mlawuli njengegosa elijongene nezicelo zenkonzo yoluntu elikhulu (senior request officers) kumacandelo ngamanye omlawuli oyintloko nawabalawuli ukuba amisele umlawuli oncedisayo (assistant director) kwicandelo ngalinye njengegosa elijongene nezicelo zenkonzo yoluntu (request officer), ngokulandelelanayo, ngenjongo yokujongana nezi zicelo ngokoMthetho okhankanywe ngentla.
2. Ngenxa yokuyeka/unyuselo-zikhundleni olwenzeka kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni kuye kwayimfuneko ukuba kuhlaziywe olu luhlu lukhoyo lwaMagosa ajongene nezicelo zenkonzo yoluntu amakhulu kunye naMagosa ajongene nezicelo zenkonzo yoluntu (Senior Request Officers and Request Officers).
3. Okuqhutyoshelwe apha, ngoko ke, luluhlu olufakelwe ingcaciso entsha lwamagama aMagosa ajongene nezicelo zenkonzo yoluntu amakhulu kwicandelo ngalinye ukuzifumanela ingcaciso.
4. Le Ngcaciso iMfutshane yeCandelo leNkonzo yoLuntu iya kufundwa kunye neSetyhula yeXeshana : LS 0071/2001 (Circular Minute: LS 007/2001) yomhla we-17 Oktobha 2001.


ISAYINWE: NGU-W.L. CARELSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:04:03

List of Information Officers  (ubukhulu: 5 KB)