2. |
Aba baphathi bajongene nokuthengwa kwempahla bathi emva koko bangenisa ezinye iirhikhwizishini nakuba babesazi ukuba akunakuqinisekiswa ukuziswa kunye nokuhlawulwa kwempahla nezixhobo zomsebenzi ungagqithanga owe-31 Matshi 2006.
|
3. |
Kusele iinyanga ezintathu kulhela phambi kokuba kuphele unyaka-mali kwaye ngelishwa akukho zirhikhwizishini zizezinye ziya kwamkelwa ngoku. Ukuziswa nokuhlawulwa kwempahla nezixhobo zomsebenzi akunakwenzeka ngeli thutyana lincinane likhoyo ngoku. Ngako oko niyacelwa ukuba nizingenise iirikhwizishini zenu ngo-Apreli 2006.
|
4. |
Abaphathi beeprogram nabo bayaziswa kwangokufanayo ukuba iCandelo laMalungiselelo oKwenziwa kweeNkonzo sele ligqibezela iintlawulo zeemali ezabelwe amaziko emfundo (transfer payments) esele zisaziwa yaye akukho zigunyaziso zeentlawulo-mali ziya kuphinde zisingathwe, ngaphandle kokuba lowo ucelayo ukhupha kwakhona imali yokuhlawula ezo ndleko zongezelelekayo ezibangelwe kukwandiswa komsebenzi.
|
5. |
Siyanibulela ngentsebenziswano yenu. |
ISAYINWE: NGU-L.J. ELY
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:03:09
|