1. KwiNgcaciso eMfutshane yeCandelo lezoBudlelwane eMisebenzini 0004/2006 nanazisiwe ukuba uMgaqo-siseko weBhunga lezeMfundo lezoBudlelwane eMisebenzini (Education Labour Relations Council) (ELRC) wafakelwa izilungiso siSigqibo 1 sika-2006 neMibutho yaBasebenzi abakwi-ELRC (Collective Agreement 1 of 2006) (iSigqibo), nesaqala ukusebenza ukususela nge-1 Meyi 2006.
2. Imfuneko yokwandiswa kwelona nani lisezantsi lamkelekileyo (Threshold requirement)
2.1 Esinye sezilungiso kumgaqo-siseko kukuba iikhrayitheriya zokwamkelwa kwamaqela abaqeshwa kwi-ELRC zitshintshiwe. Imfuneko yelona nani lisezantsi lamkelekileyo lamalungu angama-20 000 landisiwe ngoku ukuba libe ngamalungu angama-50 000 ngokumalunga nokufunwayo ukuze abhaliswe kwi-ELRC.
2.2 Eli nani lisezantsi lamkelekileyo lichazwe apha ngasentla lenze ukuba kube lula kwezinye iimanyano zabasebenzi ukusebenzisana ukuze zikwazi ukwamkelwa kwi-ELRC. Amaqela amabini alolu hlobo eManyano eHlangeneyo (Combined Trade Union (CTU)) aye ngenxa yeso sizathu amkelwa kwi-ELRC ngala alandelayo:
2.2.1 CTU South African Democratic Teachers’ Union (SADTU): Eli qela lithathe igama elingu-SADTU kwaye linala maqela eemanyano alandelayo:
(a) SADTU
(b) Cape Teacher’s Professional Association (CTPA)
2.2.2 CTU Suid-Afrikaanse Onderwysersunie (SAOU): Eli qela lithathe igama elingu-SAOU kwaye linala maqela eemanyano alandelayo:
(a) Association of Professional Educators of KwaZulu-Natal (APEK).
(b Free State Teacher’s Association (OFSATA).
(c) Health and Other Service Personnel Trade Union of South Africa (HOSPERSA).
(d) National Teacher’s Union (NATU).
(e) National Union of Educators (NUE)
(f) Professional Educators’ Union (PEU).
(g) Public Servants’ Association (PSA).
(h) Suid-Afrikaanse Onderwysersunie (SAOU).
(i) South African Union for Vocational and Specialised Education (SAUVSE).
(j) Union of South African Professional Educators (USAPE).
2.3 La maqela mabini e-CTU akhankanywe apha ngasentla athe ngenxa yoko ayinxalenye yeqela lothetha-thethwano lephondo le-ELRC (iPELRC).
3. Ukuzaliswa kwezithuba zengqesho
3.1 Esi Sigqibo sikwachaphazela inkqubo emiselweyo yokuzaliswa kwezithuba zengqesho yeSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED).
3.2 Umhlathi 7 wesandulela kuLuhlu lweZithuba zeNgqesho zeWCED 1/2006 ubonelela oku kulandelayo:
3.2.1 Iimanyano zabasebenzi mazaziswe kwiintsuku ezintlanu zomsebenzi (5) kwangaphambi kwexesha ngomhla, ixesha nendawo
(a) yokuvulwa kweemvulophu ezinezicelo zomsebenzi nokufakwa kuluhlu olufutshane kwabagqatswa.
(b) yodliwano-ndlebe nabagqatswa.
3.2.2 Iimvulophu ezinezicelo zomsebenzi mazivulwe kuphela xa kukho abameli beemanyano zootitshala.
3.3 Ngenxa yezi nguqu kumgaqo-nkqubo sele zichaziwe, kuphela ngamaqela amabini (2) eCTU emakuqhagamshelwane nawo ukuze kuhanjwe ngqo ngokweemfuno esele zikhankanyiwe.
3.4 Kungaqhagamshelwana ne-ofisi yephondo (secretariat) yamaqela eCTU akwi-PELRC kwezi dilesi nakwezi nombolo zefoni nefeksi zilandelayo:
SADTU: 33 Tallent Street, PAROW, 7500
Tel.: 021 930 8458/8565
Fax: 021 930 8497
SAOU: 6 Park Road, RONDEBOSCH, 7700 Tel.: 021 686 8521 Fax: 021 689 2998
4. Kucelwa wazise okukule setyhula bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-G.J. ELLIOTT
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:06:23