1. Umgaqo-nkqubo weBhunga lezeMfundo lezoBudlelane emSebenzini (Education Labour Relations Council) (ELRC) uye wafakelwa izilungiso yiMvumelwano 1 yoThetha-thethwano neMibutho yaBasebenzi ka-2006 (Collective Agreement 1 of 2006) eqala ukusebenza ngomhla woku-1 Meyi 2006.
2. Iinkalo ofikelela kuzo lo mgaqo-nkqubo
2.1 Lo mgaqo-siseko ofakelwe izilungiso wenza isibonelelo kuMhlathana 14.3 (Clause 14.3) weSihlomelo B (oqhotyoshelweyo) sokuba ubani avakalise ukuba kukho imbambano (dispute) esusela kuso nasiphi na isenzo okanye impazamo eyenziwe libhunga lolawulo lesikolo ngolunxulumene nengqesho (appointment), unyuselo-sikhundleni (promotion) okanye ukutshintshelwa kwezinye iindawo kootitshala (transfers).
2.2 Ngokumalunga noku, umgaqo omiselweyo kuMhlathana 14.3 (Clause 14.3) usebenza kuphela kwimbambano esusela kwiSiqendu 6(3) soMthetho weNgqesho yooTitshala (uMthetho No 76 ka-1998) (Section 6(3) of the Employment of Educators Act) ((Act No. 76 of 1998)).
3. Amaxesha asikelwe ukuvakalisa imbambano
3.1 Le Mvumelwano kwakhona iza namaxesha amatsha asikiweyo.
3.2 Iimbambano eziphathelele ekuqeshweni, kunyuselo-sikhundleni okanye ekutshintshweni kwabaqeshwa basiwe kwezinye iindawo (transfers) mazifakwe kuNobhala Jikelele we-ELRC zingadlulanga iintsuku ezingama-30 azile okanye azisiwe malunga nomcimbi obangele imbambano ngokoMhlathana 16.1.3 weSihlomelo B (esiqhotyoshelweyo).
3.3 Nakuba kunjalo, ukuba umqeshwa ufaka isikhalazo (grievance) kuqala, kodwa aze kamva anqwenele ukufaka kwakunye nembambano (dispute), loo mbambano mayifakwe zingadlulanga iintsuku ezingama-30 umqeshwa lowo eyekile ukuqhubeka nenkqubo yovakaliso lwezikhalazo (grievance procedure).
3.4 Akanako umqeshwa ukuthi kuvele imbambano efuna kulandelwe kuqala inkqubo yangaphakathi yezikhalazo (internal grievance procedure), de igqitywe loo nkqubo, ngaphandle kokuba akubangakho siphumo kwiintsuku ezingama-45 sifakiwe isikhalazo.
4. Okuqhotyoshelwe apha sisicatshulwa osithunyelelwayo nesithathwe kwiMvumelwano (Agreement) esinezi ndawo zichaphazelekayo zeMihlathi 14.3 nowe-16.1 yeSihlomelo B salo mgaqo-siseko we-ELRC ufakelwe izilungiso.
5. Okubhalwe kule ngcaciso imfutshane makwaziswe bonke ootitshala kunye namabhunga olawulo lwezikolo.


ISAYINWE: NGU-G.J. ELLIOTT
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:07:06

Isihlomelo B  (ubukhulu: 10 KB)