Xa isikolo sikhethelwe ukuba sibandakanywe kwiProgram kaKhanya, enye kwizinto zokuqala ekufuneka zenziwe kukuqinisekisa iimfuno zekharityhulam nezinto zokuqala isikolo esiya kugxininisa kuzo size ke sikhethe i-software yokuxhasa ezo mfuno. Ukukhethwa kwe-software kuxhomekeke kwakhona kwezi zinto zilandelayo:

1. Kuphela ziziveliso ze-software ezikuluhlu oluvunyiweyo liSebe iWCED lweziveliso ze-software yokufundisa, ezingathathelwa ingqalelo ukuba zithengwe ngemali efunyenwe kwiSebe iWCED. Olu luhlu luqulunqwe liCandelo loPhuhliso lweKharityhulam, ngokubambisana nabasebenzi bophando nophuhliso beCandelo loMlawuli oyiNtloko le-e-Innovation kwiSebe leNkulumbuso (abasingethe imibandela yezobugcisa ephathelele ekufakweni kweekhompyutha nguKhanya). Olu luhlu luyatshintsha amaxesha ngamaxesha, xa kuvavanywa iziveliso ezitsha, yaye luya kufakwa kwiziko lewebhu leSebe iWCED apha http://curriculum.wcape.school.za/.
2. Izikolo ziya kuba nethuba lenyanga enye yokwenza uphando ngeziveliso ze-software ezahlukeneyo ezithengiswayo, nokuba ngaba kungokucela abathengisi ukuba baze kuchaza kwaye bazibonise iziveliso ezo okanye nokuba kungokuthetha-thethana nezinye izikolo esele zizisebenzisa ezo ziveliso. Bangancedisa aba, umphathi kaKhanya, ADESSA ( http://www.adessa.org.za ), iCandelo loPhuhliso lweKharityhulam okanye ezinye izikolo ekucebiseni malunga nokuba yeyiphi i-software ekhoyo nefanelekileyo ukulungiselela iinjongo zekharityhulam. Olu xwebhu Guidelines for ICT Integration with NCS Subjects in Grades 10-12 lwathunyelwa kuzo zonke izikolo kunyaka ophelileyo kwaye luyafumaneka kweli ziko lewebhu leSebe iWCED apha http://curriculum.wcape.school.za/.  Uxwebhu olusisikhokelo olufana nolu luya kuveliswa ngo-2007 ukwenzela i-GET. Kufuneka ootitshala bathathe inxaxheba ekukhethweni kwe-software yeenkalo zezifundo zabo neyezifundo zabo.
3. Ngexesha lothetha-thethwano phakathi kwenqununu yesikolo kunye nomphathi weprojekthi kaKhanya ochaphazelekayo malunga nokuphunyezwa kwe-ICT esikolweni, kuya kuthathwa isigqibo kwakhona sokuba ngubani na oya kuhlawula iindleko zeziphi na izinto, kwakunye neze-software ekhethiweyo. Kuya kuthathwa nesigqibo malunga neziveliso ze-software zokufundisa eziya kuba zezona zifaneleke kakhulu kwiimfuno zokuqala zesikolo. Esi sigqibo masibhalwe kwimizuzu yentlanganiso yebhunga lolawulo lesikolo apho isigqibo siya kungqinwa khona.
4. Zonke ezi zigqibo zidweliswe apha ngentla ziya kufakwa kwisicwangciso seprojekthi yokusekwa kweziko leekhompyutha esikolweni. Esi sicwangciso seprojekthi, nemasisayinwe ngabo bonke abanamagunya abachaphazelekayo, siya kuthi ke ngoko sibe sisiseko ekuya kususelwa kuso xa kufakwa izibonelelo zeekhompyutha esikolweni.
5. Nakuphi na ukuthengwa kweziveliso ze-software okuya kulandela emva koko kuya kwenziwa sisikolo ngokwengqiqo yaso. Oku kungahlawulelwa imali sisikolo ngokusebenzisa isabelo ngokweMigaqo neMimiselo yoKwabelwa iZikolo iMali (Norms and Standards Funding for Schools), kuloo meko ke kufuneka kukhethwe i-software kuluhlu lwe-software oluvunyiweyo. I-software engekho kuluhlu oluvunyiweyo ingathengwa nokuba sisikolo okanye ngomnye umntu owenza isipho kuso.
6. Izikolo ezisebenzisa okanye ezaziyo ngeziveliso ze-software yokufundisa engafakwanga kuluhlu oluvunyiweyo, kucelwa ukuba zithumele nge-imeyili igama nompapashi wayo kunye nayo nayiphi na enye ingcaciso efanelekileyo kwiCandelo loPhuhliso lweKharityhulam, ngenjongo yokuba ivavanywe nokuba mhlawumbi ifakwe kuluhlu oluvunyiweyo. Umntu emakuqhagamshe-lwane naye malunga noku nguNks A Lowenherz apha alowen@pgwc.gov.za


ISAYINWE: NGU-R.B. SWARTZ
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:11:22