1. Iilayibrari zizitshixo zothungelwano kwihlabathi jikelele nezenza sikwazi ukufikelela kulwazi nakwingcaciso. Ngoko ke kubalulekile ukuba iilayibrari zezikolo zibe ngawona maziko okwenene emithombo yolwazi nokuba ukubaluleka kweelayibrari zezikolo kwaziwe luluntu ngokubanzi.
2. Ngo-1999 i-International Association of School Libriarianship (IASL), yabhengeza uMvulo wesine ku-Oktobha njengoSuku lonyaka lweLayibrari yeSikolo lwaMazwe ngaMazwe (International School Library Day (ISLD)). Ukususela ngoko olu suku luye lubhiyozelwe kumazwe amaninzi ngeendlela ezahlukeneyo. Kulo nyaka olu suku lubhiyozelwa ngoMvulo we-23 Oktobha 2006, kwaye umxholo walo nyaka uthi "Ukufunda. Ukwazi. Ukwenza" ("Reading. Knowing. Doing").
3. Olu suku maluthathwe njengosuku lokuqaphela ukubaluleka kwendima edlalwa ziilayibrari nokubaluleka kwazo ekufundeni kubomi bonke bomntu (lifelong learning), o.k.t. ukubonelela ngeencwadi nezincedisi zokuxhasa ukufunda nokufundisa zabafundi nootitshala (LTSM) ezibaluleke kakhulu kwinkqubo yemfundo iphela. Uphando lwamazwe ngamazwe lubonise ukuba abafundi baphumelela ngezinga eliphezulu kwaye baba ngabafundi abanolwazi xa besebenzisa ilayibrari yesikolo eneencwadi nezinye izibonelelo ezisemgangathweni, kubandakanywa neencwadi abafundi abathanda ukuzifunda kunye neeprogram zokuxhasa ngamandla ulwazi lokufunda nokubhala.
4. Njengesicwangciso phantsi kwezo zokukhuthaza ukufikelela kwingcaciso, isiCwangciso soPhuhliso lweZakhono zoLuntu saseNtshona Koloni (2006) (WCED's Human Capital Development Strategy for the Western Cape) (2006), sicacisa, phakathi kwezinye izinto, ukuba kuya kwakhiwe amaziko angoovimba bolwazi neelayibrari kwisikolo ngasinye ukuze kubonelelwe ngeendidi ezininzi zeencwadi nezincedisi zokuxhasa ukufunda nokufundisa (LTSM) nangolawulo lwazo ngempumelelo, nokuhlanganisa iiprogram zolwazi lokufunda nokubhala ukunika inkxaso ukufundisa nokufunda.
5. Ezinye zezizathu zokuba izikolo zibhiyozele olu suku lwelayibrari yesikolo lwamazwe ngamazwe:
  • Ukudibanisa iilayibrari zezikolo nonoolayibrari bezikolo kwihlabathi liphela ukuze kuqatshelwe ukubaluleka kwezinto ezinokwenziwa ziilayibrari nezo zizenzayo ngokunxulumene nophuhliso lwesizwe

  • Ukugxininisa indima edlalwa ziilayibrari zezikolo kwimfundo yomfundi ukususela kwisikolo sabaqalayo (pre-school) ukuya kutsho kwi-FET

  • Ukwabelana ngezimvo, amalinge neenkqubo ezintsha ukuze abo bathatha inxaxheba kwiilayibrari zezikolo, kubandakanywa nootitshala kuzo zonke iinkalo zezifundo, bakwazi ukufunda omnye komnye

  • Ukuqaphela igalelo elenziwa ngoonolayibrari koogxa babo nakubahlali.

6. IsiHlomelo A esiqhotyoshelweyo sicebisa ezinye zeendlela izikolo zeSebe leMfundo leNtshona Koloni ezinokubhiyozela ngazo uSuku lweLayibrari yeSikolo lwaMazwe ngaMazwe ngomhla we-23 Oktobha 2006.


ISAYINWE: NGU-M.J. CHILES
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:10:03

Isihlomelo A  (ubukhulu: 39 KB)