1. Imibhiyozo yoSuku lweeNcwadi kwiHlabathi liphela eyasungulwa ngu-UNESCO iba ngomhla we-23 Apreli minyaka le, ekungumhla wokuzalwa kukaWilliam Shakespeare. Kodwa ke njengoko kulo nyaka olu suku lungeCawa, kucetyiswa ukuba izikolo zeSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) zilubhiyozele olu Suku lweeNcwadi kwiHlabathi liphela ngoMvulo we-24 Apreli 2006.
2. Umxholo wolu suku uthi, ZIYATHETHA IINCWADI: UMAMELE NA? ubonisa ukubaluleka kwezakhono zokufunda kwimfundo yobomi bonke, ekukhuleni kwengqondo nakwimpilontle yomntu ngokwasemoyeni (psychological well-being). Ngako oko ke ziyacelwa izikolo ukuba zikhuthaze ukuqatshelwa kokuxabiseka kokufunda ngokuthi zithathe inxaxheba ngolangazelelo kwimisebenzi engokufunda ngolu Suku lweeNcwadi kwiHlabathi liphela.
3. Okuqhotyoshelwe apha luluhlu lweengcebiso oluqulunqwe ngabasebenzi bakwa-EDULIS (WCED Education Library and Information Services) lwezinto ezinokwenziwa zizikolo ukuqaphela olu Suku lweeNcwadi ngendlela enenzuzo neyonwabisayo.
4. Izikolo zinokufumana iphowusta emibala-bala ebonisa umoya wokubhiyozela olu Suku lweeNcwadi kwiHlabathi liphela neya kufumaneka ngenye yezi ndlela zilandelayo:
4.1 Koonolayibrari abakumaziko eencwadi akwii-EMDC (Khangela kumhlathi 5 malunga nabantu onokuqhagamshelana nabo)
4.2 KuBacebisi ngezeKharityhulam: IiLayibrari zeziKolo kwi-EMDC Metropole North (Jenny Caroto, ifoni: 021 938 3018)
4.3 KuMcebisi ngeze-Educational Media Technology kwi-EMDC Metropole Central (Peter Visagie, ifoni 021 659 4300)
4.4 IZiko leeNcwadi: UmQuquzeleli weeProjekthi (Mark Espin, Ifoni 021 423 2669, 62 Queen Victoria Street, Cape Town)
5. Izikolo zinokuqhagamshelana, kuselithuba phambi kwalo mhla, nomnye waba nolayibrari balandelayo zicele ukubolekwa iqela leencwadi/iincwadi ezithethayo kwifomathi yevidiyokhasethi/neencwadi eziguqulelwe kwiifilim zokusetyenziswa ngolu Suku lweeNcwadi kwiHlabathi liphela:
Amor du Toit    EDULIS Library, Bellville - 021 957 9618
Ntombi Mngxuma  EMDC Metropole South: Brian O’Connell Resource 
                Centre, Mitchells Plain - 021 370-2084
Cheryl Joseph   EMDC Metropole East, Kuilsriver - 021 900 5111
Ina Heiberg     EMDC West Coast/Winelands Resource 
                Centre, Paarl - 021 860 1229
Sam Webber      EMDC South Cape/Karoo Resource Centre, 
                George - 044 803 8328
Janine Ontong   EMDC Breede River/Overberg Resource Centre, 
                Worcester - 023 348 4657
6. Makusetyenziswe kwakhona iincwadi ezinikwe abafundi besiGaba sesiSeko nesiGaba esiPhakathi ngokusebenzisa iProjekthi yeeNcwadi ezili-100.


ISAYINWE: NGU-F.A. BOOYSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:03:17

Isihlomelo  (ubukhulu: 43 KB)