1. ISebe lezobuGcisa neNkcubeko (Department of Arts and Culture), ngokubambisana noMbutho waseMzantsi Afrika weeLayibrari neNgcaciso (Library and Information Association of South Africa (LIASA)), libhengeze iveki eqalela kwi-13 ukuya kwi-18 Matshi 2006 ukuba yiVeki yeeLayibrari zaseMzantsi Afrika. Ngale veki uMzantsi Afrika uza kuvuyela kwaye ukhuthaze iinkonzo zeelayibrari nengcaciso kusetyenziswa lo mxholo: Libraries: partners in learning, nation building and development (IiLayibrari: amahlakani ekufundeni, ekwakheni isizwe nakuphuhliso).
2. Ngenxa yokuba isiya ibaluleka ngakumbi nangakumbi indima edlalwa ziincwadi nezinto zokuxhasa ukufunda nokufundisa (learning and teaching support material (LTSM)) ekufundiseni nasekufundeni kwimfundo ejolise kwiziphumo (outcomes-based), kumelwe ootitshala bazi ngokufumaneka kwezibonelelo ezikwiilayibrari ukulungiselela le njongo. Njengenxalenye yombhiyozo weVeki yeeLayibrari zaseMzantsi Afrika 2006 nokukhuthazwa kweenkonzo zeelayibrari nengcaciso zeSebe leMfundo leNtshona Koloni, wena nootitshala bakho ngoko ke niyacelwa ukuba nenze amalungiselelo otyelelo kwiLayibrari yakwa-EDULIS okanye kumaZiko athile angooVimba beeNcwadi nezinto zokufunda akwi-EMDC ukuya kuqhelaniswa nokwaziswa ngezi nkonzo kunye nezibonelelo ezikhoyo zohlobo olulodwa ezikwiilayibrari. Utyelelo lwamaqela abantu malungapheleli kuphela kweli thuba lisusela kwi- 13 kuye kwi-18 Matshi, koko lungalungiselelwa ukuba lulungele wena nootitshala bakho.
3. I-EDULIS Library Central Collection eBellville nee-EMDC Resource Centre Collections eMitchell’s Plain, Paarl, George, Worcester naseKuils River zinale LTSM ilandelayo ekhoyo ukuba ibolekwe ngulowo nalowo titshala, okanye kubolekwe iqela leencwadi zizikolo:
  • Iincwadi ezikhuthaza iingcinga zokwenza imisebenzi yezicwangciso zezifundo (inspiring activity-based ideas for lesson plans), zokuphuhlisa ulwazi lokufunda nokubhala kunye nolokubala (literacy and numeracy development), (ezininzi kuzo kungenziwa ifotokopi)

  • Iintlobo ngeenttlobo zezinto zokufunda ukuxhasa ikharityhulam

  • Iincwadi ezininzi ezisandula kupapashwa ezingolawulo nobukhokeli

  • Iincwadi ezihlupheza ingqondo zokuxhasa uphando ngemiba yezemfundo nokuveliswa kwemigaqo-nkqubo

  • Izinto zokufunda ezingemibandela ebaluleke gqitha ekhoyo ngoku, umz. ulwazi lokufunda nokubhala kunye nolokubala (literacy and numeracy), imfundo ebandakanya bonke abafundi (inclusion), ululeko neengxaki zokuziphatha (discipline and behaviour problems), ukulungiselela kwakunye nabo baneemfuno ezizodwa zemfundo (differentiation), iHIV/AIDS, nokuchatshazelwa kweemveku ezingekazalwa butywala (foetal alcohol syndrome)

  • Izinto zokufunda ezijolise kubafundi (kubandakanywa iincwadi zemifanekiso neenoveli zabafundi bazo zonke izigaba zobudala abangazisebenzisa ngamathuba okufunda (reading periods), eziye zajongisiswa ziingcali ukunceda ootitshala ekukhetheni iincwadi zeelayibrari zezikolo

  • Iividiyo, iiDVD, iiodiyokhasethi, iiCD, iiCD-ROM nezixhobo zemidiya ezintlobo ngeentlobo (multimedia) ezifikelela kwintlaninge yezihloko ukuqhamisa nokuxhasa ukufundisa nokufunda eklasini (topics to enrich and support classroom teaching and learning).

4. Ngokumalunga noku kulapha ngasentla ungaqhagamshelana naba nolayibrari balandelayo:
Susan Hanekom
EDULIS Library
Bellville
Ifoni: 021 957 9617
Ntombi Mngxuma
EMDC Metropole South
Brian O’Connell Resource Centre,
Mitchells Plain
Ifoni: 021 370 2084
Ina Heiberg
EMDC West Coast/Winelands
Resource Centre
Paarl
Ifoni: 021 860 1229
Sam Webber
EMDC South Cape/Karoo
Resource Centre
George
Ifoni: 044 803 8328
Janine Ontong
EMDC Breede River/Overberg
Resource Centre
Worcester
Ifoni: 023 348 4657
Cheryl Joseph
EMDC Metropole
East Resource Centre/EDULIS Branch Library
Kuils River
Ifoni: 021 900 5111
5. Ngenxa yokungabikho kweziko elinguvimba weencwadi nezinto zokufunda osebenza kakuhle kule EMDC: Metropole Central kunye nokuphendula intlaninge yezicelo ezivela kootitshala bezikolo ezikwesi sithili, kuthathwe isigqibo sokuseka iNdawo yokuKhupha nokuBuyisa iiNcwadi (Collection Point) kwa-EDUMEDIA e-Mowbray ukulungiselela izikolo eziboleka iqela leencwadi (block loans) kwiLayibrari u-EDULIS. Eli nyathelo lethutyana liya kusebenza de kube kusekwe iziko elinguvimba weencwadi nezinto zokufunda kule EMDC: Metropole Central.
6. Kucelwa uvule uze ufunde uxwebhu oluqhotyoshelweyo oluneentlobo ngeentlobo zeengcebiso zokuba izikolo zingayibhiyozela njani na iVeki yeeLayibrari zaseMzantsi Afrika 2006.


ISAYINWE: NGU-F.A. BOOYSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:02:17

Imisebenzi enokwenziwa ukulungiselela iveki yeelayibrari zasemzantsi Afrika  (ubukhulu: 11 KB)