1. Okufakwe apha zizatifikethi zenu oo-IRP 5 / IT 3(a) bonyaka werhafu u-2005/2006.
2. Zonke izatifikethi mazinikwe abasebenzi abaqeshiweyo njengangoku kwelo ziko. Nceda qinisekisa ukuba izatifikethi ezishiyekileyo zabasebenzi ababesenkonzweni kwelo ziko ngonyaka werhafu 2005/2006, zithunyelwa kwiipheyipoyinti zabo ezichanekileyo okanye kwiidilesi zabo zasekhaya ngokukhawuleza, okanye zibuyiselwa kule ofisi kunye neleta enika inkcazo.
3. Uxwebhu oluneenkcukacha (control sheet) oluqhotyeshelweyo malungqinwe ukubonisa ukuba zifunyenwe yaye malubuyiselwe ngokukhawuleza kule dilesi ilandelayo ngeenjongo zokugcina iirekhodi:
Head: Education
Western Cape Education Department
Tax Section (7th Floor)
Private Bag x9114
CAPE TOWN
8000
4. Njengoko iCandelo leRhafu leli Sebe lidla ngokuxinwa zizicelo zokunikwa izatifikethi IRP5 eziyidyuplikheyithi, oko kubonisa ukuba abanye abasebenzi abazithathi njengezibalulekileyo izatifikethi zabo zentsusa (original certificate). Oku kubangela ukuba igosa leli Candelo leRhafu ligcinwe lixakekiswe ngokusisigxina kukukhupha izatifikethi IRP5 eziyidyuplikheyithi.
4.1 Ngako oko ke bayacelwa bonke abasebenzi ukuba, bakufumana izatifikethi oo-IRP5 babo, mababe nenkathalo ngakumbi yaye bazigcine izatifikethi zabo kwindawo ekhuselekileyo ukwenzela ukunciphisa umthwalo kusabesenzi beCandelo leRhafu wokukhutshwa kwezatifikethi IRP5 eziyidyuplikheyithi.
4.2 Njengoko kwixa elidlulileyo izatifikethi IRP5 eziyidyuplikethi bezikhutshwa zenziwe ngesandla,belidla ngokuba lifutshane ithuba lokulizilindela. Ngoku ezi zatifikethi ziyidyuplikethi zikhutshwa ngokwenkqubo yePesali (Persal system) yaye zishicilelwe kanye ngeveki.
4.3 Kwixesha elizayo sisicelo esibhaliweyo kuphela esicela isatifikethi IRP5 esiyidyuplikheyithi esiya kwamkelwa yaye isicelo esilolu hlobo masikhatshwe yingxelo efungelweyo (affidavit) engqina ukulahleka kwesafikethi sentsusa (original certificate).
4.4 Njengangoku eli candelo lerhafu lisakhangela ukuba alinako na ukuwisa umrhumo (ongange- R50.00) wokuhlawulela ukukhutshwa kwakhona kweezatifikethi IRP5.
5. Kulo nyaka umhla wokuvalwa kokwamkelwa kweengxelo zerhafu (tax returns) ngabeNkonzo yeNgeniso yeRhafu yaseMzantsi Afrika (South African Revenue Service) ngowe-14 Julayi 2006. Kwiimeko apho umntu afuna ukwandiselwa ixesha, luxanduva lomqeshwa ukucela oko kwandiselwa ixesha kuMamkeli weRhafu (Receiver of Revenue).
6. Kucelwa uqinisekise ukuba okubhalwe kule setyhula kuthathelwa ingqalalelo ngabo bonke abasebenzi abalapho.


ISAYINWE: NGU-J.J.L. VIVIERS
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:04:20


La maxwebhu kubhekiselelwe kuwo njengaqhotyoshelwe kule setyhula, akaqhotyoshelwanga kodwa ayafumaneka njengeekopi ezingelokhutshelo (hard copies).