1. Intshayelelo

NgokweSiqendu (40 (1)(c) soMthetho woLawulo lweeMali zikaRhulumente (Public Finance Management Act), eli sebe kufuneka lingenise iingxelo-mali zonyaka kuMphicothi weeNcwadi-Jikelele ngomhla wama-31 Meyi 2006. Ngako oko ke kufuneka kuvalwe iincwadi zeli Sebe phambi komhla wama-30 Apreli 2006. Umhla ojongwe njengowokuvalwa kweencwadi ngowe-26 Apreli 2006. UNondyebo kaZwelonke (National Treasury) uya kwenza uvalo lonyaka-mali olunyanzeliswayo (forced closure) xa isebe lingazivali iincwadi zalo kwangexesha yaye ngenxa yesi sizathu ayabongozwa onke amaqela ukuba ancede athathele ingqalelo le mihlathi ilandelayo ukwenzela ukuqinisekisa ukuba kuyahlangatyezwana neemfuno kwaneemfanelo.

2. Iintlawulo ngokwenkqubo ye-BAS ngoMatshi 2006

Ukwenziwa kweentlawulo ngoMatshi 2006 ngokwenkqubo ye-BAS mazibe zigqityiwe ingekadluli intsimbi ye-12:00 nge-31 Matshi 2006. Iintlawulo ngokwenkqubo ye-LOGIS mazibe zigqityiwe ungekadluli owe-28 Matshi 2006. Bayabongozwa bonke abathathi-nxaxheba ukuba bancede baqinisekise ukuba bangenisa iintlawulo ezininzi kangangoko zonyaka-mali 2005/2006.

3. AmaBango eziXhaso naweeNdleko zoThutho (Subsistence and Transport Claims)

Zonke iimali zezixhaso nezothutho (subsistence and transport (T&S)) ezikhutshwa kwangaphambi kwesiganeko (advances), azichatshazelwa kukuvalwa konyaka-mali yaye kusaza kuqhutyekwa nemihla yokukhutshwa kweentlawulo zesiqhelo ze-BAS. Nakuba kunjalo, ngenxa yokuba inkcitho eyenzelwa ii-T&S ixhuzulwa kuphela kwiimali ezikhutshiweyo kwakuba kwenziwe ibango, kubalulekile ukuba onke amabango angekahlawulwa ngokumalunga nonyaka-mali 2005/2006 makenziwe kwangexesha. Ngenxa yokuba la mabango esenziwa kwi-PESALI, makangeniswe ungekadluli owe-17 Matshi 2006. Nawaphi na amabango angeniswe emva komhla osele ukhankanywe ngaphambili aya kuhlawulwa ngemali yonyaka-mali we-2006/2007. Yonke imali eyintsalela (differences), xa kuthe kanti ibango lingaphantsi kwemali ekhutshwe kwangaphambili (advance), kufuneka ibe seyibuyisiwe phambi kowe-31 Matshi 2006.

4. Iirisiti (zeMali yee-EMDC nekaNdlunkulu)

Zonke ii-ofisi ezinoxanduva lokukhupha iirisiti ze-BAS maziqinisekise ukuba iirisiti ngokumalunga noMatshi 2006, kungakhathaliseki umhla wokudophizithwa kwayo, mazibaliwe zonke ngenyanga yobalo-mali Matshi (03) nokuba zonke iirisiti ezisalindelweyo zinako ukubonwa kwi-BAS.

5. Inkcitho yeemali ezincinane (kwii-EMDC ne-DAS)

Yonke inkcitho yemali encinane eyenziweyo ukuya kutsho kowama-31 Matshi 2006, mayibalwe yonke ngoMatshi.

6. Inyanga yobalo-mali uMatshi (03) (kwi-DAS, DLS nakwii-EMDC)

Kunyanzelekile ukuba kusetyenziswe umhla ochanekileyo wokuthumelwa kwi-BAS ngawo onke amaxesha, ngokukodwa xa kungeniswa izilungiso zeempazamo kwijenali ngokumalunga nonyaka-mali 2005/2006. Bonke abagunyazisayo (authorisers) mabaqinisekise ukuba iijenali ezifakwe kwikhompyutha ngokumalunga noMatshi zigunyaziswe kwangexesha ngethuba lokuqhuytwa komsebenzi de ugqitywe.

7. IMicimbi engeKenziwa kwi-BAS

Yonke imicimbi engekenziwa esekwimo yokuba kuthiwe yevulekileyo (engekaphethwa), yekhatyiweyo, yeza kukhatywa, yengagqitywanga, tobeact, tobeau and rejauth mayigcinwe, igunyaziswe okanye ihlatywe. INgxelo yeMicimbi engeKenziwa ngomsebenzi owenziwa kulo ndawo (per functional area) (intlawulo, iijenali njl. njl.) ingacelwa kwi-BAS kwinqanaba lokwenza iiNgxelo (Reporting functionality) (Other Reports). Abasebenzisi ekungumsebenzi wabo lo (responsible users) bangaziwa ngokujonga kule ngxelo ukulungiselela iinjongo zokuphethwa kwemicimbi engekenziwa. Kungenjalo, kungakhangelwa apha Outstanding Transaction Enquiry dialogue ngokumalunga nemicimbi engekenziwa ukulungiselela i-Creditor Management ne-Creditor Payment functional areas. Umhla omiselwe ukuba kugqitywe imicimbi engekenziwa ngowe-15 Apreli 2006.

8. Ii-BAS interfaces and exceptions (DAS)

Amagosa ekungumsebenzi wawo oku (responsible officials) makaqinisekise ukuba zonke ii-Bank and Persal interface exceptions ziyenziwa zigqitywe ngaphambi komhla wokuvala okokugqibela (final closure). UMlawuli weNkqubo ye-BAS (BAS System Controller) makaqinisekise ukuba zonke iintlawulo ezenziwa ngePesali (all Persal runs) zifakiwe kwi-BAS nokuba kwenziwe ukudityaniswa kwe-PMG interfaces .

9. Ungqinelelwaniso (Reconciliations) (DAS)

Icandelo lokubhankisha (Banking section) maliqinisekise ukuba zonke iintlawulo ezingxamisekileyo (NAPS) zifakiwe kwi-BAS ngokumalunga nonyaka-mali 2005/2006. Ungqinelelwaniso lwemali namaxwebhu okubhankisha makwenziwe ngokumalunga noMatshi 2006 ukuze istatimenti sebhanki sibhalanse nge 31 Matshi 2006.

10. Ii-Akhawunti zee-Asethi namaTyala (Assets & Liabilities Accounts) (DAS)

Ukuze kube nokuhlelwa ngokuchanekileyo ii-akhawuntii zee-Asethi namaTyala kwiingxelo-mali (financial statements), kunyanzelekile ukuba kuthathwe amanyathelo ayimfuneko ukulungisa ezi akhawunti ukuze zibonise iibhalansi ezichanekileyo, umz. iibhalansi zemali ekhoyo kwii-akhawunti zamatyala njl. njl. Xa kuyimeko yee-akhawunti zotyalo-mali zeengxowa-mali ezizodwa (investment accounts of special funds), iibhalansi mazingqinelanisiswe ukulungiselela iinjongo zengxelo yokugqibela (final statement).

11. Amabango amelwe ukuhlawulwa namabango amele ukufunyanwa (DAS)

Ngokumalunga nezixa-mali ezisatyalwa (amounts owing) ngamasebe nezityalwa amanye amasebe kufuneka kungeniswe lisebe ngalinye iSebe i-WCED eyayenze umcimbi nalo izatifikethi ezibubungqina bezixa-mali ezingekahlawulwa ukulungiselela iinjongo zophicotho-zincwadi. Iileta zokungqina mazithunyelwe ingekapheli inyanga enye emva kokuphela konyaka-mali (30 Apreli) yaye zibuyiswe ungekadluli owe-25 Meyi 2006, ukwenzela ukuba amasebe abe nako ukuchazaiibhalansi ezichanekileyo kwiingxelo-mali zawo.

12. Iintlawulo zeNgeniso egqithisileyo (Revenue payovers) (DAS)

Yonke ingeniso (All revenue) efunyenweyo ngonyaka-mali mayibe nokulandeleka ize imana kuhlawulwa qho kwiNgxowa-mali yeNgeniso yePhondo (Provincial Revenue Fund).

13. Umhla osabekiweyo okokuqala nowokugqibela wokuvalwa konyaka-mali (DAS)

Umhla osabekiweyo okokuqala (preliminary) wokuvalwa konyaka-mali 2005/2006 o.k.t. Matshi 2006, uya kuba ngowe-21 Apreli 2006. Oku kuthethe ukuba kuphela ngabasebenzisi be-BAS abathathwe ngethuba lokulungiswa kwemisebenzi yokuvulwa nokuvalwa (Accounts Controller) abaya kuba nako ukwenza olunye utshintsho (kwiijenali) ngokumalunga noMatshi 2006 phambi kokuba kuvalwe okokugqibela nokuya kuba nge-26 Apreli 2006. Bayacelwa bonke abasebenzisi be-BAS ukuba baqinisekise ukuba lonke utshintsho oluyimfuneko lugunyazisiwe kwangaphambi komhla osabekiweyo okokuqala (preliminary) wokuvalwa konyaka-mali o.k.t. 21 Apreli 2006.

Iya kusivuyisa kakhulu intsebenziswano yenu yokuzinikela ngokupheleleyo ngentliziyo yenu yonke kunye nokulandela ngqo iimfuno zale setyhula ukuqinisekisa ukuvalwa konyaka-mali ngempumelelo.



ISAYINWE: NGU-L.J. ELY
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:03:13