1. |
Ngenxa yesicelo semibutho ngemibutho yootitshala naphantsi kweSiqendu 76(4) (b) soMthetho woLawulo lweMali kaRhulumente,1999 (uMthetho 1 ka-1999) (PFMA), njengoko ufakelwe izilungiso (Section 76(4) (b) of the Public Finance Management Act 1999 (Act 1 of 1999) (PFMA), as amended, esifundwa kunye nomMiselo 8.3.3 (Regulation 8.3.3), inikiwe imvume kaNondyebo wePhondo PT16/3/3 yowe-22 Disemba 2005 (Provincial Treasury approval PT16/3/3 of 22 December 2005), yokutshintsha umhla wokuhlawulwa kwemivuzo yootitshala abasisigxina ekubeni ube ngumhla wokugqibela womsebenzi enyangeni okanye umhla wokugqibela wekota, wesimesta okanye wetrayimesta, ukuba ube ngumhla we-15 wenyanga ukususela kowe-1 Apreli 2006. Ukuba i-15 ayilosuku lomsebenzi, umhla wokufumana imivuzo uya kuba lusuku lomsebenzi lokugqibela ngaphambi kwe-15.
|
2. |
Ngenxa yoku kukhankanywe apha ngentla, aba titshala balandelayo baya kuhlawulwa nge-15 yenyanga nganye:
|
3. |
Umhla wentlawulo yemivuzo yaba titshala balandelayo uya kuhlala ungatshintshanga yaye baya kuqhubeka behlawulwa ngosuku lokugqibela lwenyanga:
Ootitshala abaqeshwe ngemvumelwano (Contract appointments)
Ootitshala abasisigxina kodwa besengabalingwa (Permanent on probation)
Ootitshala ababambeleyo (Substitute educators)
Ootitshala abangesosigxina (Part-time educators)
|
4. |
Kucelwa wazise ootitshala abachaphazelekayo okubhalwe kule ngcaciso emfutshane ukuze babe nako ukwenza amalungiselelo eedebhithi oda, apho kuyimfuneko.
|
ISAYINWE: NGU-L.J. ELY
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:03:13
|