1. Kucelwa ufunde le Ngcaciso eMfutshane ER/0001/2006 yomhla we-3 Matshi 2006.
2. Ubhaliso ngo-2007 lwabo bonke abafundi bezikolo ezizimeleyo luza kuqhutywa ngokuthi babhaliswe kwikhompyutha ngokusetyenziswa kweziko ledatha le-CEMIS. Ngenxa yesi sizathu, kucelwa ezi fom zobhaliso (entry forms) ezifakwe apha zizalise ngokufanelekileyo ngomfundi ngamnye zibe sele zibuyisela kulo, ungadlulanga uLwesithathu we-31 Januwari 2007:
The Head
Western Cape Education Department
For attention; Mr L Van Gensen (Room 417)
Directorate:Examinations (ABET/GETC)
Grand Central Towers
Lower Parliament Street
Private Bag x9114
Cape Town
8000
3. Kwasekuqaleni kunyaka ka-2007 zonke izikolo ezizimeleyo ziya kuqeqeshwa kwindlela yokusetyenziswa kweziko ledatha.
4. Yonke imibuzo nge-Cemis mayibhekiswe kwiCandelo loPhando lwezeMfundo (Education Research) kule foni 021 467 2290 okanye kule 021 467 2289.
5. Siyanibulela ngentsebenziswano yenu ekuqalisweni kwale nkqubo entsha.


ISAYINWE: NGU-C.D. BIRTLES
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:12:01

Registration form  (ubukhulu: 69 KB)