1. Ukwenzela ukuba abaphathi bamaziko babe nokwenza amalungiselelo ayimfuneko okuya kuthatha iziphumo zeemviwo baze bazitshekishe, kunikwa le mihla ekujoliswe kuyo. Kucelwa niqaphele ukuba le mihla namaxesha anikiweyo zizinto ezingesosigxina nezinokutshitshwa (tentative) yaye naziphi na iinguqulelo kumalungiselelo ziya kupapashwa kumaphepha-ndaba. Ii-EMDC ziya kwaziswa ngokupheleleyo ngazo naziphi na iinguqulelo ezenziweyo.
1.1 NgoLwesine, 28 Disemba 2006 ngo-08:00 (Qaphela: Kungabi ngaphambi ko-08:00): abaphathi bamaziko bafumana iziphumo (kwii-EMDC
1.2 Abaphathi bamaziko banikwa iiyure ezi-4 zokutshekisha iziphumo bakhangele ukuba akukho naziphi na iimpazamo ezibonakala ngokulula.
1.3 NgoLwesine, 28 Disemba 2006 ngo-12:00: Amaziko angabanika abaviwa bawo iziphumo zabo.
1.4 NgoLwesihlanu, 29 Disemba 2006 ngo-6:00: Iziphumo ziya kufumaneka kwakhona kweli ziko lewebhu lilandelayo: http://wced.wcape.gov.za.
1.5 Kufuneka abaviwa bafake iinombolo zabo zoviwo kunye neenombolo zabo zezazisi ukuze elowo nalowo akwazi ukujonga iziphumo zakhe.
1.6 NgoLwesine, 4 Januwari 2007 emva ko-12:00: Iziphumo ezingathathwanga kwii-EMDC ziya kuposelwa emazikweni.
2. Njengoko kunyanzelekile ukuba onke amaqela alandele ngqo la malungiselelo, ibaluleke kakhulu intsebenziswano yenu ngokumalunga noku.


ISAYINWE: NGU-A.P. CLAUSEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:11:10