1. Izinto zokubhala ezizodwa eziya kunikwa abaviwa kwizifundo ezithile zidweliswe kwisiHlomelo A esiqhotyoshelweyo.
2. Umgadi wabaviwa ufanele anike umviwa ngamnye incwadi yeempendulo zelo bakala abhala uviwo lwalo.

Ngokumalunga neemviwo kwezi zifundo zilandelayo, akukho ncwadi zampendulo mazinikwe baviwa njengoko imibuzo kufuneka iphendulwe kwiphepha lemibuzo kunye/okanye kwiisethi zeempendulo ezinikiweyo:

Geography HG & SG, Second Paper (Mapwork)
Music HG & SG, First Paper (Harmony and Composition)
Accounting HG & SG
Woodwork SG (Drawing)
Technika (Civil) HG & SG
Technical Drawing HG & SG
3. Umviwa ocela ukunikwa enye incwadi aze ayinikwe, makaxelelwe ukuba makafake incwadi yesibini yeempendulo ngaphakathi kweyokuqala. Bayacelwa abagadi babaviwa ukuba bagcine irekhodi yazo zonke iincwadi zeempendulo ezikhutshiweyo baze batshekishe ekupheleni koviwo ngalunye ukuba ezi ncwadi zeempendulo zokongeza ziceliweyo zingenisiwe na.
4. Zinokusetyenziswa iikhalityhuleyitha ezincinane ezivunyiweyo. (Funda isiHlomelo A)
5. Unako, ukuba kuyimfuneko, ukunika umviwa elinye iphepha lokuzoba.
6. Isikolo okanye iziko ngalinye liya kunikwa iilebhile ezaneleyo, kwakunye namaphetshana okuhanjiswa kweencwadi zeempendulo, ukwenzela ukuba zibuyiswe iincwadi zeempendulo ngokusebenzisa inkonzo yekhuriya.
7. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise abaviwa okubhalwe kule ngcaciso emfutshane.


ISAYINWE: NGU-A.P. CLAUSEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:09:13

Isihlomelo A  (ubukhulu: 9 KB)