1. Iphothifoliyo ye-CASS ka-2006 kwiLatini HG mayifike kwiSebe leMfundo ungadlulanga umhla we-2 Oktobha 2006. Mayibe nobu ngqina bulandelayo, buhamba noluhlu lwamanqaku (isiHlomelo A) apho amanqaku ancitshisiweyo azezi totali zamanqaku zilapha ngezantsi:

Ubuncinane ibe ngamaphepha oviwo lukaJuni noSeptemba, kunye neempendulo zabafundi zoku:

IPhepha I (UNcwadi oluMiselweyo: igrama, uguqulo, uvavanyo-
kuqonda, umlinganiselo wogxininiso lwezandi (scansion)   50
IPhepha II (Uguqulo lwezicatshulwa abangazange bazibone 
ngaphambili)                                             25
Ii-asayinimenti ezimbini                                 25
EWONKE                                                  100

Kungongezwa neminye imisebenzi yoguqulo lwezicatshulwa abangazange bazibone ngaphambili (unseen translation) ukubonisa intsebenzo yomviwa ethe gqolo kolu vavanyo.

2. ISebe leMfundo liya kuyithumela ngqo kwimodareyitha echaphazelekayo imakhishiti eveliswe ngekhompyutha yephothifoliyo yamanqaku e-CASS kwiLatini HG.
3. Ngokumalunga nezifundo ze-classical culture, kucelwa ukuba uqaphele ngakumbi oku the FINAL LIST OF PRESCRIBED LITERATURE STUDY FOR LATIN HG: CLASSICAL CULTURE: GRADE 11(2005) and GRADE 12(2006), kwakunye ne-GUIDELINES: LATIN HG 2000: ASSIGNMENTS.
4. Makufakwe kwiphothifoliyo ii-asayinimenti, ezicwangciswe ngokulandelelanayo ezihamba nemakhishiti ezalisiweyo (ikopi iqhotyoshelweyo njengesiHlomelo B). Izikolo zinokwenza ezinye iikopi zemakhishiti.
5. Kufuneka kwenziwe ii-asayinimenti ezimbini, enye kwiCandelo loNcwadi oluMiselweyo (Prescribed Literature Section) enye ibe kwiCandelo leMvelaphi ngokuBanzi (General Background Section). I-asayinimenti nganye inamanqaku angama-50, yaye kufuneka itotali yawo onke (100) itshintshelwe kuma-25 amanqaku. Kuphela yi-asayinimenti enye enokwenziwa kumxholo othile. Imakhishithi esemthethweni (ikopi iqhotyoshelweyo njengesiHlomelo C) mayihambe ne-asayinimenti nganye. Kwakhona faka uluhlu oludweliswe ngokwe-alfabhethi lwabaviwa olunezihloko zee-asayinimenti zomviwa ngamnye ngokulandelelanayo.
6. Ngesicelo esibhaliweyo senqununu, iiphothifoliyo ziya kubuyiselwa esikolweni emva kokukhutshwa kweziphumo.


ISAYINWE: NGU-A.P. CLAUSEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:09:11

Isihlomelo A  (ubukhulu: 6 KB)
Isihlomelo B  (ubukhulu: 7 KB)
Isihlomelo C  (ubukhulu: 5 KB)