1. Kuqhotyoshelwe apha uluhlu lokugqibela lwabafundi ababhalisele uviwo besikolo sakho ukulungiselela iinjongo zeerekhodi. Kucelwa utshekishe ukuba zenziwe zonke izilungiso. Izikolo mazibhale, ungadlulanga owe-20 Septemba 2006, zitsho ukuba akukho zimpazamo konke konke kuluhlu lwazo okanye zibonise iimpazamo ezisekhoyo.
2. Kucelwa ukhumbule ukuba amanqaku kaJuni noSeptemba makangathunyelwa kwiSebe leMfundo. Kodwa ke makahlale elungile ukwenzela xa iSebe leMfundo lifuna amanqaku achaphazelekayo, umz. ngexesha lophando lwezitenxo (irregularities). Ngenxa yesi sizathu, kufuneka inqununu nganye okanye utitshala onikwe amagunya asoloko enako ukufumaneka xa kufunwa ukuqhagamshelwana naye ngefoni ngethuba leeholide zikaDisemba. Uyacelwa kwakhona ukuba uthumele ikopi yesikolo sakho yezintlu zamanqaku (mark lists) kaJuni noSeptemba kumququzeleli wovavanyo okwi-EMDC yakho ukwenzela ukuba abe nokutshekisha inkqubo yabafundi.
3. Uluhlu lwabafundi babucala abaya kuba bebhala uviwo esikolweni sakho lufakiwe nalo ngenjongo yokukwazisa, apho kusebenzayo oku. Ikopi yolu luhlu mayinikwe umgadi wabaviwa oyintloko esikolweni sakho.


ISAYINWE: NGU-A.P. CLAUSEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:09:08


La maxwebhu kubhekiselelwe kuwo njengaqhotyoshelwe kule setyhula, akaqhotyoshelwanga kodwa ayafumaneka njengeekopi ezingelokhutshelo (hard copies).