1. Uvavanyo lwangaphandle lokuqala kwiMfundo noQeqesho oluQhubekayo (Further Education and Training Band) luya kuqhutywa -2008.
2. Ukulungiselela iinkqubo ezibe sisiphumo soku nokuseka umgangatho wovavanyo weBakala 10 kuzo zonke izikolo, kunyanzelekile ukuba bonke abafundi balubhalisele olu vavanyo lukhankanywe apha ngentla.
3. ISebe leMfundo leNtshona Koloni lisebenzise iziko ledatha i-CEMIS ukubhalisa abafundi abakuzo zonke izikolo zikarhulumente eziqhelekileyo.
4. Ziyacelwa ke ngoko izikolo ezizimeleyo ukuba zizalise ikopi enye yefom yobhaliso (entry form) ngomfundi ngamnye wazo okwiBakala 10. Iifom ezizalisiweyo mazibuyiselwe apha ungekadluli uLwesithathu, we-20 Septemba 2006:
Directorate: Examinations (ABET & GETC) 
For attention: Mr L. van Gensen (Room 417)
Western Cape Education Department 
Grand Central Towers 
Lower Parliament Street
Private Bag X9114 
Cape Town 
8000
(A list of subject codes is also attached for easy reference.)

5. Siya kuyithakazelela intsebenziswano yenu.


ISAYINWE: NGU-A.P. CLAUSEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:09:04

Entry form  (ubukhulu: 22 KB)  (amended 2006-09-11)
Subject Codes  (ubukhulu: 25 KB)