1. UKUZALISWA KWEEMAKHISHITI
1.1 Kufakwe apha iimakhishiti eziveliswe ngekhompyutha ezilungiselelwe lonke uvavanyo rhoqo, ngaphandle kwezezi zifundo zilandelayo:
Art subjects
French HG
Dance HG/SG
German Third Language HG/ SG
Hebrew HG
Hospitality studies SG
Hotelkeeping and Catering SG
Italian HG
Latin HG
Portuguese HG
Spanish HG
Ndebele First/Second Language HG
Zulu First Language HG
Tsonga First Language HG
Speech and Drama HG/SG
Urdu HG
Electronics SG
Electrician work SG
Technika (Electrical/Mechanical/Civil) HG/SG
Bricklaying and Plastering SG
Fitting and Turning SG
Welding and Metalworking SG
Motor Mechanics SG
Metalwork SG
Introduction to Criminology SG
Computyping SG
Computer Studies HG/SG

1.2 Iimakishithi zezi zifundo zikhankanywe apha ngasentla zithunyelwa ngqo kubacebisi ngezekharityhulam. Iimakishithi ezishiyekileyo kufuneka zinikwe abacebisi ngezekharityhulam ngosuku lokumodareyitha. Amanqaku amodareyithiweyo kufuneka akhutshelwe kwiimakhishiti zesebe lemfundo ngabacebisi ngezekharityhulam.
2. UKWABIWA KWAMANQAKU E-CASS

Makunikwe amanqaku umviwa ngamnye onombolo yoviwo yakhe ikwimakhishiti. Oku kukwasebenza kwakhona nakubafundi abaye

  • bagxothwa okanye banqunyanyiswa okwethutyana esikolweni.

  • benza isicelo sokutshintsha iziko lokubhalela uviwo.

  • ababikho ithuba elide apha enyakeni.

  • ababikho ngosuku lokumodareyitha.

3. ABAFUNDI ABANGEZANGA ESIKOLWENI NABO BANGENAWO AMANQAKU E-CASS
3.1 Makungaze naphantsi kwazo naziphi iimeko kungafakwa amanqaku omfundi. Ukuba umfundi uye wagqiba umsebenzi we-CASS omnye okanye ngaphezu koko, kodwa abe engekawungenisi umsebenzi omnye okanye ngaphezu koko, loo mfundi makafumane u-“0” ngecandelo ngalinye lalo msebenzi ungangeniswanga. Itotali yamanqaku ewonke mayingahlenga-hlengiswa – umfundi ke ngoko uyohlwaywa ngokungagqibi umsebenzi obufuneka.
3.2 Abafundi ababengazange bagqibe namnye wemisebenzi ye-CASS ebudeni bonyaka baya kunikwa u-“999” kwimakhishiti. Le kukuphela kwemeko apho kunokubhalwa u-“999” kwiimakhishiti ze-CASS.
3.3 Kwimeko apho umfundi ebengekho esikolweni ngesizathu sokugula kulo naliphi na icandelo, itotali yamanqaku akhe e-CASS ewonke mayihlenga-hlengiswa ngokufanelekileyo. Umfundi ke makanikwe amanqaku kodwa kuloo itotali ithotyiweyo aze ke atshintshelwe kwelona nani lamanqaku liphezulu lichanekileyo (correct maximum mark).
4. UTSHINTSHO LWESIFUNDO NOHLELO

Kwiimeko apho utshintsho lwesifundo okanye lohlelo (grade) luye lwavunywa liSebe leMfundo, olo tshintsho (lwegama lesifundo kunye nohlelo) malubhalwe ecaleni kwegama lomfundi nenombolo yoviwo yakhe. Bhala u-“888” kwikholam yamanqaku uze ubhale amanqaku omfundi kwikholam esecaleni kwekholam yamanqaku.

5. ABAFUNDI ABANEZITHINTELO ZENTETHO KUNYE/OKANYE ZOKUVA

Abafundi abanezithintelo zentetho kunye/okanye zokuva kufuneka, endaweni yamanqaku e-orali, bafumane amanqaku angumlinganiselo (pro rata mark) asekelwe kumanqaku omsebenzi obhalwayo kuviwo lukaJuni noSeptemba.

6. UXANDUVA LWEENQUNUNU MALUNGA NOKUZALISWA KWEEMAKHISHITI

inqununu maziqinisekise ukuba bonke abafundi ezikolweni zazo banikiwe amanqaku e-CASS. Ukungeniswa kwamanqaku e-CASS emva kokuba kugqityiwe ukumodareyithwa akusayi kwamkelwa liSebe leMfundo.

7. UMHLA WOKUBUYISWA KWEEMAKHISHITI

Bayacelwa abaququzeleli bovavanyo ukuba bancede baqinisekise ukuba iimakhishiti zizalisiweyo zifika kwiCandelo leeMviwo ungadlulanga umhla we-30 Oktobha 2006.

8. UKUGQITHISWA KWEMIBUZO

Iinqununu ziyacelwa ukuba zingathumeli abafundi abangenawo amanqaku e-CASS ngqo kwiSebe leMfundo emva kokukhutshwa kweziphumo. Makulandelwe inkqubo yesiqhelo yokuba kugqithwe kuqala kubaququzeleli bovavanyo abakwi-EMDC.



ISAYINWE: NGU-A.P. CLAUSEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:09:08