1. Le Ngcaciso eMfutshane yeCandelo leeMviwo mayifundwe kunye nale Setyhula 0057/2005: National Guidelines for Geography.
2. Isikhokelo sovavanyo loviwo seJografi siye sahlaziywa liSebe leMfundo likazwelonke kwaye siya kusetyenziswa kuViwo lweMatriki lukaNovemba 2007 kuye kuMatshi 2008.
3. Iikopi ezingamaphepha zale National Assessment Guidelines sezithunyelwe ezikolweni ezifundisa iJografi njengesifundo. Esi Sikhokelo sikwafumaneka kwakhona kwiziko lewebhu le-WCED.
4. Maziqaphele iinqununu zezikolo, abaphathi bamaziko emfundo yabadala neentloko zezifundo zeekholeji ukuba kubalulekile ukuba abafundi beBakala 12 baboniswe ifomathi yamaphepha emibuzo achaphazelekayo, njengoko kutshiwo kuxwebhu olusisikhokelo.
5. Iingingqi zoshishino eziya kuvavanywa kuviwo lweMatriki ngoNovemba 2007 nangoMatshi 2008 ngolu hlobo lulandelayo:
Geography (Higher Grade):
PWV-Gauteng NENYE ingingqi yoshishino ephambili
Geography (Standard Grade):
PWV-Gauteng NENYE ingingqi yoshishino ephambili
6. Yonke imibuzo mayibhekiswe kulo:
Mr A Isaacs
Senior Curriculum Planner: Geography/Tourism
Western Cape Education Department
Private Bag X9114 
CAPE TOWN
8000
Ifoni:  021 467 2200 
Cell:   073 420 5802
Ifeksi: 021 467 2258
Website: http://curriculum.wcape.school.za/site/39/
I-imeyili: anisaacs@pgwc.gov.za


ISAYINWE: NGU-A.P. CLAUSEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:09:14


La maxwebhu kubhekiselelwe kuwo njengaqhotyoshelwe kule setyhula, akaqhotyoshelwanga kodwa ayafumaneka njengeekopi ezingelokhutshelo (hard copies).