1. UKUMAKISHWA KWAKHONA KWEZIKRIPTHI

Izikripthi zabaviwa zinokumakishwa kwakhona kwezi meko zilandelayo:

1.1 Umviwa oye watshona isifundo esinye okanye ezingaphezulu koko kwiiMviwo zeMatriki usenokucela ukuba isikripthi sakhe kweso sifundo simakishwe kwakhona (izikripthi zakhe kwezo zifundo zimakishwe kwakhona).
1.2 Umviwa ophumelele iimviwo zeMatriki, kodwa akaphumelela kwisifundo esinye okanye ezingaphezulu koko ukufika kumgangatho oyimfuneko ukulungiselela injongo ethile (umz. Ukupasa imatriki gqibi (matriculation exemption), ibhasari okanye imimiselo eyodwa eyimfuneko yeziko lemfundo ephakamileyo (tertiary institution), unokuthi, ngemvume yeSebe leMfundo acele ukumakishelwa kwakhona isikripthi (izikripthi) kweso sifundo (kwezo zifundo). Isizathu sokucela ukumakishwa kwakhona masibhalwe kuxwebhu lwephepha olwahlukileyo yaye masihambe kunye nesicelo eso. Izicelo ezingahambi nezizathu esele zikhankanywe apha ngentla aziyi kuqwalaselwa. (Qaphela ukuba iSebe leMfundo liya kuvuma ukumakishwa kwakhona kwezikripthi kwisifundo apho umviwa aye akaphumelela ukuzuza I 40% kuphela ngenjongo yokufumana isatifikethi sematriki sokudlulela phambili kunye/okanye xa ingumba ophambili ekubeni afumane ibhasari.
1.3 Isebe leMfundo linako, ngokwengqiqo yalo, ukuvumela ukumakishwa kwakhona kwesikripthi (kwezikripthi) somviwa ophumelele iimviwo zeMatriki ukuba ukho umahluko ubuncinane weesimboli ezimbini phakathi kwamanqaku angoSeptemba abenikwe sisikolo namanqaku azuzwe kwiimviwo zeSebe leMfundo.
1.4 Ukuba umviwa upasa ezintlanu okanye ezintandathu izifundo, kodwa angafiki kumndlilili (aggregate), iSebe leMfundo linako, ngokwengqiqo yalo, ukuvumela ukumakishwa kwakhona kwesikripthi (kwezikripthi) somviwa ololu hlobo.
1.5 Umviwa owafumana umndilili oyi - 1680 yamanqaku okanye ngaphezu koko kwiimviwo zesikolo zikaSeptemba waza akafumana ngaphantsi kwamanqaku ayi 1660 kwiiMviwo zeMatriki, angacela ukuba isifundo okanye zonke izifundo zimakishwe kwakhona.
1.6 Umviwa ozuze isimboli engu A kwisifundo kwiimviwo zesikolo zikaSeptemba waza wangaphantsi ngesimboli enye kweso sifundo kwiiMviwo zeeMatriki angafuna ukuba isifundo eso simakishwe kwakhona.
1.7 IZICELO ZOKUMAKISHWA KWAKHONA KWEZIKRIPTHI, KUNYE NEMALI EMISELWEYO EYI R70.00 NGESIFUNDO NGASINYE, MAZIFIKE KWISEBE LEMFUNDO ZINGADLULANGA IINTSUKU EZINGAMASHUMI AMATHATHU (30) EMVA KOKUPAPASHWA NGOKUSESIKWENI KWEZIPHUMO ZEEMVIWO. AKUKHO SICELO SOKUMAKISHWA KWAKHONA KWEZIKRIPTHI SIYA KUQWALASELWA NGAPHANDLE KOKUBA ISIXA MALI ESIMISELELWEYO SIHAMBA NESICELO ESO YAYE SIFIKA NGETHUBA ELIMISELWEYO.
1.8 Umhla wokuvalwa kokwamkelwa kwezicelo zokumakishwa kwakhona kwezikripthi zeemviwo zikaNovemba 2006 yi 31 January 2007.
1.9 UMVIWA NGAMNYE UYA KWAZISWA NGEZIPHUMO ZOKUMAKISHWA KWAKHONA KWEZIKRIPTHI. AKUKHO ZIPHUMO ZIYA KUXELWA NGEFONI PHAMBI KWE15 MATSHI 2007.

2. UKUTSHEKISHWA KWAKHONA KWEZIKRIPTHI
2.1 Bavunyelwe abaviwa ukuba benze izicelo zokuba izikripthi zabo zitshekishwe kwakhona ukuqinisekisa ukuba zonke iimpendulo zamakishwa aza amanqaku adityaniswa yaye alungiswa ngokuchanikileyo.
2.2 Isicelo sokuba izikripthi mazitshekishwe kwakhona masenziwe zingadlulanga iintsuku eziyi 30 zokupapashwa kweziphumo. Intlawulo yi R12.00 ngesifundo ngasinye yaye ayibuyiswa.
2.3 Abenzi zicelo baya kwaziswa ngeleta malunga neziphumo zokutshekishwa kwakhona kwezikripthi zabo. Apho kufuneka oku, kuya kukhutshwa iNgxelo yeZiphumo efakelwe izilungiso (amended Advice of Results).

3. UKUBONWA KWEZIKRIPTHI
3.1 Ukuba abanelisekanga sisiphumo sokumakishwa kwakhona, abaviwa banokuzibona izikripthi zabo ngentlawulo eyi R150.00 isifundo ngasinye. Le ntlawulo ayibuyiswa.
3.2 Makungeniswe isicelo esibhaliweyo, esinika izizathu zokwenziwa kwesicelo eso, kwiNtloko yeSebe leMfundo zingadlulanga iintsuku ezingamashumi amathathu(30) azisiwe umviwa ngeziphumo zokumakishwa kwezikripthi.
3.3 Umviwa kunye.okanye umzali (abazali bakhe) okanye umgcini wakhe uya kuvunyelwa ukuba asibone isikripthi (azibone izikripthi) esichaphazelekayo yaye unako, ngenxa yesizathu esibe sisiphumo soko, ukufaka isikhalazo kwithuba leentsuku ezisixhenxe. Isebe leMfundo leNtshona Koloni liya kuthi emva koko lithathe isigqibo sokugqibela ngokumalunga neziphumo.

QAPHELA :Izicelo zokubonwa kwezikriphti, ezihamba nentlawulo emiselweyo, mazifike kwiSebe leMfundo, zingadlulanga iintsuku ezingamashumi amathathu (30) zokufunyanwa kwesiphumo sokumakishwa kwakhona kwesikripthi. AKUKHO ZICELO ZIYA KUQWALASELWA EMVA KWALO MHLA.


4. UKUBUYISWA KWENTLAWULO YOKUMAKISHWA KWAKHONA KWEZIKRIPTHI
4.1 Iintlawulo zokumakishwa kwakhona kwezikripthi eziye zahlawulelwa nasiphi na isifundo ziya kubuyiswa ukuba, ngenxa yokumakishwa kwakhona, umviwa lowo
(a) Uyasiphumelela isifundo okanye izifundo ebezitshonile kuqala.
(b) Uzuza amanqaku aphucula iziphumo kwisifundo eso ubuncinane ngesimboli enye.

Ukubuyiselwa kweentlawulo zokumakishwa kwakhona kwezikripthi kuya kwenziwa kwakuba nje kugqitywe inkqubo yokumakishwa kwakhona kwazo zonke izifundo.

4.2 Ngako oko ke, kubaluleke kakhulu ukuba irisithi ekhutshwe njengobungqina bentlawulo yeefizi zokumakishwa kwakhona kwezikripthi igcinwe indawo ekhuselekileyo.

5. IZICELO
5.1 Isicelo sokumakishwa okanye sokutshekishwa kwakhona kwezikripthi masenziwe kwifom emiselweyo. Makungeniswe iifom ezahlukeneyo zokumakishwa okanye zokutshekishwa kwakhona kwezikripthi zeemviwo. Izicelo zingangeswa kwaNdlunkulu weSebe leMfundo (kwicandelo laBanzelwa iiNkonzo, kuMgangatho 2) (Client Service Division, 2nd Floor) okanye ziposelwe kule dilesi ilandelayo:
Head:  Education 
Attention: Examinations Directorate
Western Cape Education Department
Private Bag X9114
CAPE TOWN
8000
5.2 Kwimeko apho kufuneka kubuyiselwe intlawulo, makungeniswe kwakhona le fom ye-BAS nesicelo ngasinye sokumakishwa kwakhona kwesikripthi.

Umviwa ongenayo I akhawunti yebhanki makazalise inkcukacha zebhanki zomzali okanye zomgcini wakhe xa ezalisa ifom ye- BAS.


6. IMIBUZO

Iifomu zingacelwa kwezi nombolo needilesi zoqhagamshelwano zilandelayo, okanye zikotshwe kwiziko le WCED.

021 467 2009 okanye i-imeyili: njanda@pgwc.gov.za
021 467 2994 okanye i-imeyili: mbuys@pgwc.gov.za
021 467 2459 okanye i-imeyili: kdarvel@pgwc.gov.za
021 467 2285 okanye i-imeyili: rscheepers@pgwc.gov.za
Webadres: http://wced.wcape.gov.za/circulars/index


ISAYINWE: NGU-A.P. CLAUSEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:09:04

Application form for re-check / re-mark  (ubukhulu: 22 KB)
Bas-form  (ubukhulu: 34 KB)