1. UKUMAKISHWA KWAKHONA KWEENCWADI ZEEMPENDULO (SCRIPTS)

Iincwadi zeempendulo zabafundi zinokumakishwa kwakhona kwezi meko zilandelayo:

1.1 Umfundi oye watshona isifundo esinye okanye ezingaphezu koko kwiiMviwo zeMfundo yaBadala yeNqanaba 4 unokwenza isicelo sokuba iincwadi zeempendulo zakhe kweso sifundo (kwezo zifundo) zimakishwe kwakhona.
1.2 Izicelo zokumakishwa kwakhona kweencwadi zeempendulo, kunye nemali emiselweyo eyi-R70.00 ngenkalo yesifundo nganye, zifanele ukuba zifike kwiSebe leMfundo zingadlulanga iintsuku ezingamashumi amathathu (30) emva kokuba iziphumo zeemviwo zikhutshwe ngokusesikweni. Akukho sicelo sokumakishwa kwakhona, sokutshekishwa kwakhona kunye/okanye sokubonwa kweencwadi zeempendulo kuya kunikwa ngqwalaselo ngaphandle kokuba intlawulo emiselweyo ihamba nesicelo lingadlulanga ixesha elikhankanyiweyo.
1.3 QAPHELA: Umhla wokugqibela wokumakishwa kwakhona kweencwadi zeempendulo zeemviwo ngo-Oktobha/Novemba 2006 ziintsuku ezingamashumi amathathu (30) emva kokuba iziphumo zeemviwo zikhutshwe ngokusesikweni.
1.4 Umfundi ngamnye uya kwaziswa ngesiphumo sakhe sokumakishwa kwakhona kweencwadi zeempendulo yaye akukho ziphumo ziya kwaziswa ngefoni.

2. UKUTSHEKISHWA KWAKHONA KWEENCWADI ZEEMPENDULO
2.1 Abafundi bavumelekile ukuba benze izicelo zokuba iincwadi zeempendulo zabo zitshekishwe kwakhona ukuqinisekisa ukuba zonke iimpendulo zamakishwa aze amanqaku adityaniswa alungiswa ngokuchanekileyo.
2.2 Isicelo sokuba iincwadi zeempendulo zabo mazitshekishwe kwakhona masenziwe zingadlulanga iintsuku eziyi-30 emva kokubhengezwa kweziphumo. Intlawulo yi-R12.00 ngesifundo ngasinye yaye ayibuyiselwa.
2.3 Abenzi-sicelo baya kwaziswa ngeleta malunga neziphumo zokutshekishwa kwakhona kweencwadi zeempendulo zabo, kwaye apho kuyimfuneko, kuya kukhutshwa iNgxelo yeZiphumo efakelwe izilungiso (amended Advice of Results).

3. UKUBONWA KWEENCWADI ZEEMPENDULO
3.1 Abafundi bangazijonga iincwadi zeempendulo ngentlawulo eyi-R150.00 isifundo/inkalo yesifundo nganye. Le ntlawulo ayibuyiselwa.
3.2 Makungeniswe isicelo esibhaliweyo, esinika izizathu zokwenziwa kwesicelo eso, kwiNtloko yeSebe leMfundo zingadlulanga iintsuku ezingamashumi amathathu (30) emva kokuba iziphumo zokumakishwa kwakhona kweencwadi zeempendulo zazisiwe.
3.3 Umfundi uya kuvunyelwa ukuba ayibone incwadi yeempendulo (iincwadi zeempendulo) echaphazelekayo yaye unako ngenxa yoko ukufaka isikhalazo kwithuba leentsuku ezisixhenxe. ISebe leMfundo liya kuthi emva koko lithathe isigqibo sokugqibela malunga neziphumo.
3.4 QAPHELA: Izicelo zokubonwa kweencwadi zeempendulo, ezihamba nentlawulo emiselweyo, mazifike kwiSebe leMfundo, zingadlulanga iintsuku ezingamashumi amathandathu (60) emva kokwaziswa ngokusesikweni kweziphumo.

4. IMBUYISELO YENTLAWULO YOKUMAKISHWA KWAKHONA KWEENCWADI ZEEMPENDULO
4.1 Imbuyiselo yentlawulo yokumakishwa kwakhona kweencwadi zeempendulo iya kwenziwa nje ukuba inkqubo yokumakisha kwakhona ibe igqityiwe. Iindleko ekuye kwangenwa kuzo zokumakishwa kwakhona kwayo nayiphi na inkalo yesifundo iya kubuyiselwa ukuba, kuthe ngenxa yezizathu zokumakisha kwakhona, umfundi
(a) wayiphumelela inkalo yesifundo (iinkalo zezifundo) ebeyitshonile (ebezitshonile) kuqala.
(b) wazuza isimboli engaphezulu kwisifundo eso/kwinkalo yesifundo eso.
4.2 Imali yokumakishwa kwakhona kweencwadi zeempendulo yi-R70.00 kwinkalo yesifundo nganye. Kubalulekile ukuba irisithi ekhutshwayo ebubungqina bentlawulo igcinwe kwindawo ekhuselekileyo.

5. IZICELO

Isicelo sokumakishwa kwakhona okanye sokutshekishwa kwakhona kweencwadi zeempendulo masenziwe kwifom emiselweyo.

5.1 QAPHELA: Makungeniswe iifom ezahlukeneyo zokumakishwa kwakhona okanye zokutshekishwa kwakhona kweencwadi zeempendulo zeemviwo.
5.2 Ifom ye-BAS eqhotyoshelweyo mayingeniswe nefom yesicelo ukulungiselela nayiphi na imbuyiselo-mali enokuthi yenziwe.

Umfundi ongenayo i-akhawunti yebhanki makasebenzise iinkcukacha zebhanki zomzali wakhe okanye zomgcini wakhe xa ezalisa ifom ye-BAS. (Iifeksi okanye iikopi zeefom ze-BAS aziyi kwamkeleka.)


6. IMIBUZO

Iifom zinokucelwa kwezi nombolo zoqhagamshelwano needilesi ezilandelayo, okanye zingakhutshelwa ekhompyutheni zithathwa kwiziko lewebhu le-WCED elilapha ngezantsi.

021 467 2009 okanye i-imeyili: njanda@pgwc.gov.za
021 467 2994 okanye i-imeyili: mbuys@pgwc.gov.za
021 467 2459 okanye i-imeyili: kdarvel@pgwc.gov.za
021 467 2285 okanye i-imeyili: rscheepers@pgwc.gov.za
Idilesi yeziko lewebhu: http://wced.wcape.gov.za/circulars/index
Head: Education 
Attention: Examinations Directorate
Western Cape Education Department
Private Bag X9114
CAPE TOWN
8000


ISAYINWE: NGU-A.P. CLAUSEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:08:31

Application form for re-marking or re-checking  (ubukhulu: 17 KB)
Bas-form  (ubukhulu: 34 KB)