1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) liya kuqhuba uvavanyo lweNqanaba 4 (Level 4 assessment) ngoJuni 2006 ngokungqinelana nemigaqo, imilinganiselo nemigangatho esetyenziswayo ICandelo loLawulo lweeMviwo liya kuququzelela lize liqhub uvavanyo ukuze iCandelo loPhuhliso lweKharityhulam libonelele ngolwazi lweengcali kwezekharityhulam oluyimfuneko.
2. Ayacelwa onke amaZiko eMfundo yaBadala asekuHlaleni eSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED Community Learning Centres (CLCs)) abhaliswe ngokusemthethweni, ukuba abhalise abafundi bawo ukuze bavavanywe kwiinkalo zezifundo abazikhethayo, ngokuxhomekeka ekubeni abafundi abo bayigqibile yonke imilinganiselo yemigangatho (unit standards) kwiinkalo zezifundo ezichaphazelekayo. Apho kunokwenzeka, kuya kuhlangatyezwana nazo zonke iimfuno zeenkalo zezifundo zabafundi. Nangona kunjalo, iCandelo leeViwo linelungelo lokungalwenzi uvavanyo kwiinkalo zezifundo apho bambalwa kakhulu abafundi ababhalisele ukungenela uvavanyo.
3. Uvavanyo lwenza i-50% yamanqaku ize enye i-50% ivele kwiphothifoliyo ye-CASS emodareyithiweyo (moderated CASS portfolio).
4. Siza kukhutshwa kungekudala isicwangciso samaxesha okubhala (timetable) sovavanyo kuJuni 2006.
5. Bayacelwa abaphathi bamaziko ukuba bazalise ifom enye kwezo zobhaliso zifakwe apha ngokumalunga nomfundi ngamnye kumaziko abo onqwenela ukungenela olu vavanyo. Ifom yokungenela uvavanyo yomfundi ongekhoyo ngenxa yokugula okanye ngenxa yeemeko ezingenakuthintelwa mayisayinwe ngumphathi weziko, noya kuthi nangona kunjalo, abonise ngakwisiginitsha yakhe ukuba umfundi ebengekho.
6. Uhlobo lwefom yokungenela (Entry type): Sebenzisa ikhowudi efanelekileyo ukubonisa ukuba ngaba umfundi uvela kwiziko leSebe likarhulumente (“Public”) okanye kwiziko lemfundo lorhwebo (“Industry”) elizimeleyo.
7. Kucelwa uqaphele ukuba akukho lutshintsho kwiinkalo zezifundo luya kuvunyelwa emva kokuba iifom zokungenela (entries) zigqityiwe. Ngako oko ke iifom zokungenela mazizaliswe ngokuchanekileyo nangononophelo olukhulu.
8. Zonke iifom zokungenela ezifakwe zonke iinkcukacha zaza zacwangciswa ngokwe-alfabethi, nesiHlomelo A mazifike kwiCandelo leeViwo engadlulanga uLwesine, wama-23 Matshi 2006. Akukho zifom zingeniswe emva kwexesha ziya kwamkelwa.
9. Izikhokelo ngokumalunga nokumiselwa kwemigangatho (standardisation), izibheno (appeals) nokukhutshwa kwezatifikethi (certification), zingafunyanwa kule Setyhula 0027/2004 kwaye mazifundwe kunye nolu xwebhu National Policy on the Conduct of the ABET level 4 examinations, olwanikwa amaZiko eMfundo yaBadala kaRhulumente (Public Adult Learning Centres) ngo-2002. Olu xwebhu lwapapashwa kwiGazethi kaRhulumente uMqulu 445, 23590 yowe-5 Julayi 2002 ( Government Gazette Volume 445, 23590 of 5 July 2002 ) yaye lukwafumaneka nalapha: http://www.gov.za/gazette/notices/2002/23590.pdf  [ubukhulu: 2,97 MB].


ISAYINWE: NGU-L.C. ARENDSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:01:20

Entry form  (ubukhulu: 14 KB)
isiHlomelo A: Centre information  (ubukhulu: 12 KB)