1. Kufakwe apha uluhlu lokuqala lwamagama abafundi ababhalisele uviwo lweBakala 9 ababhaliswe sisikolo sakho ukulungiselela uviwo luka-2006 kwaye kufuneka lutshekishwe ngononophelo.
2. Kucelwa uqaphele ukuba iCandelo leeMviwo (Directorate: Examinations) lafumana idatha kwinkqubo yokulandelela abafundi (learner tracking system) yeCEMIS ukubhalisa abafundi bezikolo zikarhulumente eziqhelekileyo.
3. Kucelwa ubonise ngokubhala ngombala OBOMVU kuluhlu oluprintiweyo (printout) nabaphi na abafundi ekubekho iimpazamo ekubhalisweni kwabo okanye abangabhaliswanga uze, kwimeko yabafundi bezikolo zikarhulumente eziqhelekileyo, ufake kwangaxeshanye loo ngcaciso intsha kwinkqubo yeCEMIS.
4. Izintlu ezilungisiweyo mazifike kwiCandelo leeMviwo engadlulanga uMvulo we-31 Julayi 2006 ukuba ziqwalaselwe ngaba Mnu L. van Gensen okanye Mnu L. Samuels, Room 417, 4th Floor, Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Cape Town, 8001.
5. Ukuba akubangakho zimpazamo zivelayo kwizintlu eziprintiweyo, nakuba kunjalo, iinqununu mazazise iCandelo leeMviwo ngokubhala ukuba iinkcukacha ezikwizintlu zichanekile ngandlela zonke.


GETEKEN: L.C. ARENDSE
HOOF: ONDERWYS
DATUM: 2006:07:12


La maxwebhu kubhekiselelwe kuwo njengaqhotyoshelwe kule setyhula, akaqhotyoshelwanga kodwa ayafumaneka njengeekopi ezingelokhutshelo (hard copies).