1. Ziyacelwa iinqununu nabaphathi bamaziko emfundo yabadala ukuba bancede babhale kwisiHlomelo A esiqhotyoshelweyo, amagama needilesi zabantu abafanelekileyo nabafunayo ukusebenza njengabagadi-baviwa abaziintloko nabagadi-baviwa abancedisayo kwiimviwo ezichazwe apha ngasentla. Ifom ezaliswe ngokupheleleyo mayingeniswe ngoko nangoko kumphathi wesekethe. Kufuneka umphathi wesekethe akuvume ukuqeshwa kwabo bantu aze angenise uluhlu lokugqibela lwamagama kwiSebe eli ungadlulanga umhla we-15 Juni 2006.
2. Ithayimthebhile yokugqibela yeeMviwo zeMatriki neeMviwo ze-ABET zeBakala 12 zango-Oktobha-Novemba 2006 iza kuthunyelwa ezikolweni kungekudala.
3. Kucelwa niqaphele le miqathango ilandelayo engokuqeshwa komgadi-baviwa oyintloko:
3.1 Umphathi wesekethe makenze udliwano-ndlebe yena buqu naloo mntu utyunjwe njengomgadi-baviwa oyintloko.
3.2 Kufuneka umphathi wesekethe aqinisekise ukuba umtyunjwa ngamnye uyakwazi ncam ukufunda, ukubhala, ukuva nokubona, kwakunye nobume bempilo yomtyunjwa lowo.
3.3 Kufuneka umphathi wesekethe aqinisekisise ukuba ngaba umtyunjwa lowo uzimisele na ukusebenza njengomgadi-baviwa oyintloko kuzo zombini iiMviwo zeMatriki zango-Oktobha-Novemba 2006 neeMviwo zangoMatshi 2007 zokuXabangela (Supplementary Examinations).
3.4 Kufuneka igxininiswe ngokucace gca kubo bonke abatyunjelwe esi sithuba sokuba ngumgadi-baviwa oyintloko into yokuba, xa bevuma ukuqeshwa njengomgadi-baviwa oyintloko, mabazi ukuba baza kuba nako ukugada abaviwa nangethuba leemviwo zangoMatshi 2007, ukuba kuye kwafuneka benze ngolo hlobo.
3.5 Abenzi-sicelo okanye abatyunjwa abenze izicelo kwizithuba zengqesho ezisisigxina kwezinye iindawo, kukhethwa ukuba bangaqwalaselwa kwezi zithuba zengqesho.
3.6 Makaxelelwe umgadi-baviwa oyintloko ukuba unyanzelekile ukuba aye kwiiseshoni zoqeqesho lwabagadi-baviwa. Abagadi-baviwa abaziintloko abahlala kumgama oyi-75 km ukusuka esikolweni okanye kwiziko ekuqhutyelwa kulo uqeqesho, baya kuthi, ukulungiselela injongo yoqeqesho, bahlawulwe intlawulo yeseshoni enye ngaphezulu. Abahlawulwa abagadi-baviwa ngokuya kwiiseshoni zoqeqesho.
3.7 Umgadi-baviwa oyintloko makancedise inqununu ekutshekisheni yonke imithwalo yamaphepha emibuzo yoviwo efikileyo (consignments of question papers received).
3.8 Uya kuhlawulwa kuphela intlawulo yeseshoni enye ngaphezulu ngalo msebenzi, kungakhathaliseki nani lemithwalo yamaphepha efikileyo okanye mgama uhanjiweyo ukuza kubakho xa kusamkelwa yaye kutshekishwa imithwalo yamaphepha emibuzo yoviwo.
3.9 Umgadi-baviwa oyintloko kufuneka kwakhona ancedise inqununu ekugcineni irejista ekufuneka isayinwe yinqununu, yintloko yezifundo nangumgadi-baviwa oyintloko qho ngexesha ngalinye kukhutshwa amaphepha esefini okanye kwigumbi elinqatyisiweyo.
4. UKUTYUNJWA KWABAGADI-BAVIWA ABAZIINTLOKO

IsiHlomelo B(Ukutyunjwa kwaBagadi-baviwa abaziiNtloko) masizaliswe ngokupheleleyo size sisayinwe yinqununu okanye ngumphathi weziko ize ikopi igqithiswe ngoko nangoko kumntu otyunjwe njengomgadi-baviwa oyintloko. Le leta yokutyunjwa komgadi-baviwa oyintloko inemiyalelo ebaluleke gqitha. Ngexesha lodliwano-ndlebe nomgadi-baviwa oyintloko otyunjweyo, umphathi wesekethe, emva kokuba ezanelisile ukuba umgadi-baviwa oyintloko otyunjiweyo unako ukwenza imisebenzi eyimfuneko, makanike umtyunjwa isiHlomelo C ukuba asizalise ekufuneka emva koko loo fom isayinwe nangumphathi wesekethe.

5. UKUTYUNJWA KWABAGADI-BAVIWA ABANCEDISAYO

Inqununu okanye umphathi weziko makatsho ukuba umtyunjwa ngamnye ufanelekile ukuba enze imisebenzi yakhe yokuba ngumgadi-baviwa oncedisayo, ekuya kuthi emva koko umphathi wesekethe abonise ukuba ngaba ukutyunjwa komntu ngamnye kwamkelekile kusini na. IsiHlomelo D masizaliswe size sisayinwe ngumgadi-baviwa ngamnye ovunyiweyo.

6. UKUNGENISWA KWEEFOM

Zakuba zigqityiwe ukuzaliswa, iziHlomelo A, B, C, D no-E mazingeniswe ngoko nangoko ngumphathi wesekethe kwiCandelo leeMviwo. Kufuneka ezi fom zifike kwaNdlunkulu ungadlulanga umhla we-15 Juni 2006 kwaye mazibhalwe ngolu hlobo “For attention: Ms V.D. du Plessis/Mrs P.M. Liguma”. Kucelwa baqininisekise abaphathi beesekethe ukuba zonke iifom zesikolo esithile okanye zeziko elithile zithunyelwa kwiSebe leMfundo kunye ngaxeshanye, zingahlula-hlulwa, ukwenzela ukuthintela ukulibaziseka okungeyomfuneko kwenkqubo yokuqesha.

Ngabaphathi beesekethe amabaqeshe bonke abagadi-baviwa kwisikolo okanye kwiziko elithile, o.k.t. kuwo onke amaziko okubhalela iimviwo apho kukho abaviwa abasisigxina (full-time), be-ABET beBakala 12 kunye nabaviwa babucala (apho kusebenzayo oku).

Akukho mntu okuqeshwa kwakhe kungavunywanag ngumphathi wesekethe makenze nayiphi na imisebenzi njengomgad-baviwa. Makungaze naphantsi kwazo naziphi na iimeko, abagadi-baviwa baqeshe abantu bokubabambela, nakowuphi na umsebenzi wabo okanye inxalenye yawo. Ukuba kukho iimeko ezithintela umgadi-baviwa oyintloko okanye umgadi-baviwa oncedisayo ekubeni asuphavayize uviwo, makuqeshwe ibambela yinqununu okanye ngumphathi weziko, ngokubhungisana nomphathi wesekethe. ISebe leMfundo malaziswe ngoko nangoko malunga noku. Abo babambeleyo kufuneka nabo bangenise iinkcukacha zabo ze-akhawunti yebhanki kwisiHlomelo E.

7. Kwiimeko eziqhelekileyo, akukho namnye umntu omakaqeshwe njengomgadi-baviwa oyintloko okanye njengomgadi-baviwa oncedisayo ukuba:
(a) ungaphantsi kweminyaka eyi-25 ubudala
(b) usisizalwane somviwa obhala uviwo okanye sikatitshala ofundisa kwisikolo ekuza kubhalelwa kuso uviwo okanye sikatitshala olungiselela abaviwa ukubhala olo viwo
(c) wenza nantoni na enxulumene nootitshala okanye nabasebenzi besikolo okanye behostele ekuhlala kuyo abaviwa besikolo esithile,
(d) uyindoda okanye ungumfazi okanye usisizalwane somgadi-baviwa oyintloko.
8. Abagadi-baviwa abaziintloko kufuneka babenebanga lemfundo ubuncinane eliyiMatriki ukuze abagadi-baviwa abancedisayo ubuncinane babe neBanga 8 (Standard 8). Ukuba akunjalo, makungeniswe ileta ebhaliweyo echaza isizathu sokutyunjwa kwalowo.
9. Ukuba kukho ngaphezu kwabaviwa abayi-30 ngeseshoni yoviwo enye, iSebe leMfundo lizimisele ukuqesha umgadi-baviwa omnye ngeqela ngalinye labaviwa abayi-30 ngaphezulu okanye inxalenye yeli nani kulo seshoni, okanye umgadi-baviwa oncedisayo omnye kwigumbi ekubhalela kulo abaviwa, ngokuxhomekeka ekubeni kusetyenziswa yonke indawo yokubhalela yegumbi ngokupheleleyo phambi kokuba kongezwe elinye igumbi. Kwiiseshoni apho kukho inani elincinane kuphela labaviwa (ababini ubuncinane) kuya kufuneka iinkonzo zomgadi-baviwa omnye oncedisayo. Kwimeko enje ngale umgadi-baviwa oyintloko akayi kuyenza imisebenzi eqhelekileyo, ngaphandle kokubambela umgadi-baviwa oncedisayo xa kufuneka ekhaphe umviwa ovunyelwe ukuba aphume kwigumbi lokubhalela ngenxa yezizathu ezingxamisekileyo nezamkelekileyo. Xa kukho iimviwo zethiyori nezeprakhthikhali (theory and practical assessments) ngeseshoni enye, makusetyenziswe iinkonzo zomgadi-baviwa oncedisayo. Apho kufuneka iinkonzo zabagadi-baviwa ababini nangaphezulu ngeseshoni apho kukho amagumbi amabini nangaphezulu asetyenziswa ngaxeshanye, umgadi-baviwa oyintloko akayi kwenza imisebenzi yesiqhelo yokugada abaviwa.

Imizekelo:


Inani labaviwaInani labagadi-
baviwa abaziintloko
Inani labagadi-
baviwa abancedisayo
211
3011
3112

ICandelo leeMviwo malaziswe ngoko nangoko ukuba ngaba kufuneka kongezwe abagadi-baviwa.

Ngenxa yeemfuno ezizodwa zabaviwa bezikolo ezineemfuno zemfundo ezizodwa, ingayekelelwa imiqathango yemihlathi 7.4 no-7.5 kwakufunyanwa iincwadi ezingeniswayo ezicacisa gca iimfuno ezichaphazelekayo

10. Apho bonke abaviwa bangabesini esinye, ngoko ke omnye wabagadi-baviwa nokuba ngaba ngumgadi-baviwa oyintloko okanye ubuncinane omnye kumbagadi-baviwa abancedisayo makabe ngowesini esinye njengabaviwa. Apho abaviwa ingamadoda nababhinqileyo, ngoko ke ubuncinane umgadi-baviwa omnye makabe ngumntu ongesosini sinye neso somgadi-baviwa oyintloko.

Abagadi-baviwa baqeshwa ngenxa yokuba besazi ngokucace gca ukuba, ngexesha leeyure zoviwo, uya kujongana kuphela ngokupheleleyo nokugada abaviwa yaye akayi kuthi nakanye afunde, abhale, anithe okanye enze nanye into engomnye umsebenzi onokuphazamisa nokwenziwa komsebenzi wakhe wokugada abaviwa. Makangaze umgadi-baviwa naphantsi kwayo nayiphi na imeko ashiye abaviwa, bengasuphavayizwanga kwigumbi lokubhalela uviwo.

ISebe leMfundo liya kuqesha ze lihlawule abagadi-baviwa ngokwemigaqo ebekiweyo yeSebe. Izikolo ezizimeleyo neekholeji luxanduva lwazo ukuhlawula abagadi-baviwa bazo. Nakuba aba bagadi-baviwa bengahlawulwa liSebe leMfundo, iinqununu zezikolo ezizimeleyo neentloko zeekholeji neentsumpa zeentolongo maziqaphele ukuba kunyanzelekile nazo ukuba zizalise iifom zokuvuma kwabatyunjelwe ukugada abaviwa (IziHlomelo C no-D) zize zizibuyisele ezi fom kwiSebe leMfundo.

11(a) Abagadi-baviwa abaziintloko bezikolo ezizimeleyo neekholeji mabangenise iifom zamabango abo entlawulo ngomsebenzi wokugada abaviwa abawenzileyo kwinqununu okanye kumphathi weziko lemfundo, oya kuthi enze amalungiselelo entlawulo yabo. Abasebenzi abakwiintolongo abasebenza njengabagadi-baviwa kuViwo lweMatriki abafumani ntlawulo yongezelelweyo. Nakuba kunjalo, ukuba abagadi-baviwa ezintolongweni, abaqeshwanga ngokusisigxina kwinkonzo yeentolongo, ngoko ke malaziswe iSebe leMfundo ngokubhalelwa ileta.

Abasebenzi abangoomabhalane nootitshala abafumana imivuzo yabo kwiSebe leMfundo nabakwasebenza njengabagadi-baviwa abayi kuhlawulwa liSebe leMfundo ngokwenza umsebenzi wokugada abaviwa.

(b) Intlawulo ekhutshwayo ngoku yokugada abaviwa ngeseshoni yi-R85,10 kumgadi-baviwa oyintloko ize ibe yi-R56,75 ngeseshoni kumgadi-baviwa oncedisayo. (Ezi ntlawulo zinokutshintshwa nanini na.)
(c) Akusayi kuthi naphantsi kwazo naziphi na iimeko kuhlawulwe iindleko zeehambo zabagadi-baviwa. Ngako oko ke, iinqununu nabaphathi bamaziko mabaqeshe abagadi-baviwa, abahlala kufutshane nendawo efumana iinkonzo kweso sikolo okanye kwelo ziko lemfundo.

Imigaqo emalunga nokuhlawulwa kweRhafu yoMqeshwa (IRP 10) imisela ukuba yonke imivuzo yabantu abakwizithuba zengqesho ezingesosigxina, ifanele ukuxhuzulwa irhafu eyi-25%.

ISebe leMfundo liya kuthi ngenxa yoku lixhuzule irhafu eyi-25% ngokumalunga nabo bonke abagadi-baviwa abahlawulwayo ngenxa yeenkonzo abazenzileyo.

Imizekelo:
 Inani leeseshoniIntlawuloIntlawulo engekax-
huzulwa rhafu
IrhafuIntlawulo exhuzulwe
irhafu
Umgadi-baviwa oyintloko12R 76.60R919.20R229.80R689.40
Umgadi-baviwa12R 51.05R612.60R153.15R459.45

Ngako oko ke, akukho mfuneko yokungeniswa kwemiyalelo yokuxhuzulwa kwerhafu kubaqeshwa (tax deduction directive) (IRP 3s). Abagadi-baviwa abafanele ukuxolelwa ngokupheleleyo okanye ukuxolelwa ngokuyinxenye kwintlawulo yerhafu yabaqeshwa, mabathi bakufumana izatifikethi ze-IRP5 zabo (iinkcukacha zentlawulo yokutsalwa kwerhafu yengeniso) ezivela kwiSebe leMfundo, bazingenise kwi-ofisi yakwa-Revenue Services ekuloo ndawo bahlala kuyo, kwakunye nale fom emiselweyo u-IT 2 S. Izatifikethi ze-IRP5 zidla ngokuthunyelwa ngeposi kumakhaya abagadi-baviwa okanye kwiidilesi zeposi zabo ngoMeyi nangoJuni wonyaka olandela lowo wokugada kwabo abaviwa.

(d) Ukuze kukhawuleziswe intlawulo yamabango abagadi-baviwa, kufuneka ngamnye umgadi-baviwa oyintloko nomgadi-baviwa oncedisayo abhale inombolo yakhe yesazisi (identity number) kwifom yokwamkela ukuqeshwa aze aqhoboshele ikopi yesazisi (ID document) kunye nesiqinisekiso somtshato (apho sichaphazelekayo).
(e) Ezo zikolo zavumayo ngo-2005 ukuba intlawulo yabagadi-baviwa ifakwe kwi-akhawunti yebhanki yesikolo, kuya kulandelwa kwaloo nkqubo inye nango-2006. IsiHlomelo E masizaliswe kuphela ngabatyunjwa bezo zikolo zingayi kuba nako ukuncedisa kwiintlawulo yabagadi-baviwa bazo ngokuthi imali yabo ifakwe kwi-akhawunti yebhanki yesikolo. Makuzaliswe ifom yesiHlomelo E ize ingqinwe yibhanki echaphazelekayo ukuba i-akhawunti yebhanki yechanekileyo nokuba yesasetyenziswayo (active).
12. INDAWO YOKUHLALA KWIGUMBI LOKUBHALELA UVIWO

Ubuncinane kwithuba lenyanga enye phambi kokuba kuqale iimviwo, ngumsebenzi womgadi-baviwa oyintloko, ngokubhungisana nenqununu okanye nomphathi weziko, ukuqinisekisisa ukuba kukho indawo yokubhalela abaviwa efanelekileyo neyaneleyo yabo bonke abaviwa abaza kubhala uviwo.

Abaviwa mabahlaliswe kwindawo enesithuba esaneleyo phakathi kwabo ukwenzela ukuba kuthintelwe naziphi izenzo ezitenxileyo ezinokwenzeka. Makusetyenziswe iholo yesikolo okanye loo magumbi maninzi kangangoko kufuneka ukwenzela ukuba kubekho esi sithuba silandelayo phakathi kweedesika okanye kweetafile ekuya kuhlala kuzo abaviwa:

isithuba esiyi-150 cm kumacala
omabini edesika okanye etafile nganye isithuba esiyi-120 cm ngaphambili nangasemva
kwedesika okanye kwetafile nganye

Umphathi wesekethe makatyelele amaziko ekubhalelwa kuwo iimviwo kwisekethe yakhe ukuqinisekisa ukuba uyenziwa lo myalelo.

13. Ziyacelwa iinqununu nabaphathi bamaziko ukuba bancede baqinisekise, ngokubhungisana nomphathi wesekethe, ukuba kwenziwe amalungiselelo anelisayo ukuze kuqinisekiswe ukuba abaviwa abayi kuphazamiseka ngexesha leeseshoni zokubhalwa kweemviwo.
14. KUCELWA UNIKE IKOPI YALE NGCACISO EMFUTSHANE ENGEEMVIWO UMGADI-BAVIWA OYINTLOKO, KWAKUNYE NOMGADI-BAVIWA ONCEDISAYO NGAMNYE.


ISAYINWE: NGU-A.P. CLAUSEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:05:19

Isihlomelo A  (ubukhulu: 8 KB)
Isihlomelo B  (ubukhulu: 7 KB)
Isihlomelo C  (ubukhulu: 9 KB)
Isihlomelo D  (ubukhulu: 11 KB)
Isihlomelo E  (ubukhulu: 21 KB)