1. Kufakwe apha iishedyuli zamanqaku eziveliswe ngekhompyutha ngenjongo yokuba zizaliswe ngabacebisi ngezekharityhulam ukulungiselela iimvavanyo zokunika ulwazi (formative assessments) kwiinkalo zezifundo zabo.
2. Nganye ishedyuli yamanqaku inekopi yentsusa (original copy) neekopi zekhabhoni ezintathu. Emva kokuba inkqubo yokumodareyitha igqityiwe namanqaku efakiwe kwishedyuli yamanqaku eveliswe ngekhompyutha, mazisuswe iikopi zekhabhoni ezimbini ezingaphantsi. Enye yezi kopi yenzelwe iirekhodi zeziko elo ize enye ibe yeyeerekhodi ze-EMDC.
3. Kucelwa usebenzise uluhlu lokutshekisha (control list) oluqhotyoshelweyo ukujonga amaziko nokuqinisekisa ukuba zonke iishedyuli zamanqaku zingenisiwe kwiSebe leMfundo.
4. Qaphela ukuba abacebisi ngezekharityhulam banoxanduva
  • lokumodareyitha iimvavanyo zokunika ulwazi (formative assessments) kwiinkalo zezifundo zabo, kunye

  • nokungenisa iishedyuli zamanqaku kwiCandelo leeMviwo.

5. Makulandelwe le nkqubo ilandelayo xa kuzaliswa iishedyuli zamanqaku:
5.1 Amanqaku omviwa ngamnye makabhalwe kwikholam efanelekileyo kusetyenziswe amanani amathathu, umz. 013, hayi u-13.
5.2 Akuvumelekile phantsi kwazo naziphi na iimeko ukungabhalwa kwamanqaku omviwa. Makanikwe amanqaku ngamnye umviwa onombolo yakhe yovavanyo ikwishedyuli yamanqaku. Oku makwenziwe nakubaviwa
  • abenze sicelo sokutshintsha iziko,

  • ebebengekho ithuba elide apha enyakeni, nabo

  • bebengekho ngosuku lokumodareyitha.

5.3 Ukuba akukho manqaku omviwa akhoyo, makubhalwe u-999 (akakho) kuxwebhu lwamanqaku. Aba baviwa abayi kufumana ziphumo kwinkalo yesifundo leyo. Uziro (000) unikwa kuphela xa umviwa engenise umsebenzi angafanele kufumana manqaku ngawo.
5.4 U-“TOTAL” (Emazantsi oxwebhu lwamanqaku) ngowokusetyenziswa yi-ofisi kuphela.
6. Bayacelwa abacebisi ngezekharityhulam ukuba bancede baqinisekise ukuba iishedyuli zamanqaku ezizalisiweyo (uxwebhu lwentsusa kunye nekopi yalo) zifika kweli candelo Directorate: Examinations, For attention: Messrs L. Van Gensen / C. Slee, Western Cape Education Department, Room 417 (4th Floor), Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Cape Town, 8001 ungadlulanga uLwesihlanu, we-2 Juni 2006.


ISAYINWE: NGU-C.D. BIRTLES
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:05:18


La maxwebhu kubhekiselelwe kuwo njengaqhotyoshelwe kule setyhula, akaqhotyoshelwanga kodwa ayafumaneka njengeekopi ezingelokhutshelo (hard copies).