1. Uluhlu lokugqibela lwamagama ababhalisele ukuhlalela ezi mviwo zikhankanywe apha ngentla lufakwe apha. Malufayilishwe ukulungiselela iinjongo zokugcinwa kweerekhodi.
2. Iinombolo zoviwo zabafundi eziprintwe kolu luhlu ziinombolo zokugqibela zoviwo ezinikwe umfundi ngamnye ongumviwa.
3. Bayacelwa abaphathi bamaziko ukuba batshekishe ukuba zonke iinkcukacha zabaviwa zichanekile.
4. Kucelwa niqaphele ukuba ngoku ligqithe kade ixesha lokucela ukuba iSebe lenze utshintsho kwiinkalo zezifundo. Abaviwa abatshintshe iinkalo zezifundo bezenzela ngokwabo, abayi kufumana ziphumo ngokubhala uviwo kwinkalo yesifundo entsha ekhethwe ngabo njengoko oko kuya kuthathwa njengokubhalisela uviwo okungagunyaziswanga (unauthorised entry).


ISAYINWE: NGU-CD BIRTLES
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:05:18


La maxwebhu kubhekiselelwe kuwo njengaqhotyoshelwe kule setyhula, akaqhotyoshelwanga kodwa ayafumaneka njengeekopi ezingelokhutshelo (hard copies).