1. Kufakwe apha uluhlu lokuqala lwamagama abafundi ababhalisele uviwo abasisigxina kunye/okanye beABET ababhaliswe sisikolo sakho ukulungiselela uViwo lweMatriki luka-2006 kwaye kufuneka lutshekishwe ngononophelo. Iinkcukacha zobhaliso zomfundi ngamnye ziboniswe kwezi zintlu ziprintiweyo zifakwe apha. Ukuba kuye kwakho nawuphi na umfundi obhaliswe ngempazamo, oku makuboniswe ngombhalo obomvu kuluhlu oluprintiweyo. Ezinye izikolo zinikwe uluhlu lwabafundi ababhaliso lwabo lungakhutshwanga kwiNkqubo ye-CEMIS lwafakwa kwiNkqubo yoViwo ngenxa yokuba iikhowudi zezifundo zeSebe leMfundo leNtshona Koloni zingasasebenzi ngokusemthethweni. Amagama aba bafundi akayi kuvela kuluhlu lokuqala lwamagama abo babhalisele uviwo (preliminary schedules). Makuzaliswe le fom yokubhalisa amagama iqhotyoshelweyo ngokumalunga naba bafundi. (Kucelwa wenze ezinye iikopi ukuba ngaba kufuneka iifom ezingaphezulu.)
2. Le Ngcaciso eMfutshane (Examinations Minute) mayifundwe kunye neSetyhula 0013/2004 yomhla wesi-5 Matshi 2004, kwaye kusagxininiswa oku kulandelayo:
(a) Umhla wokuvalwa kwezicelo zokutshintsha amahlelo ezifundo (subject grades) ngenxa yeemeko ezingaqhelekanga kakhulu wawungowama-30 Apreli 2006. Kodwa ngoku kuthe ngenxa yokuqaliswa kweNkqubo ye-CEMIS ngokumalunga nobhaliso lwabafundi, wahlehliswa lo mhla ukuba uye kutsho kowe-22 Meyi 2006.
(b) iwa abatshintsha isifundo okanye uhlelo (grade) ngokungekho mthethweni abayi kufumana ziphumo zeso sifundo. Inkqubo eyayisetyenziswa kwixesha elidlulileyo, yokubamba iziphumo zaba baviwa iintsuku ezili-14, iye wapheliswa. Baya kuthi, nakuba kunjalo, bavunyelwe ukubhalisela isifundo okanye uhlelo (grade) olukhethwa ngabo kuviwo lokuxabangela (supplementary examinations) ngoFebruwari-Matshi.
3. Ezi nkcukacha zilandelayo zomviwa ngamnye mazitshekishwe ukuba zichanekile na ngokuzithelekisa neerekhodi zesikolo zize emva koko zingqinwe ngumviwa:
3.1 Iinkcukacha zomviwa buqu: Inombolo yesazisi, umhla wokuzalwa, isini, upelo lwegama (lwamagama) nefani (Kucelwa ubonise naziphi na iimpawu zobhalo (diacritical marks) ezisegameni/kwifani yomfundi umz. ê, ë okanye é kwisiHlomelo A esiqhotyoshelweyo), idilesi, inombolo yefoni, ulwimi akhethwa ukuba sibhalwe ngalo isatifikethi nolwimi ekufundiswa ngalo, kwakunye nobume bemeko yabafundi abavela kwamanye amazwe (immigrant status) apho kusebenzayo oku (Makuboniswe kwisiHlomelo B esiqhotyoshelweyo.). Apho inombolo ye-ID ingaveliyo kuluhlu kwaye isikolo sasiyinikile inombolo ye-ID, makuqhotyoshelwe ikopi ye-ID.

QAPHELA: IZATIFIKETHI ZIPRINTWA KUPHELA NGESINGESI, NGESI-AFRIKANSI/NESINGESI KUNYE NGESIXHOSA/NESINGESI.

3.2 Makwenziwe ngenyameko mpela ukwenzela ukuba kuqinisekiswe ukuba unobumba “M” uyavela kwikholam “MT” kwabo baviwa banikwe uxolelo (exemption) kwimfuno engummiselo yokuba bapase okanye bafunde uLwimi lwesiBini lwaseburhulumenteni. Ukuba abuboniswanga ubume bemeko yomviwa ovela kwelinye ilizwe (immigrant status), makubhalwe kule kholam inombolo yesalathiso (reference number) kunye nomhla wesigunyaziso sokunikwa uxolelo (exemption) ekufundeni ulwimi. Nceda ufake izalathisi R-deaf no-S-blind kwikholam “MT” kubaviwa abalolu hlobo.
3.3 Tshekisha ukuchaneka kwazo zonke izifundo kunye namahlelo (grades). Naluphi na utshintsho kwizifundo okanye kumahlelo (grades) okanye kuzo zombini maluboniswe ngokucima sonke isifundo (izifundo) okanye lonke uhlelo (amahlelo) okanye zombini. Isifundo kunye/okanye uhlelo oluchanekileyo malubhalwe kakuhle (neatly) phantsi kwala magama “Number of Subjects”. Zonke izinto ezitshintshiweyo mazibhalwe nge-inki ebomvu.
3.4 Inani elibhalwe phantsi kwesihloko “For Head Office use only”, “Previous examination number” kunye nalapha “Entry number” kwizintlu eziprintiweyo malingathathelwa ngqalelo njengoko oku kwenzelwe ukuba kusetyenziswe liSebe leMfundo kuphela.
3.5 Ubhaliso lomviwa ngamnye kuluhlu oluprintiweyo luya kuba nesalathisi seMatriki okanye isalathisi sesatifikethi sematriki sokudlulela phambili (matriculation endorsement indicator):
  • Ukuba umviwa wenza izifundo zeMatriki engazi kufumana isatifikethi sokudlulela phambili (without matriculation endorsement), irekhodi yakhe iya kubonisa oku “SC”.

  • Ukuba ukhetho lwezifundo lomviwa lolo lwezifundo zeMatriki zesatifikethi sokudlulela phambili (matriculation endorsement), irekhodi yakhe iya kubonisa oku “SC/M”.

  • Xa kuyimeko yomfundi ongalufezekisiyo ukhetho oluyimfuneko lwezifundo zematriki zesatifikethi sokudlulela phambili (matriculation endorsement), oko kanye kufunekayo (exact requirement) kuya kubonisa ngoku “error report”.

QAPHELA: IINKCUKACHA ZABO BONKE ABAVIWA ABABHALISILEYO ZITSHEKISHELWA UKUJONGA UKUBA ZIYANGQINELANA NA NEEMFUNO EZINGUMMISELO ZESATIFIKETHI SOKUDLULELA PHAMBILI (MATRICULATION ENDORSEMENT).

4. Iinkcukacha ezikwizintlu eziprintiweyo ziya kusetyenziselwa iinjongo zokuvelisa iziphumo zoviwo, zokuprinta izatifikethi, njl. njl. Ngako oko ke, kunyanzelekile ukuba irekhodi yomviwa ngamnye itshekishwe ngenyameko enkulu kweli nqanaba ukuze kupheliswe iimpazamo ngexesha lokuveliswa kweziphumo zoviwo.
5. Ukuba akubangakho zimpazamo zivelayo kwizintlu eziprintiweyo, nakuba kunjalo, iinqununu okanye abaphathi bamaziko kufuneka bangqine ngokubhala ukuba iinkcukacha ezikuluhlu zichanekile ngandlela zonke.
6. Ukuba inqununu okanye umphathi weziko uyakuchasa (has objections) ukuba umviwa abhale uViwo lweMatriki, makazibhale izinto azichasayo ngokupheleleyo kwileta eya kwiSebe leMfundo. Kucelwa kwakhona nithathele ingqalelo iSetyhula 0026/2000 yowe-18 Februwari 2000 neSetyhula 0121/2003 yowe-13 Meyi 2003.
7. Ziyacelwa iinqununu/abaphathi bamaziko ukuba bonke bancede benze amalungiselelo ayimfuneko noSkynet Couriers (kule nombolo yefoni 021 531 9191 okanye kule nombolo yeselula 0832731997) ukuza kuqokelela izintlu ezitshekishiweyo zalungiswa ukwenzela ukuba zifike kwiSebe leMfundo ungadlulanga owe-22 Meyi 2006, kule dilesi ilandelayo: Head: Western Cape Education Department, (For attention: Mr F. Jacobs, Room 515A, Fifth Floor, Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Cape Town, 8001.
8. Bayacelwa abalawuli bee-EMDC nabaphathi beesekethe ukuba bancede baqinisekise ukuba umhla wokubuyiswa kwezintlu ezitshekishiweyo zaze zalungiswa ulandelwa ngokuthe ngqo.
9. Iya kuthakazelelwa intsebenziswano yakho ngokumalunga noku.


ISAYINWE: NGU-A.P. CLAUSEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:05:10

Isihlomelo A  (ubukhulu: 7 KB)
Isihlomelo B  (ubukhulu: 9 KB)