1. IZIKO LOKUMAKISHELA
1.1 Ukumakishwa kwamaphepha eempendulo kuya kuqhubekela kwiziko elidala i-Western Cape College of Education eKuilsriver (kwiSakhiwo seFine Art).
1.2 Akukho mabango amalunga nokutya okanye iziphungo aya kuhlawulwa njengoko ezi zinto zilandelayo ziya kubonelelwa liSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED):

Iti yakusasa (10:00) isidlo sasemini (12:30) iti yasemva kwemini (14:45) nesidlo sangokuhlwa (18:30)


2. UKUVAVANYWA KWEEMEMORANDA ZOKUMAKISHA NOKUNGENISWA KWEENGXELO ZOKUQALA ZIIMODAREYITHA.

Kuye kwamiselwa le nkqubo ilandelayo ngenjongo yokugcina umgangatho wovavanyo ofanayo.

2.1 Igosa elingumvi oyintloko kwinkalo yesifundo nganye liya kufumana amaphepha eempendulo ayi-20 awona maninzi kunye nephepha lemibuzo nememorandam, kwithuba leentsuku ezine lwakuba lubhaliwe uviwo.
2.2 La maphepha eempendulo makamakishwe ngokwememorandam kwithuba leentsuku ezine.
2.3 Igosa elingumvi oyintloko maliwathumele ngqo la maphepha eempendulo ngekhuriya kwimodareyitha yangaphakathi. Ukulungiselela le njongo, igosa elingumvi oyintloko liya kunikwa amaphetshana okuthumela amaphepha nezitikha zokulanda umkhondo (tracking stickers) wento ethunyelweyo. Apho kunokwenzeka, amaphepha eempendulo makasiswe ngesandla kwimodareyitha yangaphakathi.
2.4 Imodareyitha yangaphakathi mayigqibe ukumodareyitha ize ingenise ingxelo (ifom VR-E 604) kwithuba leentsuku ezimbini emva kokuba ifumene amaphepha eempendulo amakishiweyo, iphepha lemibuzo nememorandam. Luxanduva lwemodareyitha ukuqinisekisa ukuba igosa elingumvi oyintloko:
2.4.1 liyisebenzisile imemorandam yokumakisha ngobulungisa nangokufanayo kumntu wonke.
2.4.2 ligcine umgangatho ofanayo, kwaye
2.4.3 apho kuyimfuneko, liyilungisile imemorandam ngokuchanekileyo.
2.5 Imodareyitha mayibuyisele amaphepha eempendulo amodareyithiweyo kwakunye nengxelo yayo, iikhomenti nezigqibo zayo kwigosa elingumvi oyintloko kungekuko kwiCandelo lezeeMviwo.
2.6 Igosa elingumvi oyintloko lilindeleke ukuba liye kwiingxoxo ezimalunga nememorandam eziqhutywa nguzwelonke ePitoli ngoJuni ku-2006. Liya kulindeleka ukuba lihambe kunye namaphepha eempendulo amakishiweyo aza amodareyithwa. Kulindeleke ukuba igosa elingumvi oyintloko libe sele liwabhalile amanqaku (notes) ngemiba emalunga nememorandam. Imihla yezi ntlanganiso zikazwelonke kwiinkalo zezifundo ezahlukileyo iza kuthunyelwa ngokukhawuleza.
2.7 Imemorandam iya kwenzelwa izigqibo zokugqibela ePitoli ngokusebenzisana nemodareyitha kazwelonke nemodareyitha ka-Umalusi.
2.8 Xa libuya livela kwiingxoxo ezingememo, luxanduva lwegosa elingumvi oyintloko ukuba lixoxe ngazo naziphi na izinto ezihlaziyiweyo okanye izilungiso ezenziweyo kwimemo nemodareyitha kunye neqela labamakishiyo ukuqinisekisa ukuba onke amaphepha eempendulo amakishwa ngokwememo ehlaziyiweyo.
2.9 Liyabongozwa igosa elingumvi oyintloko ukuba lincede liqinisekise ukuba ingxelo yemodareyitha nememorandam yokugqibela yokumakisha nesatifikethi esisayiniweyo sokugcina iimfihlelo zithunyelwa kwiCandelo leeMviwo nebhetshi yokuqala yamaphepha eempendulo amakishiweyo. La maxwebhu ayimfuneko ukulungiselela iinkqubo zokubalwa kwamanqaku eziphumo zabafundi.

QAPHELA: Le nkqubo ichazwe apha ngasentla mayigqitywe phambi kokuba amagosa amakishayo aqalise ukumakisha. Amaphepha eempendulo amodareyithiweyo afunyeweyo evela kwimodareyitha makafakwe kwiindawo zawo ezichanekileyo kwiibhetshi zamaphepha eempendulo ebethathwe kuzo kwangaphambili.


3. UKUMAKISHA KWIKHOLEJI YEMFUNDO ENDALA I-WESTERN CAPE COLLEGE OF EDUCATION EKUILSRIVER (KWISAKHIWO SEFINE ART)
3.1 Ithuba lokumakisha liya kuqala ngo-7:30 nge-3 Julayi 2006 kuze kugqitywe ngo-12:00 nge-7 Julayi 2006. Abasebenzi abangoonogada baya kubasemsebenzini iiyure eziyi-24 ngemini kwaye amagosa oviwo aya kubakho ukususela ngo-07:30 ukuya ku-16:00 qho ngemini.

QAPHELA: Konke ukumakishwa makwenzelwe kwiziko lokumakishela. Akukho mntu uvumelekileyo ukuba athathe amaphepha eempendulo okanye naluphi na uxwebhu kulawo anxulumene noviwo ahambe nalo ukusuka kwiziko lokumakishela. Lo mthetho mawulandelwe ngokuthe ngqo, njengoko kuya kuqhutywa usetsho.

Ngethuba lokuqala kokumakisha, onke amaphepha eempendulo akhutshwe phambi kwexesha, kungakhathaliseki nokuba amakishiwe na okanye akamakishwanga, makabe kwiziko lokumakishela. Kunyanzelekile ukuba amagosa angebevi abaziintloko, iimodareyitha namagosa amakishayo, basithobele esi sicelo. Akukho bani uya kuvunyelwa ukuba aphume ecaleni kulo mthetho.

3.2 Luxanduva lwegosa elingumvi oyintloko ukuba litshekishe onke amaphepha eempendulo liwathelekise neekhontrolishithi (control sheets) xa kusamkelwa amaphepha. Naziphi na izinto ezingangqinelaniyo kunye/okanye amaphepha eempendulo angengawo lawo akwikhontroli-shithi, makasiwe ngoko nangoko wiCandelo leeMviwo. Igosa elingumvi oyintloko maliqinisekisise ukuba ngaba kufunyenwe inani lamaphepha eempendulo elichanekileyo.

4. INKQUBO YOKUMAKISHA

Phambi kokuba kuqalwe ukumakisha amagosa angabevi abaziintloko makaxelele amagosa amakishayo ngenkqubo yokumakisha emayilandelwe ngokubhekiselele ngakumbi kule miba ilandelayo:

4.1 Iifom zokugcina iimfihlelo noluhlu lwamagama neekhowudi zamagosa angabevi abaziintloko namagosa amakishiyo mazingeniswe ngosuku lokuqala lokumakisha. (IsiHlomelo A)
4.2 Amanqaku abelwe umbuzo ngamnye makabhalwe kwiphepha leempendulo ecaleni kwempendulo. Ngenqaku ngalinye elinikiweyo makutikishwe kube kanye (one tick). Oku kubaluleke ngakumbi xa kunikwa amanqaku angaphezu kwelinye. Itotali yamanqaku afunyenweyo kumbuzo ngamnye mayibhalwe ekuqaleni kwaloo mbuzo kwanasephepheni elingasemva kwiphepha leempendulo (answer book).
4.3 Kwimeko yempendulo engangeni ndawo (irrelevant) nengenanto yakwenza nombuzo, mayihlatywe kuze kubhalwe u-0.
4.4 Ukuthintela abafundi ukuba bangadlelelelwa amanqaku, amagosa angabevi abaziintloko axelele amagosa amakishayo awo ukuba ancede alumkele ukushiyelela amacandelwana emibuzo nokuba adityaniswe ngokuchanekileyo amanqaku. Kuhlala kuluxanduva lwamagosa angabevi aziintloko ukuqinisekisisa ukuba iimpazamo ezilolu hlobo azenzeki.
4.5 Itotali yamanqaku apheleleyo nesimboli, kwakunye nee-inishiyali zegosa elimakishayo, mazivele kwiqweqwe elingaphezulu (front cover) lephepha leempendulo.
4.6 Inkqubo yokumakisha xa iyonke iluxanduva lwegosa elingumvi oyintloko. Ngamnye umntu omakishayo unoxanduva lokufaka amanqaku ephepha ngalinye ngokuchanekileyo, ngokucacileyo afundeke, nge-inki emnyama kwimakhishithi yaloo bhetshi ayimakishileyo.
4.7 Apho amanqaku aza kufakwa engamanani amabini kuphela, inano u-0 malifakwe phambi kwaloo manani achaphazelekayo umz. 021 ku-21. Ukuba kwenzeke impazamo xa kufakwa amanqaku, amanqaku angachanekanga makahlatywe kakuhle, kuze kufakwe loo manqaku achanekileyo kubhalwe ii-inishiyali. Iinguqulelo ezingafakwanga ii-inishiyali, aziyi kwamkelwa.
4.8 Iqela ngalinye lamagosa amakishayo maliqinisekise ukuba lanelisekile ngokupheleleyo ukuba amanqaku afakiweyo kwiimakhishithi ngachanekileyo. Kucetyiswa ukuba iqela lamagosa amakishayo lisebenzise iinkqubo zalo zokutshekisha amanqaku. Iziphumo zabaviwa zisekelwe kwingcaciso evela kwiimakhishithi.
4.9 Onke amaphepha eempendulo amakishiweyo makangeniswe neemakhishithi zawo kwigosa elingumvi oyintloko, neliya kuthi liwangenise kwiCandelo leeMviwo. Ukuba azikho iimakhishithi, igosa elingumvi oyintloko malazise ngoko nangoko iCandelo leeMviwo ngokumalunga noku.
4.10 Kubongozwa amagosa angabevi abaziintloko ukuba ancede aqinisekise ukuba amanqaku afakwa ecaleni kwenombolo yoviwo yomfundi ngamnye. Ukuba kukho iphepha leempendulo elingekhoyo, kuze kube kungabhalwanga le nombolo “999” (kongekhoyo) okanye le “888” (xa kutshintshwe kwinkalo yesifundo) ecaleni kwenombolo yoviwo yomfundi kwimakhishithi, oku makwaziswe iCandelo leeMviwo ngoko nangoko.
4.11 Umntu omakisha iphepha leempendulo makabhale ii-inishiyali zakhe aze afake inombolo yakhe yokumakisha kwiphepha leempendulo elo. Ukungakwenzi oku kungabangela iingxaki xa kuthathwa iisampula zamaphepha ukulungiselela iinjongo zokumodareyitha.
4.12 Amalungu eqela ngalinye elimakishayo ayacelwa ukuba azalise yonke imihla isiHlomelo B, iRejista yaMaphepha aMakishiweyo ngeZiko ngaLinye, ngoMntu oMakishayo ngaMnye. (Register of Marked Scripts Per Centre Per Marker). Lakugqiba ukumakisha ilungu elimakishayo, maliyingenise irejista kwigosa elingumvi oyintloko ukuze ingqinwe. Igosa elingumvi oyintloko maliyingenise kwiSebe kunye nefom yebango yegosa elimakishayo.

5. UKUSETYENZISWA KWEMEMORANDAM YOKUMAKISHA
5.1 Luxanduva lwegosa elingumvi oyintloko ukuqinisekisa ukuba amagosa amakishayo ayayisebenzisa imemorandam yokumakisha ngononophelo ngendlela efanayo angajongi ukwabiwa kweesimboli.
5.2 Amagosa amakishayo kufuneka alumkele isiqhelo sokuba aye ngokuya esenzelelela ekunikeni amanqaku ephisa ngawo. Kufuneka ajolise ekuyigcineni inkqubo yokumakisha ngendlela efanayo ikumgangatho omnye de kuye esiphelweni sayo.
5.3 Kubaluleke kakhulu ke ngoko ukuba
5.3.1 amagosa angabevi abaziintloko axoxe ngokunzulu ngememorandam yokumakisha yokugqibela evunyiweyo kunye namagosa amakishayo achaphazelekayo phambi kokuba aqalise ukumakisha,
5.3.2 imodareyitha mayimodareyithe ubuncinane i-10% yamaphepha eempendulo egosa elimakishayo, okanye
5.3.3 apho kukho amaphepha eempendulo angaphantsi kwe-20 kwinkalo yesifundo, imodareyitha mayiwamodareyithe onke amaphepha.

6. UKUZALISWA KWEEMAKHISHITHI NOKUQOKELELWA KWAMAPHEPHA
6.1 Iimakhishithi ziya kukhutshwa zinedyuplikhethi kwaye ziimakhishithi eziyintsusa (original) emazihanjiswe kunye namaphepha eempendulo.
6.2 Nceda uzalise iimakhishithi njengoko kubonisiwe kumzekelo oqhotyoshelweyo, nemazizaliswe ngokukhawuleza emva kokumodareyithwa kwamaphepha.Iimakhishithi mazitshekishwe kwakhona ligosa elimakishayo nekufuneka lizisayine lize lifake ikhowudi yalo njengegosa elimakishayo kwimakhishithi nganye.
6.3 Kwimeko apho angekhoyo umviwa, kuya kubhalwa unobumba A, aze alandelwe yile khowudi “999” kwimakhishithi ecaleni kwenombolo yomviwa.
6.4 Naziphi na iinguqulelo kwinkalo yesifundo ziya kuboniswa ngekhowudi engu” 888”. La maphepha eempendulo akayi kuba kulawo eenkalo zezifundo eziboniswe kwimakhishithi, kodwa aya kuba kulawo aboniswe ngabagadi babaviwa.
6.5 Nceda uqaphele ukuba kuya kuphindwa kusetyenziswa imakhishithi eneenombolo ezinebhakhowudi. Amaphepha eempendulo makagcinwe elandelelaniswe ngokwamanani akwimakhishithi. Nganye imakhishithi mayizaliswe ngokupheleleyo.
6.6 Ayacelwa amagosa angabevi abaziintloko ukuba angazahluli iibhetshi zamaphepha eempendulo ngaphandle kokuba akukho ndlela yimbi inokwenziwa xa amakishwayo la maphepha eempendulo, njengoko oku kungadala ingxubakaxaka kulawulo lwamaphepha.
6.7 Imakhishithi mayifakwe phakathi kwephepha lokusonga (wrapper) nephepha leempendulo lokuqala kwibhetshi nganye xa ibhetshi ilungele ukuza kuthathwa.

7. UKUNGENISWA KOKUGQIBELA KWAMAXWEBHU OVIWO NGAmagosa angabevi aBAZIintloko
7.1 Amagosa angabevi abaziintloko makabuyisele la maCandelo I, IIA no-IIB eNgxelo yeGosa elinguMvi oyiNtloko (ifom VR-E 448) kwiSebe leMfundo.
7.2 Makuthathelwe ingqalelo le miba ilandelayo:
7.2.1 ICANDELO 1 (Ingxelo eyimfihlelo eya kwiSebe)
(a) Eli candelo lengxelo lifanele ukungeniswa kuphela ngolwimi olunye kwiilwimi zaseburhulumenteni.
(b) Izenzo ezitenxileyo ezithi zivele ngexesha lokumakishwa kwamaphepha eempendulo mazichazwe kule ngxelo, kodwa mazaziswe iSebe ukuze liziqwalaselwe ngaphandle kokulibazisa.
(c) Le miba ilandelayo yephepha lemibuzo yoviwo mayichazwe kweli candelo lengxelo:
(i) Ixesha elabelwe iphepha lemibuzo yoviwo ngokunxulumene nezinto ezifundwayo eziza kuvavanywa
(ii) Ubude bephepha lemibuzo yoviwo ngokunxulumene nexesha elabiweyo. (Ngamanye amazwi, ingaba bekulindeleke ukuba abafundi babe nako ukuliphendule iphepha lemibuzo yoviwo ngexesha elabelwe lona, okanye ingaba iphepha belilide kakhulu?)
(iii) Ubume besakhiwo/ipatheni/ulwakheko lwephepha loviwo ngokunxulumene namacandelo, inani lemibuzo emayisetwe, inani lemibuzo emayiphendulwe.
(iv) Ukufaneleka kweentlobo ezithile zemibuzo, umzekelo, imibuzo eluhlobo lwezincoko, imibuzo eluhlobo olukhethisayo nemibuzo ephuma kwizicatshulwa emiselwe yisilabhasi.
(v) Ukufaneleka kwemilinganiselo yovavanyo esemthethweni
(d) Le miba ilandelayo yesilabhasi nokufundisa kukatitshala mayichazwe kweli candelo lengxelo.
(i) Amacandelo esilabhasi abangela iingxaki ngokubhekiselele ekutolikweni kwawo.
(ii) Amacandelo esilabhasi (ephepha lemibuzo) angafundiswanga kakuhle
(iii) Amacandelo esilabhasi (ephepha lemibuzo) afundiswe kakuhle
(iv) Amacandelo esilabhasi afuna uhlaziyo
(v) Amacandelo esilabhasi angakhange ahoywa/ebekugxininiswe kuwo ngakumbi
(vi) Ukufaneleka kweencwadi ezimiselweyo ukulungiselela uvavanyo
(vii) Ukungachazwa ngokuchanekileyo kwemiba, umzekelo iithiyori zenzululwazi azisasebenzi, iindlela zorhwebo eziphelelwe lixesha, nokusetyenziswa gwenxa kwemigqaliselo.
(viii) Iindawo ezibe yingxaki ukuzifundisa njengoko kubonisiwe ziimpendulo zabafundi.
(ix) Inani lamaziko apho abafundi baqhube kakubi kakhulu, kuboniswe necandelo (namacandelo) lesilabhasi elingafundiswanga kakuhle, okanye imibuzo engaphendulwanga kakuhle.
(e) Nawuphi na omnye umba obhekiselele kuviwo okanye kwinkalo yesifundo ngokubanzi ofuna ukuqwalaselwa mawuxelwe kweli candelo lengxelo. (ukuba kuyimfuneko, kungasetyenziswa nelinye iphepha elahlukileyo ukongeza.)
7.2.2 ICANDELO II A- (Ukulungiselela upapasho)
(a) Kucelwa uqaphele le miba ilandelayo ngokunxulumene neli candelo lengxelo:
(i) Ngaphandle kweengxelo ezingoviwo kwiilwimi, zonke iingxelo mazibe ngesiNgesi nesi-Afrikansi, kwiimviwo zeelwimi iingxelo mazibe ngezo lwimi zivavanywayo,
(ii) Njengoko eli candelo lengxelo liza kupapashwa, malibe lifutshane kangangoko, lishwankathele kodwa licace gca, liphelele, lize lenziwe ngendlela yokuba liprintwe ngaphandle kokuba litshintshwe.
(iii) Makungawanqwa kuphinda-phindwe osekutshiwo ngaphambili. Iingcebiso neekhomenti mazihlale emxholweni, zibe luncedo, zibe zezakhayo ukuze zibe yinzuzo kootitshala abafundisayo.
(iv) Makungakhankanywa ulwimi oluthile neqela loluntu elithile, ootitshala nezikolo ezithile. Ingxelo mayicangcathe kumsebenzi wabafundi njengoko ubonisiwe ngamaphepha eempendulo amakishiweyo.
(v) Xa kunokwenzeka, ingxelo mayifikelele kumbuzo okwiphepha lemibuzo ngamnye.
(vi) Ukuba le mimiselo ichazwe apha ngasentla iyatyeshelwa, okanye kudluliswe kubude bexesha obumiselweyo okanye kungangqinelani nezikhokelo ezichazwe kwifom u-VR 488A, iingxelo zingabuyiselwa umva ukuba zihlelwe.
(b) Kweli candelo kucelwa amagosa angabevi abaziintloko ukuba anike ingxelo malunga noku kulandelayo:
(i) Amacandelo esilabhasi atolikwe gwenxa
(ii) Amacandelo esilabhasi ebengafundiswanga ngokwaneleyo
(iii) Amacandelo esilabhasi abefundiswe kakuhle nenziwe kakuhle kakhulu
(iv) Iindawo ezibe yingxaki ukuzifundisa njengoko kubonisiwe ziimpendulo zabafundi.
(v) Amacandelo esilabhasi afundiswe aza agxininiswa ngokungaphezulu
(vi) Iziphene ezifunyenwe zisenzeka rhoqo nezixhasa uluvo lokuba kubekho iikhomenti ngazo, umz. iigrafu neengcaciso ezingachanekanga, ukusetyenziswa gwenxa kwezenzi, ulwandelelwano lwamagama olungachanekanga, iimpazamo ekwakhiweni kwezivakalisi kunye nokubhala into engabonakaliyo
(vii) Iindlela zovavanyo olunemposiso nolungachanekanga njengoko kuboniswa ziimpendulo zabafundi, umz. indlela yokuphendula enganiki mdla, iimpendulo ezinkqayiweyo (memorised answers), izinto ezichitha ixesha ezenziwa ngabaviwa, iimpendulo ezinde kakhulu ngaphezulu lee kwamanqaku anikiweyo
(viii) Izinto ngokubanzi ezinxulumene novavanyo nemazaziswe ootitshala ukuze bazithathele ingqalelo
7.2.3 ICANDELO IIB –(Ukuguqelwa kolunye ulwimi ukulungiselela upapasho)
(a) Le ngxelo mayibe yinguqulelo yeCandelo IIA lengxelo yegosa elingumvi oyintloko.
(b) Eli candelo lengxelo malibhalwe kwiphepha elahlukileyo ukulungiselela injongo yopapasho.
(c) Nangona kungafuneki ukuguqula agama kuphela kungajongwangwa ntsingiselo, iinguqulelo ezimbini, ezizezi, Icandelo IIA neCandelo IIB, mazingqinelane ngokweziqulatho nangokwentsingiselo. Nakuba kunjalo, akwamkelekanga ukuguqula okungenamida ‘nokufakela izinto zakho’ (free translation).
(d) Ukuba igosa elingumvi oyintloko alizithathi njengelinobuchule ekuguquleni ingxelo ukulungiselela ukupapashwa, malithi, ukuba kunokwenzeka, lifune uncedo lwemodareyitha.
(e) Akukho kuguqulwa kweengxelo kwiilwimi zaseburhumenteni kufunekayo.

QAPHELA: Akuyi kuqhutyekwa nokwenziwa kwentlawulo yamabango phambi kokuba iSebe leMfundo lizifumane zonke iingxelo.


8. AMANYE AMAXWEBHU AMAKANGENISWE

Amagosa angabevi abaziintloko makaqinisekise kwakhona ukuba la maxwebhu alandelayo nazaliswe ngokufanelekileyo angeniswe kwiSebe ngoko nangoko emva kokugqitywa kweseshoni yokumakisha.

8.1 Uluhlu lwamalungu eqela lamagosa amakishiyo, olubhalwe amagama abo nenombolo zabo zePesali kuze kuxelwe inani lamaphepha amakishwe ngumntu ngamnye (isiHlomelo C)
8.2 Iifom zamabango ezizaliswe ngokupheleleyo ngokumalunga nokumakishwa okwenziwa ligosa elingumvi oyintloko namagosa amakishayo. (Ifom VR-E 261)
8.3 Iifom zamabango ezizaliswe ngokupheleleyo ngokumalunga namagosa angabevi abaziintloko nezibonelelo eziyinkxaso yeehambo zamagosa angabevi abaziintloko namagosa amakishayo. (ifom Z 462 no-Z 43)
8.4 Zonke iikopi zeememorandam zokumakisha ebezisetyenziswa ngamagosa amakishayo.
8.5 Ingxelo yemodareyitha (VR-E 604)
8.6 Izintlu zokubakho kwamaqela amagosa amakishayo (isiHlomelo D)
8.7 Iidyuplikhethi zeemakhishithi

9. IZIBONELELO EZIHLAWULWA ABANTU ABASUKA KUMGAMA ONGAPHEZU KWE-75 KM UKUYA E-CAPE PENINSULA
9.1 Amagosa angabevi abaziintloko, amagosa amakishayo neemodareyitha ahlala kwiindawo ezingaphezu kwe-75 km ukusuka kwiziko lokumakishela anyanzelekile ukuba asebenzise izibonelelo zasehostele kwaye aya kuhlawulwa ngale ndlela ilandelayo:
(a) Apho amagosa angabevi abaziintloko neemodareyitha anyanzelekileyo ukuba ahambe ngetreyini, okanye ngebhasi ukuya nokubuya eCape Town aya kuhlawulwa i-100% yeendleko zokuya nokubuya ngetreyini ngetikiti lodidi lokuqala netikiti lebhasi. Amaxwebhu abubungqina beendleko ezenziweyo makahambe kunye nefom yebango u-VR-E 261.
(b) Ukuhamba usuka kwindawo yokuhlala, singasetyenziswa isithuthi sabucala kwaye umntu ochaphazelelekayo uya kubuyiselwa iindleko zakhe ngokweMimiselo yoLawulo lwaBasebenzi. (Personnel Administration Measures - PAM) njengangoku eyile mali R1.23 ngekhilomitha. Makuzaliswe ifom Z43 kuze kuqhotyoshelwe amaxwebhu abubungqina kwifom yebango u-VR-E 261.
9.2 ABANTU ABAHLALA EKAPA NAKWIINDAWO EZIKUFUPHI (UMGAMA OKWI-75 KM)
9.2.1 Amagosa angabevi abaziintloko, amagosa amakishayo neemodareyitha ahlala kumgama oyi-75 km ukusuka kwiziko lokumakishela (kubandakanywa nezi ndawo Southern Suburbs, Strand, Somerset-West, Stellenbosch, Paarl, Wellington neMalmesbury) makaqaphele ukuba akayi kubuyiselwa iindleko zawo ngokweentlawulo ezimiselweyo zokusetyenziswa kwezithuthi zabucala. Ukususela kwi-23 Matshi 2001, bonke abantu abasebenzisa izithuthi zabo zabucala babuyiselwa iindleko zabo ngokweMimiselo yoLawulo lwaBasebenzi (Personnel Administration Measures - PAM) njengangoku eyile mali R1.23 ngekhilomitha.
9.2.2 Makuzaliswe ifom yebango u-Z43 kuze kufakwe amanani avele kwi-odomitha (odometer readings) ngexesha lokusuka nokufika kwindawo umntu ahlala kuyo, mihla le, kwelinye icala elingemva lefom. Le fom Z43 mayiqhotyoshelwe kwifom yebango u-VR-E 261 njengobungqina obubhaliweyo.
9.2.3 Amagosa angabevi abaziintloko, amagosa amakishayo neemodareyitha ezihamba yonke imihla ukuya nokubuya kwiziko lokumakishela ngezithuthi zikawonke-wonke aya kubuyiselwa iindleko ezipheleleyo ezenziweyo. Amaxwebhu abubungqina azo zonke iindleko ezenziweyo makahanjiswe nefom yebango u-VR–E 261. Ukuba amaxwebhu abubungqina akafumaneki, makwenziwe ingxelo efungelweyo (i-afidavithi) nemayisayinwe kwisitishi samapolisa esikufuphi iqhotyoshelwe kwifom yebango u-VR-E 261.

QAPHELA: Kucelwa amagosa angabevi abaziintloko, amagosa amakishayo neemodareyitha ukuba ancede aqinisekise ukuba iifom zamabango zizaliswe ngokuchanekileyo kwaye zisayiniwe phambi kokuba zingeniswe. Zonke iifom zamabango ezifunyenwe kumagosa amakishayo mazisayinwe ligosa elingumvi oyintloko (kuze apho kunokwenzeka, kube yimodareyitha) phantsi kwesihloko esithi “Certified correct and approved“. Iifom zamabango ezingaphelelanga kunye/okanye ezingasayinwanga ziya kulibazisa ukugunyaziswa kweentlawulo. Kucelwa niqaphele ukuba bonke ubungqina obungamaxwebhu mabuhambe kunye nefom yebango u-VR-E 261.

Imiyalelo ekolu xwebhu mayilandelwe ngokuthe ngqo kungaphunywa nakancinane kuyo.



ISAYINWE: NGU-A.P. CLAUSEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:05:09

Ingxelo yemodareyitha (Moderator’s Report)  (ubukhulu: 48 KB)
Isihlomelo A  (ubukhulu: 36 KB)
Isihlomelo B  (ubukhulu: 35 KB)
Isihlomelo C  (ubukhulu: 35 KB)
Isihlomelo D  (ubukhulu: 36 KB)