1. Le Ngcaciso iMfutshane yeCandelo leeMviwo mayifundwe kunye nala maxwebhu alandelayo:
2. Le Ngcaciso iMfutshane yeCandelo leeMviwo ithatha indawo yeNgcaciso eMfutshane 0020/2005:UViwo lweMatriki lukaNovemba 2006 nolokuXabangela lukaMatshi 2007: I-Jografi
3. Izikhokelo zovavanyo zeemviwo zeJografi zihlaziywe liSebe leMfundo likaZwelonke kwaye ziya kusetyenziswa kwiiMviwo zeMatriki zikaNovemba 2006 ukuya kuMatshi 2008.
4. Ikopi ezingamaphepha (eziprintiweyo) zezi ziKhokelo zoVavanyo zikaZwelonke (National Assessment Guidelines) zithunyelwe ezikolweni ezifundisa iJografi njengesifundo. IziKhokelo nazo ziyafumaneka kwiziko lewebhu leWCED.
5. Iinqununu zezikolo nabaphathi bamaziko emfundo yabadala kunye neeNtloko zeMfundo yoQeqesho eziKholejini, mabaqaphele ukuba kubalulekile ukuba abafundi beBakala 12 babenolwazi ngefomathi yamaphepha emibuzo achaphazelekayo, njengoko inikiwe kuxwebhu olusisikhokelo, phambi kokuba babhale iiMviwo zeMatriki.
6. Makuqatshelwe kwakhona ukuba imimandla yoshishino eza kuvavanywa itshintshile kuViwo lweMatriki lukaNovemba 2006 noviwo lokuxabangela lukaMatshi 2007 yayile ilandelayo:

Kwi-Geography Higher Grade: yiPWV-Gauteng nommandla omNYE ongummandla woshishino omkhulu

Kwi-Geography Standard Grade: yiPWV-Gauteng nommandla omNYE ongummandla woshishino omkhulu


7. Yonke imibuzo mayibhekiswe kulo:
Mr A Isaacs, Deputy Chief 
Education Specialist (Geography)
Western Cape Education Department
Private Bag X9114, 
CAPE TOWN
8000
Ifoni: 021 467 2200
Ifeksi:	021 467 2258
I-imeyili: anisaacs@pgwc.gov.za


ISAYINWE: NGU-L.C. ARENDSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:01:23