1. Kucelwa ufunde le Ngcaciso eMfutshane 0014/2006 yomhla we-26 Apreli 2006 ngokumalunga nalo mba. Ezi mvavanyo ziya kwenziwa ngale mihla ilandelayo:
1.1 Uvavanyo lweMathematika: ngoLwesithathu, 14 Juni 2006 ukususela ngo-9:40 ukuya ku-11:00
Imibuzo yeemvavanyo iya kuba ngesiNgesi okanye ngesi-Afrikansi.
1.2 Iimvavanyo zeelwimi: ngoMvulo, 19 Juni 2006 ukususela ngo-9:40 ukuya ku-11:00
Imibuzo yeemvavanyo iya kuba ngesiNgesi okanye ngesi-Afrikansi. Ukongeza apho, iphepha lemibuzo kwabo bathetha isiXhosa njengolwimi lwenkobe, liza kuqaliswa kulo nyaka. Isiqingatha (50%) sephepha lemibuzo iya kuba yeyesiXhosa size esinye isiqingatha (50%) sibeyimibuzo yesiNgesi (50%).
2. ISkynet Couriers iya kusa ezikolweni iincwadi zeemvavanyo ziyimithwalo emibini. Iincwadi zeemvavanyo zeMathematika zovavanyo lwangomhla we-14 Juni 2006 ziya kusiwa ezikolweni phakathi komhla woku-1 nowesi-5 Juni 2006. Iincwadi zeemvavanyo zeelwimi zovavanyo lomhla we-19 Juni 2006 ziya kusiwa ezikolweni phakathi komhla wesi-6 nowesi-8 Juni 2006. Iibhokisi ezo ziya kuba neencwadi zovavanyo (incwadi nganye inemibuzo yeemvavanyo kunye nesithuba sokubhala iimpendulo), imiyalelo yezolawulo, iifom zerejista yababhalayo ezineebhakhowudi (bar-coded attendance register forms), izitikha ezineebhakhowudi, uluhlu lokutshekisha (checklist), iirabha zokubopha zelastikhi (elastic bands) kunye neengxowa zeplastikhi ezingwevu ekufuneka zibuyiswe iincwadi zeemvavanyo zifakwe kuzo. Emva kokuba uzifumene iibhokisi zeencwadi zeemvavanyo, nceda uzalise olu luhlu lokutshekisha (checklist), wandule ukuluthumele ngefeksi apha-021-461 5637 okanye apha-021-461 2265. (Ukuba ngaba unayo nayiphi na imibuzo emalunga neencwadi zeemvavanyo namaxwebhu eemvavanyo, kucelwa ufonele uMnu C. Berry apha 021-461 2265.)
3. Iinqununu maziqinisekise ukuba zifumana inani elichanekileyo leebhokisi zize zisayine iphetshana lokuziswa kwezi bhokisi. Ezi bhokisi mazigcinwe kwigumbi elinqatyisiweyo lesikolo kwaye inqununu inoxanduva lokugcinwa khuselekileyo kwezitshixo. Nceda uqaphele ukuba, akusayi kuthi naphantsi kwazo naziphi na iimeko kuvulwe iincwadi zeemvavanyo okanye kuxoxwe imibuzo nabafundi okanye kususwe iincwadi zeemvavanyo esikolweni phambi kokuba kwenziwe uvavanyo.
4. Iimvavanyo maziphendulwe kuphela kwiincwadi zeemvavanyo ekubonelelwe ngazo. Bonke abafundi kufuneka babe sebehleli phantsi iyure enye phambi kokuba luqale uvavanyo. Eli xesha malisetyenziselwe ukuzalisa ifom yobhaliso ngokuncamathisela istikha esinebhakhowudi yomfundi ngamnye, esinenombolo yaso efana yodwa, kwincwadi yeemvavanyo yomfundi.
5. Ezi mvavanyo mazibhalwe phantsi kweemeko ezisemthethweni zokubhalwa koviwo, kwaye makusetyenziswe imithetho ephathelele ekubhalweni kweeMviwo zeMatriki, kodwa oko kwenziwe ngaphandle kokuqeshwa kwabagadi babaviwa bangaphandle.
6. Utitshala ogade abafundi xa bebhala uvavanyo makaqinisekise ukuba ulandela ngqo le nkqubo ilandelayo angaphumi nakancinane kuyo ngentsasa ekubhalwa ngayo uviwo.
Ukususela ngo-9:00 ukuya ku-9:40:

Ukwenziwa kwamalungiselelo ovavanyo
Utitshala ogade abafundi xa bebhala uvavanyo makaqinisekise ukuba
  • iincwadi zeemvavanyo (incwadi nganye enemibuzo yovavanyo kunye nendawo yokubhala iimpendulo) zinikwa abafundi.

  • umfundi ngamnye uncamathisela istikha sakhe esichanekileyo esinebhakhowudi nesinenombolo efana yodwa kwincwadi yovavanyo

  • abafundi bavumelekile ukuqalisa ukufunda imibuzo yovavanyo kwimizuzu eli-15 phambi kokuba luqale uvavanyo.

Ngo-9:40 ukuya ku-11:00:

Ukubhalwa kovavanyo
Emva kovavanyo:

Kufuneka abafundi bayeke ukubhala ngentsimbi ye-11:00 kwaye mazithathwe iincwadi zeemvavanyo ngoko nangoko.

Kufuneka utitshala obegade abafundi:
  • atshekishe ukuba inani leencwadi zeemvavanyo eziqokelelweyo liyangqinelana nenani labafundi ababebhala uvavanyo;

  • atshekishe ukuba istikha somfundi ngamnye esinebhakhowudi kunye nenombolo efana yodwa sincanyathiselwa kwincwadi yeemvavanyo;

  • aqinisekise ukuba iincwadi zeemvavanyo zicwangciswa ngendlela yolandelelwano lwe-alfabhethi njengoko elandelelaniswe ngolo hlobo amagama akwiifom zerejista yababhala uvavanyo ezinebhakhowudi nokuba ezi fom zobhaliso zibuyiswa kunye neencwadi zeemvavanyo.

Nceda uqaphele ukuba ezi ncwadi zeemvavanyo ziya kuskenwa ngomatshini ngoko ke makulandelwe ngenyameko enkulu le nkqubo ilapha ngasentla.

7. Makulandelwe ezi nkqubo zilandelayo xa kubuyiswa iincwadi zeemvavanyo:
7.1 Iincwadi zeemvavanyo ezibhalwe iikhowudi zifanele ukucwangciswa ngokwe-alfabhethi, ngokungqinelana nolandelelwano lwe-alfabhethi lweefom zobhaliso lwabafundi abahlalela iimvavanyo ezenzelwe isikolo ngasinye.
7.2 Emva koko iincwadi zeemvavanyo mazahlula-hlulwe zibe ziibhetshi zeencwadi zeemvavanyo ezingamashumi amahlanu (50) ezona zininzi, irejista enebhakhowudi yabahlalele iimvavanyo ibekwe ibe ngaphezulu kwibhetshi nganye. Ibhetshi nganye mayifakwe kwenye yeengxowa ezingwevu zeplastikhi ezenzelwe le njongo zize zibuyiselwe kwiCandelo leeMviwo, zibhalwe “For attention: Mr E. van Breda”.
7.3 Kukho ikhuriya elungiselelwe ukuqokelela imiqulu yeencwadi zeemvavanyo zingadlulanga iintsuku ezimbini zokubhalwa kovavanyo lokugqibela. Ukuba imiqulu yeemvavanyo zombini ayizanga kuthathwa de kube ngoLwesithathu, umhla wama-21 Juni 2006, malaziswe ngoko nangoko eli Candelo ngefoni ngale nombolo: 021- 467 2960/1
8. Kucelwa niqaphele ukuba kuza kujongwa ukubekwa esweni ngqongqo nokulawulwa kwezi mvavanyo. Oku kuya kubandakanya utyelelo ezikolweni kungaxelwanga ngamagosa esebe lemfundo likazwelonke, ngabaphathi beesekethe kunye namalungu eSebe loPhuhliso lweKharityhulam ukuqinisekisa ukuba zonke ezi nkqubo ziyalandelwa.
9. Nceda uqaphele ukuba ezi mvavanyo aziyonxalenye yamanqaku okupasa kwabafundi beBakala 8, nokuba aba bafundi akulindelekanga ukuba bafunde imixholo ethile ukulungiselela ezi mvavanyo njengoko kuvavanywa izakhono (skills) nokuqondwa kweekhonsepthi (concepts) okukwinqanaba elifanele iBakala 8.
10. Ootitshala abayi kumakisha iimpendulo zabafundi babo. Iincwadi zeemvavanyo ziya kuthunyelwa kwi-HSRC eya kumakisha ize ilungise neziphumo. Isikolo ngasinye siya kuthunyelelwa iziphumo zaso, kwakunye nocazululo olunzulu (detailed analysis) lwendlela esiqhube ngayo. Umfundi ngamnye uya kufumana isiqinisekiso, ngako oko ke, kubalulekile ukuba kuqinisekiswe, ngexesha lobhaliso ukuba upelo, amagama namanqanaba eemvavanyo abhalwe ngokuchanekileyo.
11. Ziyacelwa iinqununu nootitshala ukuba bonke baqinisekise ukuba ezi mvavanyo zibhalwa ngemihla ecwangciselwe zona nangamaxesha acacisiweyo nokuba ziyasayinwa iirejista ezinebhakhowudi zabafundi abahlalela iimvavanyo.


ISAYINWE: NGU-A.P. CLAUSEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:05:04