1. Kulindelwe izicelo kubantu abanqwenela ukuba ngabamakishi kwezi zifundo (ezikolu luhlu luqhotyoshelweyo) zoViwo lweMatriki olubhalwa ngo-Oktobha /Novemba 2006.

Zonke iifomu zezicelo mazithunyelwe ngeposi okuthetha ukuba irisithi ezikhutshwe liziko leposi mazigcinwe njengobungqina bokuposiweyo. Iifom zezicelo ezizalisiweyo (zalebhelishwa For attention: Mr Mark Cameron) zingathunyelwa ngesandla ku- The Directorate: Examinations, 4th Floor, e-Grand Central Towers, apho iirisithi zazo zonke izicelo ezifumanekileyo ziya kukhutshwa khona.

2. Kuya kusetyenziswa ezi nqobo zokugweba zilandelayo ekuqeshweni kwabamakishi:
2.1 Akukho titshala oya kuqeshwa amakishe kuviwo lweMatriki ukuba ungozuze izinga elingaphantsi kwe-50% lokuphumelela kwabafundi kwizifundo (subject pass rate of less than 50%) kuviwo lweMatriki lonyaka ongaphambili nofundisa kwiziko lemfundo eliphumelele ngezinga lokuphumelela elingaphantsi kwe-40% kwiimviwo zeMatriki kunyaka ongaphambili. (Ootitshala abanempumelelo eyi-50% okanye nangaphezulu nekungekho bungqina bubonakayo kwiziphumo ezifumanekayo kuNdlunkulu, ngenxa yeziphumo ezingekho mgangathweni zabanye ootitshala kweso sifundo esikolweni, mabanike ubungqina beziphumo eziyimpumelelo zeklasi/zeeklasi abazifundisayo.)
2.2 Ootitshala abakhe bafundisa eso sifundo kwinqanaba leBakala 12 kuyo nakuyiphi na iminyaka emithathu edlulileyo, o.k.t. 2006, 2005 no-2004, bangenza izicelo.
2.3 Abenzi-zicelo mababe namabanga emfundo eyaziwayo engaphaya kweMatriki yeminyaka emithathu nebandakanya isifundo esichaphazelekayo kwinqanaba lesibini okanye elesithathu, okanye amabanga emfundo afanelekileyo angaphaya kweMatriki.
2.4 Bonke abenzi-zicelo mababesenkonzweni kwiziko lemfundo elilungiselela abaviwa kwiimviwo zeMatriki eNtshona Koloni.
2.5 Ukuqinisekisa ukuba ukusebenza ngokukuko kweziko akumiswa kakubi kukungabikho kootitshala, mabangabi ngaphezu kwe-30% ootitshala kwiziko ngalinye abaya kuqeshwa njengabamakishi. Isigqibo sokugqibela malunga nokuba ngabaphi na ootiitshala abangaqeshwayo bamakishe, siya kuthathwa liSebe leMfundo leNtshona Koloni.
2.6 ISebe iWCED lixhasa uMthetho woBulungisa kwezeNgqesho (Employment Equity Act) kwaye ukuqeshwa kootitshala abamakishayo kuya kungqinelana nesiCwangciso soBulungisa kwezeNgqesho (WCED’s Employment Equity Plan) seSebe iWCED. Kunyanzelekile ke ngoko ukuba abenzi-zicelo bachaze uhlanga nesini sabo kwifom yokwenza isicelo.
2.7 Abenzi-zicelo ababonise ukuba bajonge ukurhoxa okanye ukuthatha umhlala-phantsi nabaya kuyiphelisa inkonzo yabo neSebe iWCED ungadlulanga owe-29 Septemba 2006, abayi kuqwalaselwa ukuba baqeshwe.
2.8 Akukho titshala usekhefini lokugula ngexesha lokumakisha unokumakisha.
2.9 Umenzi-sicelo makazalise ifom yokwenza isicelo eyahlukileyo ngephepha loviwo ngalinye afaka isicelo kulo.
2.10 Iikopi eziqinisekisiweyo zamabanga emfundo aphezulu aphunyelelweyo nezichaza ukuba zeziphi na izifundo ezafundwa ngumenzi-sicelo, mazihambe nefom yesicelo nganye. Iifom zokwenza isicelo ezingahambi neekopi eziqinisekisiweyo zeziphumo aziyi kuqwalaselwa. Akukho mntu uya kwaphulelwa kwezi meko yaye kungayi kubakho mbalelwano eya kuqhutywa nabenzi-sicelo malunga nalo mba.
2.11 IiModareyitha zangaphakathi zezifundo okanye zamaphepha eemviwo anenani elincinane labaviwa MAZIFAKE izicelo ngokufanelekileyo ukuba zifuna ukuqwalaselwa ngenjongo yokuqeshwa njengabamakishi kwizifundo okanye kumaphepha eemviwo anenani elikhulu labaviwa.
2.12 Iinqununu zingafaka izicelo nazo zokuqeshwa njengabamakishi. Nakuba kunjalo, bekuya kukhethwa ukuba ingabi ziinqununu ezingekhoyo ezikolweni zazo ekupheleni konyaka, njengoko zinoxanduva lokulawula izikolo zazo ngeli xesha lixakekileyo. Ukukhethwa kweenqununu njengabamakishi kuya kuxhomekeka, phakathi kwezinye izinto, kwezi meko zilandelayo:
  • Emva kokuphela kwexesha elimisiweyo lokungeniswa kweefom zokwenza izicelo, zonke izicelo ezivela kwiinqununu ziya kungeniswa kubalawuli be-EMDC ukuze bazivume.

  • Eyona nto ephambili eya kujongwa iya kuba kukuba isikolo siya kubanako na ukusebenza ngokupheleleyo nangokugqibeleleyo ngethuba lokumakisha xa ingekho inqununu.

  • Amalungiselelo achanekileyo mawenziwe ukuze ilungu elingomnye wabasebenzi lisebenze njengenqununu.

  • Isikolo masibenako ukusebenza ngaphandle kobungcali nobunkokeli benqununu, kunye nenkqubo yokunyuselwa komfundi wesikolo (school’s learner promotion process) mayingaphazanyiswa kukungabikho kwenqununu.

3. Inkqubo yokwenza isicelo
3.1 Izicelo mazingeniswe kwifom yokwenza isicelo emiselweyo eqhotyoshelweyo nekwafumaneka apha:
Head: Education
Western Cape Education Department 
Directorate: Examinations
Room 4-13
Grand Central Towers
Lower Parliament Street
CAPE TOWN
8001
okanye kwiziko lwebhu leWCED: http://wced.wcape.school.za/circulars
3.2 Yonke imibuzo, nokuba ngaba yeyefoni okanye yeyembalelwano, mayithunyelwe ngqo kwiCandelo leeMviwo, ingathunyelwa kubavavanyi ngqo. Qhagamshelana noMnu M Cameron apha: Tel. 021 467 2964, apha Mnu N Riddles ku 021 467 2992 okanye kuNks B Calvert ku 021 467 2994 okanye ifekselwe apha: 021 461 5628 okanye ithunyelwe nge-imeyili: Micheal Cameron at mgcameron@pgwc.gov.za, Brownwyn Calvert at bcalvert@pgwc.gov.za or Norman Riddles at nriddles@pgwc.gov.za
3.3 Kungenziwa iikopi zeefom eziqhotyoshelweyo. Iikopi zeefom zokwenza izicelo ezizaliswe ngokufanelekileyo mazingeniswe, zize zifike kwiCandelo leeMviwo ungagqithanga umhla we-24 Meyi 2006. Makungaze naphantsi kwazo naziphi na iimeko iifom zezicelo zithunyelwe ngqo kubavavanyi. Izicelo ezifunyenwe emva komhla wokuvala aziyi kuqwalaselwa.
3.4 Zonke iifom zezicelo mazisayinwe yinqununu (kwimeko yootitshala) okanye ngumlawuli okanye ngumcebisi ngezekharityhulam oyintloko we-EMDC okanye ngumcwangcisi wezekharityhulam oyintloko we-FET (kwimeko yeenqununu, abacwangcisi bezekharityhulam abakhulu, abacebisi ngezekharityhulam abaziintloko nabacebisi ngezekharityhulam).
3.5 Izicelo ezingasayinwanga aziyi kuqwalaselwa. Luphezu kwamagxa abenzi-zicelo uxanduva lokuqinisekisa ukuba ifom ezaliswe ngokupheleleyo ifika kule ofisi phambi okanye ngomhla wokuvalwa.
3.6 Mabancede abenzi-zicelo bachaze uhlobo lwesidlo abalukhethayo kwifom yabo yokwenza isicelo baze baqaphele ukuba isebe alinako ukuvumela utshintsho kwizidlo ezikhethiweyo ngethuba lokumakisha.
4. Amalungiselelo ethuba lokumakisha
4.1 Ukumakisha konke kuya kwenzelwa kwindawo esembindini okanye kufutshane eKapa, njengoko kunokumiselwa liSebe iWCED.
4.2 Kucingelwa ukuba ukumakishwa kwamaphepha eemviwo kuya kuqala ngo:07:30 ngoLwesine, wama-30 Novemba 2006, yaye kuya kugqitywa ngo:18:00 ngoLwesithathu, we-6 Disemba 2006. Le mihla iya kuqinisekiswa kamva.
4.3 Abamakishi kulindeleke ukuba bamakishe amaphepha ubuncinane iiyure ezisibhozo ngosuku. Oku akudibanisi amaxesha esidlo sasemini nawokuphunga. Iziko lokumakishela liya kuvulelwa ukumakisha ukususela ngo-06:00 ukuya ku:22:00 mihla le. Amagosa amakishayo makabe ayigqibile yonke imisebenzi yawo ezikolweni zawo, kuquka nokumakisha, phambi kokuba kuqalwe ukumakishwa.
4.4 Intlawulo yokumakisha iphepha ngalinye iza kufumaneka kwakamsinya. Imodareyitha nganye, umvavanyi nomakishayo ngokunjalo, baya kutsalelwa irhafu ngokufanelekileyo ngokoMthetho weRhafu yeNgeniso (Income Tax Act).
4.5 Kunyanzelekileyo ukuba iinqununu, abalawuli bee-EMDC, abaphathi beesekethe nabacebisi ngezekharityhulam bakwazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala, kubandakanywa nabo basekhefini. Eli Candelo aliyi kwamkela zigxeko ngokungaxelelwa kootitshala okuqulethwe yile ngcaciso imfutshane yecandelo leemviwo.
5. Njengoko ukumakishwa kwamaphepha oviwo lweMatriki kuyinto engamava axabiseke ngokugqithisileyo neyinzuzo kootitshala, iSebe iWCED linenjongo yokuqinisekisa ukuba amagqiza okumakisha abandakanye abamakishi abatsha qho ngonyaka. Ubulungisa kwezengqesho kukwayinto ebalulekileyo emayiqwalaselwe. Bonke ootitshala abafanelekileyo ukuba bamakishe bayakhuthazwa kakhulu ukuba bafake izicelo. Iinqununu nabacebisi ngezekharityhulam bayacelwa ukuba bakhuthaze ootitshala abanolwazi ukuba bafake izicelo.
6. Iinqununu mazivume ukuba ziyifumene le ngcaciso imfutshane kwifom eqhotyoshelweyo, nemayifike kule ofisi phambi kwe-11 Meyi 2006.


ISAYINWE: NGU-A.P. CLAUSEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:05:02

List of subjects  (ubukhulu: 11 KB)
Application form  (ubukhulu: 23 KB)
Acknowledgement of receipt  (ubukhulu: 32 KB)