1. Izatifikethi zematriki zabaviwa abaphumeleleyo nezatifikethi zezifundo kuphela zabo bangaphumelelanga ababebhalisele uviwo lukaNovemba 2005 esikolweni sakho okanye kwiziko lakho zifakwe apha ukuze uzinike abaviwa abachaphazelekayo.
2. Baxelelwa bonke abaviwa nge-Information Brochure for Senior Certificate Candidates 2005 [umhlathi 13] ukuba izatifikethi zabo zematriki zaziza kukhutshwa ekupheleni kukaMeyi 2006 yaye zaziza kuba sezikolweni ababefunda kuzo ukuze baziphuthume kuzo.
3. Kucelwa uqaphele ukuba izatifikethi zabaviwa ababebhalisele iimviwo zokuxabangela ngoMatshi 2006 ukongeza azifakwanga. Ezi zatifikethi ziya kuthunyelwa kwiinqununu kamva.
4. Kukwafakwe apha uluhlu lwezatifikethi olufakwe kwi-scan olusuka ku-UMALUSI ukukwenzela lula.
5. Kukwafakwe kwakhona uluhlu lwabo bonke abaviwa ababhalisela uviwo lukaNovemba 2005 esikolweni sakho/kwiziko lakho, lokunceda iinqununu ukuba ziqinisekisise ukuba zeziphi, ukuba zikho, izatifikethi ezingekhoyo. Ziyacelwa inqununu ukuba zixele kweli sebe ngeleta ebhaliweyo naziphi na iingxaki kunye nezatifikethi ezingafakwanga kwezi zithunyelwayo zingadlulanga iintsuku ezili-14 ukususela ekuzifumaneni kwazo.
6. Ziyacelwa kwakhona iinqununu ukuba zigcine irekhodi epheleleyo yabaviwa abasayinayo bevuma ukuba bazifumene izatifikethi zabo (Acknowledgement of Receipt). Kucelwa uqaphele ukuba nabani na osayinela ukwamkela isatifikethi sematriki makaveze isazisi esisemthethweni (valid identity document).
7. Yonke imibuzo engokumalunga nezatifikethi zematriki zoviwo olukhankanywe apha ngasentla mayibhekiswe kwaba bantu balandelayo:
Nksk E du Toit  021 467 2924 esdutoit@pgwc.gov.za
Nksk M Pekeur   021 467 2928 mpekeur@pgwc.gov.za
Mnu H Davids    021 467 2927 hdavids@pgwc.gov.za
MnuL Weber      021 467 2926 lweber@pgwc.gov.za
Mnu D Jacobs    021 467 2930 dejacobs@pgwc.gov.za
8. Siya kuyithakazelelwa kakhulu intsebenziswano yakho ngokumalunga noku.


ISAYINWE: NGU-A.P. CLAUSEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:05:02

Acknowledgement of receipt  (ubukhulu: 31 KB)