1. Kufakwe apha uluhlu lokuqala lwamagama abaviwa abangabafundi ababhaliswe kwiziko lakho bebhalisela uvavanyo lwe-Abet kwinqanaba 4 (NQF 1) ngoJuni 2006, kwaye kufuneka lutshekishwe ngononophelo. Ukuba kuye kwakho nawuphi na umfundi ekubekho impazamo kubhaliso lwakhe okanye oshiyiweyo akafakwa eluhlwini, makuboniswe oku ngombhalo obomvu kuluhlu oluprintiweyo.
2. Olu luhlu lukwakunika ithuba lokugqibela lokwenza naziphi na iinguqulelo kwiinkcukacha zabafundi. Nceda ugcine ikopi yezilungiso ezo, ukulungiselela iirekhodi zakho.
3. Izilungiso zokugqibela kolu luhlu lokuqala lwamagama abaviwa mazingeniswe kwiCandelo leeMviwo ungagqithanga uMvulo we-15 Meyi 2006. Ukuba akukho zimpazamo zivelayo kwiphepha eliprintiweyo, nakuba kunjalo, abaphathi bamaziko kufuneka bangqine ngokubhala batsho ukuba iinkcukacha ezikuluhlu zichanekile ngandlela zonke.
4. Bayacelwa abaphathi beesekethe ukuba baqinisekise ukuba umhla wokubuyiswa kwezi zilungiso ulandelwa ngokuthe ngqo. Izintlu ezifunyenwe emva komhla ochaziweyo aziyi kuthathelwa ngqalelo kwaye akukho zinguqulelo ziya kwenziwa ke ngoko apho kuzo.
5. Iya kuthakazelelwa intsebenziswano yakho ngokumalunga noku.


ISAYINWE: NGU-A.P. CLAUSEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:05:02