1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni linqwenela ukubulela zonke izikolo ngenxaxheba yazo kwiimvavanyo zeeLwimi neMathematika ngo-2005. Iimvavanyo ezifanayo ziya kwenziwa kwakhona ngo-2006 kwaye niyakhunjuzwa ukuba ezi mvavanyo zinyanzelekile kubo bonke abafundi beBakala 8 kwizikolo zikarhulumente ze-WCED nakwezizimeleyo.
2. Nceda uqaphele ukuba iCandelo leeMviwo leSebe leMfundo leNtshona Koloni liya kusebenzisa iziko ledatha le-CEMIS ukubhalisela abafundi bezikolo zikarhulumente eziqhelekileyo kwezi mvavanyo zingentla.
3. Uyabongozwa ukuba uncede uhlaziye ngokukhawuleza idatha yabafundi bakho bebakala 8 ngokusebenzisa inkqubo ye-CEMIS ungadlulanga umhla we-10 Meyi 2006.
4. Kuphela ngabafundi ababhalisiweyo nge-10 Meyi 2006 abaya kufumana amaphepha eemvavanyo, oko kwenziwe kuphela ngolwimi lokufundisa njengoko lubonisiwe.
5. Enkosi ngentsebenziswano yakho.


ISAYINWE: NGU-J.H. HURTER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:01:01