1. Kulo nyaka, ubhaliselo loviwo lwabafundi abasisigxina (full-time learners) kuzo zonke izikolo zikarhulumente ukulungiselela uViwo lweMatriki luka Novemba 2006 aza kubhaliswa ngokusebenzisa iziko ledatha i-CEMIS.
2. Niyabongozwa ke ngoko ukuba nincede niqinisekise ngokukhawuleza ukuba idatha yabo bonke abafundi beBakala 12 kwiziko ledatha i-CEMIS ifakelwe iinkcukacha zakutsha nje (updated). Kucelwa niqaphele ezi zinto zintsha zongezelelweyo zilandelayo ziye zafakwa:
2.1 Ulwimi esibhalwa ngalo isatifikethi (Certificate language)
2.2 Ubume bomfundi ovela kwelinye ilizwe (Immigration status)
2.3 Iimpawu zobhalo ezisegameni okanye ezikwifani (diacritical marks)
2.4 Ikhowudi yengingqi nenombolo yefoni
2.5 Izifundo ezongezelelweyo (kwenziwe ngoku isibonelelo sezifundo ezili-10)
3. Emva kokufaka zonke izinto ezintsha ezongezelelweyo, kwakunye nezi zilapha ngentla, kufuneka uprinte ishedyuli yento nganye efakiweyo uyitshekishe. Emva kokwenza izilungiso kwirekhodi yomfundi, phinda uyiphrinte kwakhona ishedyuli. Kufuneka ke ngoku intloko yeziko lemfundo iyingqine ishedyuli leyo ukuba yechanekileyo ize iyingenise kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni ungekadluli umhla we-24 Matshi 2006 kulo:
Head: Education
Western Cape Education Department
For Attention: Ms C Abrahams
Directorate: Examinations
Private Bag X9114
Lower Parliament Street
Cape Town
8000
Inombolo yefoni: 021 467 2914
4. Abafundi abakwizikolo ezizimeleyo baya kubhaliswa ngokusebenzisa inkqubo yekhompyutha yango-2005. Ukwenziwa kobhaliso ukulungiselela le njongo kuza kuvulelwa kungekudala. Izikolo ezizimeleyo ezingenako ukusebenzisa inkqubo yekhompyutha ziya kuvunyelwa ukuba zisebenzise iifom zonbhaliso (entry forms). Ubhaliselo loviwo lwabafundi be-ABET nabafundi babucala (private learners) luya kusingathwa ngeleta eyahlukileyo.
5. Iya kuthakazzelelwa kakhulu intsebenziswano yenu.


ISAYINWE: NGU-A.P. CLAUSEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:03:08