1. Sele zifumaneka ngoku iingxelo zabavavanyi (examiners’ reports) zezifundo ezabhalwa ngo-2005 zeeMviwo zeMatriki kwiziko lewebhu leSebe leMfundo leNtshona Koloni kule dilesi (Khangela isalathiso A – Z kwiRipoti yaBavi, okanye ufunde ingcaciso ngokunxulumene nooTitshala kunye naBalawuli).
2. Iinqununu ziyacelwa ukuba ziqinisekise ukuba
  • utitshala ngamnye ofundisa isifundo esivavanywa kwiBakala 12 ufumana ikopi yengxelo echaphazelekayo yomvavanyi;

  • ingxelo nganye ifundwa kunye nephepha loviwo elichaphazelekayo; nokuba

  • ikopi yengxelo nganye efanelekileyo igcinwa esikolweni ukulungiselela ukuba isetyenziswe xa kuyimfuneko.



ISAYINWE: NGU-L.C. ARENDSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:03:31