1. Iintloko zamaziko emfundo ezifaka izicelo kwiSebe leMfundo zokufumana iminyinyiva kwiimviwo (ixesha elongezelelweyo okanye nayo nayiphi enye indlela yokuviwa okanye indlela etshintshwe apha naphaya) ukulungiselela abaviwa boViwo lweMatriki, mazikwenze oko ngokwesikhokelo esibhalwe kwiSihlomelo A seNgcaciso eMfutshane yeCandelo leeMviwo 0015/99 yowe-3 Septemba 1999. Ukuba iziko lakho alinalo olu xwebhu lomgaqo-nkqubo, lunokufumaneka kwiCandelo leeMviwo.
2. Ngokumalunga neeMviwo zeMatriki zika-2006, kucelwa uncede uqaphele ukuba umhla wokugqibela wokufakwa kwezicelo zabafundi abangaboniyo (visually impaired learners) utshintshelwe kwi-15 Matshi 2006. Umhla wokugqibela wokufakwa kwezicelo zabo bonke abanye abafundi ngowama-30 Juni 2006.
3. Ifom emiselweyo yesicelo (iSihlomelo A) mayihambe kunye nengxelo yengcali echaza ngokunzulu (engekho ngaphezulu kweminyaka emi-3 ikho) evela kugqirha, kwiphara-medikhi okanye kwisayikholojisti, kwakunye nobunye ubungqina obuxhasayo (iziphumo zoxilongo, iziphumo zoviwo, njl. njl.).
4. Ukususela ngo-2006 ifotokopi yesazisi somfundi mayihambe kwakhona nesicelo ngasinye.
5. Kwiimeko apho isicelo senzelwa umviwa otsala nzima ekupeleni amagama okanye onengxaki yokubhala makwaziswe umvavanyi ngenjongo yokuba akuthathele ingqalelo oku, makufakwe kunye nemizekelo yomsebenzi obhalwayo womviwa, obonisa ngokucacileyo ingxaki leyo.
6. Makunikwe inkcazo ecace gca yengxaki yomfundi, njengoko iqatshelwe eklasini. Ukuba ingxaki inkulu, makuboniswe iminyinyiva yexesha elidlulileyo eyanikwa abaviwa ngexesha lokufunda kwabo (umz. ukunikwa ixesha elingaphezulu, iminyinyiva emalunga nopelo lwamagama). Kwiimeko ezinjalo, makubhekiselelwe ngokukodwa kwakhona kubungakanani bomnyinyiwa owawunikiwe, umz. inani lemizuzu engaphezulu eyanikwa ngeyure nganye.
7. Izicelo zokunikwa ixesha elingaphezulu lokubhala uviwo ngenxa yeemeko ebezingaziwa, ezinjengokwaphuka ingalo okanye umnwe okwenzeka emva kwale mihla ikhankanywe apha ngentla yokuvala, mazingeniswe nazo ngefom emiselweyo. Kwimeko enjalo, ifom yesicelo, izatifikethi zonyango namanye amaxwebhu axhasayo anokuthunyelwa ngefeksi kwiSebe leMfundo, kusetyenziswa le nombolo yefeksi 021 461 5637. Amaxwebhu entsusa angathunyelwa emva koko ngeposi. Kwiimeko ezinjengezi, makwaziswe uNdlunkulu ngefoni, nokuba ngaba nguMnu J.C. Albertyn (ifoni 021 467 2011) okanye uMnu H.A.J. Coetzee (ifoni 021 467 2921) ukuba seyithunyelwe ifeksi.
8. Isigqibo seSebe leMfundo ngokumalunga nesicelo sexesha elingaphezulu, kwakunye nolunye utshintsho apha naphaya, siya kuthunyelwa kwintloko yeziko kwaye, ngaphandle kokuba kuchazwe ngolunye uhlobo, loo mnyinyiva uya kusebenza kwiimviwo zombini, ezikaNovemba nezokuxabangela zikaFebruwari-Matshi. Intloko yeziko mayazise umgadi wabaviwa kunye nomviwa ngencwadi ebhaliweyo ngesigqibo eso.
9. Kucelwa uncede uqaphele ukuba imvume yexesha elingaphezulu kuzo zonke iimviwo zangaphakathi, ukuya kutsho yaye kubandakanywa noviwo lweBakala 12 lukaSeptemba, inokunikwa kuphela ngumphathi wesekethe ochaphazelekayo. Amaziko makayigcine kwirekhodi iminyinyiva elolu hlobo.
10. Zonke izicelo mazivunywe kwaye zisayinwe yintloko yeziko elo.
11. Nceda wazise okubhalwe kule ngcaciso emfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-J.C. ARENDSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:02:16

Policy (kwiSihlomelo A seNgcaciso eMfutshane yeCandelo leeMviwo 15/99)  (ubukhulu: 32 KB)
iSihlomelo A (Application form)  (ubukhulu: 13 KB)