Balingane

1. Enkosi ngokusebenzisana nabo basandula kugqiba uqeqesho (interns) kunyaka ophelileyo ekuveliseni eli phepha leendatyana zakwaNdlunkulu linguvulindlela. Le projekthi eneneni yayikukuzivavanya ababekufuna ukuze bagqibezele umsebenzi abawenza phantsi kweliso labanamava. Lo msebenzi wasinika sonke ithuba elihle kakhulu.
2. Ngoku siceba ukuvelisa iphepha leendatyana zaseburhulumenteni zeSebe i-WCED liphela, nesiza kulipapasha kuqala kwi-intanethi de kuvunywe ibhajethi yethu ka-2006/07. Sinethemba lokuba siza kuvelisa ikopi eshicilelweyo kungekudala ukuxhasa oko sele kukho kwiwebhu. Igama leli phepha leendatyana okwangoku lithi WCED News.
3. Injongo ye-WCED News iya kuba kukwazisa abo bakwisebe lemfundo ngokubanzi ngezinto eziqhubekayo kwezemfundo apha eNtshona Koloni, kuze kugxininiswe ngakumbi kwizikolo, kwiikholeji, kumaziko e-ECD ne-ABET, kwii-EMDCs nakwaNdlunkulu.
4. Sesicwangcisele ukupapasha upapasho lokuqala ngokukhawuleza emva kokwaziswa kwesiCwangciso soPhuhliso lweZakhono zoLuntu (Human Capital Development Strategy (HDCS)). Isicwangciso sethu sonxibelelwano (communication strategy) sihambelana kakhulu nokubhengezwa kwe-HDCS, ngako oko ke kufanelekile ukuba sazise uluntu ngeli phepha leendatyana lethu ngeli xesha.
5. Okwangoku sisacwangcisele ukupapasha ikopi eshicilelweyo qho ngekota, ngokuxhomekeka ekubeni iza kusivumela ibhajethi ukuba senze oko.
6. Siya kuyithakazelela kakhulu into yokuba ningasinceda nisithumelele iindaba zenu. Sifuna nje kuphela amanqakwana (notes), ekukhethwa ukuba nisithumelele nge-imeyili. Siya kuzilandelela izinto ezithile xa kukho imfuneko yoko, kodwa yonke enye into niyiyekele kuthi.
7. Oku kulandelayo luluhlu lohlobo lwamabali esifuna ukuwafaka kwi-WCED News. Ukuba ngaba naliphi na lala mabali lichaphazela nabani na okubasebenzi beziko elo, sicela nisixelele ngoko.
8. Ngelishwa asinako ukuninika ingqinisekiso yokuba sakufaka zonke izihlokwana zeendaba, kodwa siya kuzama kangangoko sinako ukuba sikhuphe amanqaku eendaba singakhethi cala, sithathe izimvo ngezimvo yaye sizikhuphe ngokuchanekileyo izinto ezenzeka kwezemfundo kweli phondo.
  • Iinkomfa neesimpoziya

  • Iziganeko ezibalulekileyo

  • Okuqhubekayo malunga nemigaqo-nkqubo

  • Ukuphunyezwa kwemigaqo-nkqubo

  • Iiprojekthi ezintsha

  • Ezakutsha nje ngeeprojekthi

  • Abeze nempumelelo esemagqabini

  • Iiprogram zoqeqesho

  • Uphando

  • Iiprogram zezakhiwo ezakhiwayo

  • Ukufakelwa koomatshini nezixhobo ezitsha

  • Ithekhinoloji kwezemfundo

  • Iziganeko eziza kubakho

  • Abantu ababalulekileyo abaza kutyelela

  • Imisebenzi eyenziwa ngokubambisana kukarhulumente nabezoshishino

  • Iindaba ezingabasebenzi, kubandakanywa:

    • Amabhaso aphunyelelwe ngokugqwesa

    • Izithethi zembeko kwiinkomfa nakwiisimpoziya

    • Ukuqeshwa

    • Unyuselo-sikhundleni

    • Inkonzo ende

    • Ukuthatha umhlala-phantsi

    • Amatyelelo kwamanye amazwe

    • Intsebenziswano namanye amasebe kuzwelonke nakumaphondo

    • Izinto zokuchitha isithukuthezi, nezo zithandwayo

    • Ukuvela kumajelo eendaba (kumaphepha-ndaba, kwi-TV, kwiradiyo)


9. Siya kuzivuyela naziphi na izimvo okanye iingcebiso eningathanda ukuzenza malunga nokuba singazivuyela njani na iziganeko zabeze nempumelelo esemagqabini nokuba singahlangabezana njani na nemingeni esijongene nayo kwezemfundo kweli phondo.
10. Sikwajonge ngolangazelelo ekusebenzisaneni namaphepha eendatyana zeesekethe nezamacandelo, kwezo ndawo ziwapapashayo, ukwenzela ukuqinisekisa unxibelelwano olululo kumanqanaba onke nakwiindawo zobungcali ezifuna ukuqatshelwa ngokukodwa kuluntu lwethu kwezemfundo ngokubanzi lwaseNtshona Koloni. Abasebenzi beCandelo lezoNxibelelwabo baza kuqhagamshelana nani kungekudala ngenjongo yokufumana ngakumbi ngokuqhubekayo kumacandelo nakumacandelwana enu. Siya kuyithakazeleka kakhulu into yokuba ningancedisana nathi ngandlela zonke.

Enkosi



ISAYINWE: NGU-A.M. ATTWELL
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:02:08