1. ISebe leMfundo liqulunqe isikhokelo solutsha esingamathuba okuqhubeka nemfundo.
2. Esi sikhokelo siya kubonelela abafundi be-FET ngengcaciso engamathuba okuqhubeka nemfundo kwaye sijolise ekunikeni inkxaso abantu abatsha ekuthatheni izigqibo ngamathuba okuqhubeka nemfundo emva kweBakala 12.
3. Ingcaciso ekule ncwadana inxulumene neemfuneko zeZiphumo zokuFunda-4 (Learning Outcome 4), amaKhondo emiSebenzi namaKhondo ongawaKhetha (Careers and Career Choices), kwiziFundo ngezoBomi (Life Orientation) kwiCandelo le-FET.
4. Isikolo ngasinye siya kufumana iikopi ezimbini zale ncwadana, neziya kusetyenziswa njengesibonelelo esongezelelweyo kootitshala nakubafundi kwisiFundo ngezoBomi.
5. Le ncwadana iya kuthunyelwa ezikolweni ngoFebruwari 2006.
6. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okukule ngcaciso imfutshane ootitshala beSifundo ngezoBomi kwicandelo leFET ukuze bakuthathele ingqalelo nokuba ziqinisekise kwakhona ukuba ootitshala beSifundo ngezoBomi bayayifumana le ncwadana.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:02:03


La maxwebhu kubhekiselelwe kuwo njengaqhotyoshelwe kule setyhula, akaqhotyoshelwanga kodwa ayafumaneka njengeekopi ezingelokhutshelo (hard copies).