1. Eyona njongo ephambili yovavanyo lokwandlalela (baseline assessment) kukuba utitshala makaqonde oko sebenolwazi lwako abafundi (ngabakufundileyo ngaphambili) nokusebenzisa le ngcaciso ukuphembelela inkqubo yokufundisa khon' ukuze iimfuno nezinto ezahlukeneyo abakwaziyo ukuzenza abafundi zithathelwe ingqalelo. Lukwanika nesiqalo apho kunokuqatshelwa khona inkqubela yalowo nalowo mfundi ngamnye.
2. Uvavanyo lokwandlalela ludla ngokwenziwa ekuqaleni kwebakala okanye kwesigaba. KwiBakala 1 alusetyenziselwa kuqaphela ukuba ngaba umfundi wesikolo sabasaqalayo (pre-school)/weBakala R "ukulungele" na ukubhalisa okanye hayi, koko lwenziwa bakuba bebhalisiwe abafundi.
3. Ngo-2006, njengenxenye yesiCwangciso soLwazi lokuFunda nokuBhala kunye noLwazi lokuBala (Literacy and Numeracy strategy), iSebe leMfundo leNtshona Koloni laqalisa iProgram yoVavanyo lokwaNdlalela (Baseline Assessment Programme) ukulungiselela abafundi beBakala 1. Le Program yasetyenziswa ekuvavanyeni abafundi ngokumalunga nemigangatho yovavanyo yeBakala R kwisithuba seentsuku ezili-15, lo gama ibaqhelanisa nemeko yabo yokufunda entsha.
4. Ukususela nge-17 Januwari 2007 kude kube nge-6 Februwari 2007, ootitshala beBakala 1 kufuneka basebenzise kwale Program yoVavanyo loKwandlalela lweentsuku ezili-15 (15-day Baseline Assessment Programme) kwaye mabasoloko bekhumbula oku kulandelayo:
  • Ootitshala banokuyilungisa apha naphaya iProgram ngokususela kwiimfuno zabafundi babo.

  • Ootitshala basenokuyigqiba iProgram kwiintsuku ezingaphantsi kwe-15, ukuba abafundi sebevavanyiwe.

  • Ngeli xesha kufuneka iprogram ijolise kuvavanyo hayi ekufundiseni nasekufundeni. Ingcaciso efunyenweyo iya kusetyenziselwa ukumana kujongwa kuyo kwixesha elizayo.

  • Ootitshala mabangayandisi le Program idlule kwiintsuku ezili-15.

5. Ngo-2007 kuza kubakho umboneleli-nkonzo oya kuqhuba isaveyi yezikolo ezikhethwe kungacwangciswanga (random sample of schools) ukuqinisekisa izinto ezithandekayo kuyo, imingeni nendima edlalwe yile Program yoVavanyo loKwandlalela. Iingcebiso ezivele kuloo saveyi ziya kuthathelwa ingqalelo zize ziphunyezwe ngo-2008.
6. Izikolo ezifuna uncedo okanye ingcaciso engaphezulu ngovavanyo lokwandlalela lweBakala 1 ngo-2007 maziqhagamshelana naBacebisi ngezeKharityhulam beSigaba seSiseko bee-EMDC zazo (EMDC Foundation Phase Curriculum Advisers).
7. Ziyacelwa iinqununu neeNtloko zeSigaba seSiseko zezikolo ukuba zazise okubhalwe kule ngcaciso emfutshane bonke ootitshala beBakala 1 phambi kokuphela kwalo nyaka wezifundo ukwenzela ukuba babe nokulungisa iiprogram zokufunda neeshedyuli zomsebenzi ukuze zilungiselele nokusetyenziswa kwale nkqubo.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:11:14