1. Ukuxhasa ukuphunyezwa kweNkcazo yeKharityhulam kaZwelonke (National Curriculum Statements (NCS)) yeFET, iSebe leMfundo eNtshona Koloni liya kuqhuba iqela loomasifundisane abangezifundo ezizodwa (specialised subject related workshops) kwiveki yokugqibela yale holide yezikolo izayo kaDisemba - Januwari, o.k.t. ukususela nge-8 ukuya kwi-12 Januwari 2007 (khangela kule Ngcaciso eMfutshane 0091/2006).
2. Injongo yoomasifundisane bangoJanuwari 2007, kukubonelela ngeprogram yenkxaso egxininisa ngokukodwa imibandela ethile ukwenzela ukuba ootitshala bakwazi ukuxhasa ukuphunyezwa kweNCS kumaBakala 10 no-11.
3. IsiHlomelo A sinika ingcaciso ebanzi ngezifundo ezichaphazelekayo, kwakunye nemihla, amaxesha, iindawo kunye neenkcukacha zoqhagamshelwano.
4. Ootitshala abeze kulo masifundisane mababhalise kwaNdlunkulu. Ifom yobhaliso eqhotyoshelweyo (IsiHlomelo B) mayingeniswe kuMnu J. Randewijk kule dilesi ye-imeyili jrandewijk@pgwc.gov.za okanye mayithunyelwe ngefeksi kule nombolo 021 467 2258, ungekadluli owe-30 Novemba 2006. Ukuba ufuna ezinye iinkcukacha kucelwa uqhagamshelana noMnu J Randewijk kule nombolo yefoni: 021 467 2564/2585.
5. Ngenxa yezizathu zokuba kufuneka kwenziwe amalungiselelo, ootitshala abangabhalisiyo, ngelishwa abayi kuvunyelwa ukuba beze kulo masifundisane.
6. Iimfuno zikamasifundisane

Bayacelwa ootitshala ukuba beze nala maxwebhu alandelayo omgaqo-nkqubo nezikhokelo kumasifundisane woqhelwaniso nezifundo, nasele ethunyelwe ezikolweni:

  • National curriculum subject statements

  • Learning programme guidelines

  • Subject assessment guidelines

  • National Protocol on Assessment

  • Guidelines for ICT Integration with NCS Subjects in Grades 10 - 12

  • New textbooks or other relevant subject material

7. Ootitshala abanqwenela ukwenza amabango eendleko ngokusebenzisa izithuthi zabo mabeze noku kulandelayo kumasifundisane:
  • Inombolo yePesali yakhe

  • Iinkcukacha zenombolo yobhaliso yesithuthi nesayizi ye-injini yesithuthi asisebenzisileyo

  • Iinkcukacha ze-akhawunti yebhanki yakhe

8. Ootitshala abasebenzisa izithuthi zikawonke-wonke (iinkonzo zeebhasi noololiwe) mabaqhoboshele iirisithi ezisemthethweni kumabango abo. Apho ootitshala basebenzise iikhombi (mini-buses), amabango makahambe kunye neerisithi ezikhutshiweyo okanye neleta evela kwinqununu yesikolo, engqina inkcitho eyenziweyo. Utitshala ngamnye makangenise ibango elingqiniweyo elahlukileyo.
9. Ikholam yesi-7 yesiHlomelo A esiqhotyoshelweyo inika ingcaciso ngendawo yokuhlala. Ootitshala abasuka kwiingingqi zasemaphandleni abahamba umgama oyi-100 km nangaphezulu (uhambo olusinga calanye) ukuya kufika kwindawo enomasifundisane, bangalala ubusuku ngabunye ngexesha lokuqhubeka kukamasifundisane. Ootitshala baya kubuyiselwa ngeendleko ezilolu hlobo, phantsi komqathango wokuba bangenisa iikopi zee-invoyisi eziyintsusa (original invoices). Amabango makangeniswe kubaququzeleli bakamasifundisane ngosuku lokugqibela lukamasifundisane. Nangona kunjalo, iSebe iWCED aliyi kuzibuyisa iindleko zootitshala zeefoni zabucala abazenzileyo okanye zeziselo ezinxilisayo.
10. Iinqununu ziyacelwa ukuba
  • zingawuphosi konke umhla wokungeniswa kweefom zobhaliso oyi-30 Novemba 2006;

  • ziqinisekise ukuba ootitshala baxelelwe ngezinto ezifunwa kumasifundisane, kwaye

  • zazise okubhalwe kule Ngcaciso eMfutshane bonke ootitshala bamaBakala 10 - 12 abafundisa ezi zifundo ziboniswe kwisiHlomelo A.



ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:11:08

Isihlomelo A  (ubukhulu: 16 KB)
Isihlomelo B  (ubukhulu: 7 KB)