1. Ukusebenzisa ootitshala kwezo zifundo bakwazi ncam ukuzifundisa

Ukususela ngoJanuwari 2007, iNkcazo yeKharityhulam kaZwelonke iya kusebenza ukususela kumaBakala R - 11. Izikolo nesebe lemfundo kufuneka zinike ixesha lokuphucula ubungcali kwikharityhulam, ukuqinisekisa ukuba ootitshala banikwa imisebenzi yokufundisa kwezo zifundo bakwazi ncam ukuzifundisa.

2. Ukuphuhlisa ubungcali kwikharityhulam ngokubanzi

Njengabaphathi bekharityhulam ezikolweni zabo, iinqununu kulindeleke ukuba ziphuhlise ootitshala bazo ukuze babe ziingcali kwiinkalo zekharithyulam abazifundisayo. Iprogram yophuhliso lwabasebenzi iya kusinceda isikolo ukuba sihlale silungele ukukhawulelana nemeko ekhoyo kwaye senze inguqu ngokuzithemba. Isicwangciso esilolu hlobo siya kukhokela ootitshala ukuba bazixhobise bona ngokwabo kwiinkalo ezintsha. Luyafumaneka uqeqesho olwenziwa liziko loqeqesho iminyaka emi-2 kufundwa ngokungesosigxina iikhosi ze- ACE (two-year part-time ACE courses). Kwezinye iimeko ootitshala bangabuyiselwa imali yeendleko zezi khosi emva kokuzigqiba ngempumelelo.

3. Ukunika ixesha lokukhulisa ulwazi

Uphando lubonisa ukuba bakuba beqeqeshiwe ootitshala kweso sifundo, kuthatha ixesha phambi kokuba bazive bezithembile benako ukumelana neemfuno zesifundo eso. Ngako oko ke kufuneka,

  • banikwe ithuba lokwakha isiseko esomeleleyo kwisifundo/kwinkalo yesifundo nakwibakala phambi kokuba batshintshele kwinkalo entsha kunye/okanye kwibakala elitsha;

  • bakhule baye kufikelela kwinqanaba elithile lobungcali kwezo nkalo zezifundo babelwe zona; nokuba

  • bahlale kwibakala ubuncinane iminyaka emi-3 kwezo nkalo bakhe bafumana uqeqesho kuzo okanye bathatha inxaxheba kuzo kwiiprojekthi zekharityhulam, umz. ukuphucula ulwimi okanye ulwazi lokubala.

Oku kuthetha ukuba ootitshala

  • mabahlale kwibakala bangasuki batshintshe kunyaka ngamnye baye kwibakala elilandelayo lesigaba kunye neeklasi zabo;

  • mabavavanye ulwazi lomfundi ngamnye ekuqaleni konyaka omtsha;

  • mabangasuswa babhekiswe ngapha nangapha kungekho mfuneko yoko, ukuze kuthi ngokwenjenjalo banyanzeleke ukuba baqalise izicwangciso ezitsha nokukhangela ngokutsha izibonelelo zokufunda nokufundisa qho kunyaka ngamnye. Akwamkelekanga ukuhamba phakathi enyakeni, ngaphandle kokuba kukwiimeko ezizodwa kakhulu ezingenakulawuleka.

4. Ukufumana inkxaso ekucwangciseni

Inkxaso yokuxhasa esi sicwangciso sethuba eliphakathi ukuya kwelide ingafunyanwa kubacebisi ngezekharityhulam nakubaphathi beesekethe.



ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:10:31