1. Isaveyi yokujonga iimfuno eqhutywe kwii-EMDC ngokubanzi ibonisa ukuba kukho imfuno yokuba kubekho uqeqesho olungenzimanga kwi-accounting olwenzelwa ootitshala be-EMS bamaBakala 8 & 9 nabangenalo uqeqesho olufanelekileyo kwi-accounting njengesinye sezifundo abaziqeqeshelweyo nabacinga ukuba baya kuba neengxaki esikufundiseni, ekusifundeni nasekuvavanyeni iSiphumo seNkalo yokuFunda 3 (Learning Outcome 3) kunye nemigangatho yovavanyo echaphazelekayo enge-Accounting.
2. Ukusabela le mfuno, kwenziwa amalungiselelo kamasifundisane weentsuku ezine ukuqala ngoMvulo we-8 ukuya kuLwesine we-11 kuJanuwari 2007 owenzelwa ootitshala be-EMS bamaBakala 8 & 9, njengoko kupapashiwe kwiNgcaciso eMfutshane yeCandelo loPhuhliso lweKharityhulam 0091/2006. Kukhethwe abacebisi ngezekharityhulam ye-EMS/Accounting abanolwazi namava ukuba baqhube aba masifundisane, nabaya kunika ootitshala ulwazi nezakhono eziphambili neziyimfuneko ekufundiseni i-Accounting kwinqanaba lamaBakala 8 & 9. Kucetyiswa ngamandla ukuba ootitshala abangenalo uqeqesho lweziko lemfundo ephakamileyo (tertiary training) kwi-accounting nabaya kufundisa i-EMS kwiSigaba saBadala (Senior Phase) ngo-2007 ezikolweni, beze kulo masifundisane. Umasifundisane ucwangciselwe ukuba aqhutywe ekuqaleni konyaka ukuze oootitshala babenokuxhotyiswa kwasekuqaleni konyaka wokufunda ngolwazi nezakhono ezichaphazelekayo. Kucelwa ujonge isiHlomelo A ukufumana iinkcukacha ezingaphezu koku.
3. Ukubaqalisa kakuhle abafundi kumaBakala 8 & 9 kuyinto ebaluleke ngokugqithisileyo. Mabafundiswe kwaye bavavanywe ngootitshala abanolwazi ngemigangatho yovavanyo ye-Accounting. Ziyacelwa ke ngoko iinqununu ukuba zikhuthaze ootitshala bazo ukuba balisebenzise eli thuba.
4. Ukuze iSebe iWCED libonelele ngeekopi ezaneleyo zezibonelelo zikamasifundisane, kuyimfuneko ukuba ootitshala bambhalisele lo masifundisane ingadlulanga i-27 Oktobha 2006. Ngako oko ke izikolo mazizalise iinkcukacha zesiHlomelo B zize zisingenise kuMnu JO Gordon ingadlulanga i-27 Oktobha 2006 nge-imeyili kule dilesi: jegordon@pgwc.gov.za okanye zisithumele ngefeksi apha 021 467 2258.
5. Siya kuyithakazelela ngokwenene intsebenziswano yenu malunga noku ngokuthi niphendule kwangoko.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:10:14

Isihlomelo A  (ubukhulu: 8 KB)
Isihlomelo B  (ubukhulu: 10 KB)