1. Izikolo zazithunyelelwe amaphepha emibuzo eemviwo kazwelonke angumzekelo eBakala 10 ekuqaleni kwale nyanga. Isebe likazwelonke lithe ke ngoko lakhupha ezi mpendulo zicetyiswayo kula maphepha emibuzo angumzekelo.
2. Okuthunyelelwa kunye nale ngcaciso emfutshane ziimpendulo ezicetyiswayo ezinokusetyenziswa njengememorandam yamaphepha emibuzo eBakala 10.
2.1 Iinqununu mazisebenzise uluhlu lokutshekisha olubonelelweyo ukujonga ukuba zizifumene zonke iimpendulo ezichaphazelekayo ezithunyelwe ezikolweni zazo.
2.2 Ziyakhunjuzwa iinqununu ukuba ziqinisekise ukuba le mizekelo isetyenziswa ngendlela eyiyo ziikomiti zezifundo ukuseta amaphepha emibuzo oviwo lokugqibela lweBakala 10 lwesikolo. Nangona kunjalo, makungaze naphantsi kwazo naziphi na iimeko kusetyenziswe amaphepha emibuzo angumzekelo njengengamaphepha emibuzo oviwo lokugqibela.
2.3 INgcaciso eMfutshane 0072/2006 yacela izikolo ukuba zifekse iikhomenti zazo malunga namaphepha emibuzo kazwelonke kuMlawuli weCandelo loPhuhliso lweKharityhulam kule nombolo yefeksi 021 467 2620. ISebe leMfundo liyazibulela iimpendulo esele zifunyenwe ezivela ezikolweni.
2.4 Izikolo zisenethuba lokuthumela iimpendulo kude kuye kutsho nge-11 Oktobha 2006. Iimpendulo mazenziwe kwilethahedi yesikolo, kusetyenziswe esi sihloko silandelayo: Grade 10 National Exemplar Question Papers. Izikolo zisengathumela iimpendulo zazo ngeposi kule dilesi ingezantsi, FOR ATTENTION: Mr J PARBHOO, okanye zithunyelwe nge-imeyili kuye apha jparbhoo@pgwc.gov.za
3. Ziyacelwa izikolo ukuba zibhekise nayiphi na imbalelwano malunga nokushota kwamaphepha emibuzo kuMnu C Berry weCandelo leeMviwo kule nombolo yefoni 021 467 2258 okanye kule dilesi ye-imeyili cberry@pgwc.gov.za


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:10:05


La maxwebhu kubhekiselelwe kuwo njengaqhotyoshelwe kule setyhula, akaqhotyoshelwanga kodwa ayafumaneka njengeekopi ezingelokhutshelo (hard copies).