1. Izikolo ezazabelwe isithuba sengqesho sikatitshala womdaniso ngo-2006, nezisanqwenela ukuqhubeka zifundisa esi sifundo ngo-2007, kunye nezikolo ebezicele isithuba sengqesho sikatitshala womdaniso, mazizalise iifom zokwenza izicelo eziqhotyoshelweyo.
2. Iifom zokwenza isicelo ezizalisiweyo mazingeniswe kuMlawuli woPhuhliso lweKharityhulam kwaNdlunkulu weSebe leMfundo leNtshona Koloni kule dilesi: Private Bag X9114, Cape Town, 8000, engadlulanga uLwesihlanu we-20 Oktobha 2006.
3. Ziyacelwa izikolo ezinganqweneli kusigcina isithuba sengqesho sikatitshala womdaniso ku-2007, ukuba zazise uMlawuli weCandelo loPhuhliso lweKharityhulam, kule nombolo yefeksi 021 467 2620 okanye ngale dilesi ye-imeyili jrault-smith@pgwc, engadlulanga uLwesihlanu we-20 Oktobha 2006.
4. Ukucacisa gca iikhrayitheriya ezisetyenziswa ekukhetheni izikolo, fumana olu xwebhu luqhotyoshelwe apha 'Criteria for the Allocation of Dance Posts' (September 2006), noluthunyelelwayo.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:09:29

Application form  (ubukhulu: 27 KB)
Criteria  (ubukhulu: 8 KB)