1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni liya kuqhuba iqela loomasifundisane bezifundo ezinxulumene nobungcali (specialised subject related workshops) kwiveki yokugqibela yeeholide zikaDisemba/Januwari 2007, o.k.t. ukususela kowesi-8 - 12 Januwari 2007, ukuxhasa ukuphunyezwa kwe NCS.
2. Ukongeza, kwaziswa kwakhona ngeeprogram zokunika inkxaso engaphezulu eziya kwenziwa ngethuba leeholide zezikolo zangoMatshi - Apreli 2007.
3. Injongo yaba masifundisane kukuxhasa ootitshala kwinkqubo yokuqaliswa kwe-NCS kumaBakala 10 no-11, nokulungiselela ootitshala kunye nabafundi iSatifikethi seMatriki sikaZwelonke ngo-2008.
4. Esi sihlomelo siqhotyoshelweyo sinika isishwankathelo soomasifundisane abaseza kuqhutywa. Sinengcaciso ephathelele koomasifundisane, izifundo ezichaphazelekayo namaqela ekujoliswe kuwo.
5. Ootitshala kuya kulindeleka ukuba babhalise ukulungiselela aba masifundisane. Ingcaciso engaphezulu iya kunikwa kwikota yesine yalo nyaka, nakwikota yokuqala ngo-2007.
6. Ukufumana iinkcukacha ezingaphezulu qhagamshelana noMnu T. Smit 021 467 2630 okanye umthumelele i-imeyile apha: tcessmit@pgwc.gov.za..
7. Kucelwa wazise okubhalwe kule ngcaciso emfutshane bonke ootitshala abachaphazelekayo.


ISAYINWE: NGU-D.R. SHEPHERD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:09:21

Isihlomelo A  (ubukhulu: 8 KB)